bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 27
Acts 27
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 28 →
1
KEKALOKU xeshekweni bekugwetyiwe ukuba soselishela e‐Yitaliya, kwanikelwa u‐Paulusi, nabanye ababanjwa abatile, kwinkosikulu yasebandleni lika‐Auguste, ogama lalingu‐Juliyusi.
2
Sati singene enqanaweni yase‐Adramitiyume, sifuna ukuselisha ngokwayama indawo zase‐Asiya, sanduluka, u‐Aristariko, um‐Masedoniya wase‐Tesalonika, enati.
3
Nangomnye umhla safikela emhlabeni e‐Tsidone. Waza u‐Juliyusi wampata u‐Paulusi ngobubele, wamvumela ukuba aye kubahlobo, ongiwe ngabo.
4
Sindulukile nakona, saselisha ngapantsi kwe‐Kiperusi, ngenxa yokuba umoya ubuvela pambili.
5
Sati sakuba sicandile ulwandle olwayama i‐Silisiya ne‐Pamfiliya ngokuselisha, seza kufika e‐Mira, isixeko sase‐Lisiya.
6
Yaza inkosikulu, ifumene kona inqanawa yase‐Aletsandriya iselishela e‐Yitaliya, yasingenisa kwa kuyo.
7
Sati sakuba sibe sihamba kuhle ukuselisha imihla yamininzi, cebetshu sikohliwe kukufika malungana ne‐Kenido, umoya ungasivumeli nje, saselisha ngapantsi kwe‐Kirete malungana ne‐Salimoni;
8
saza sati, cebetshu sikohlwa kukuselisha kufupi kuyo, safika endaweni etile ekutwa Licw̔ebalihle, apo sibe sikufupi kona isixeko se‐Laseya.
9
Kekaloku nxa ixesha elikulu belidlulile, nanxa ukuselisha kube kuse kunengozi, ngenxa yokuba inzilo ibisel’ igqitile, u‐Paulusi wa ba yala,
10
esiti kubo: Madoda! ndiyabona ukuba lentselisho iya kuba nesenzakalo nesilahleko esikulu, singesesomtwalo nesenqanawa kodwa, sisesobomi betu kanjako.
11
Kodwa inkosikulu ibikolwa ngumkokeli wenqanawa nangumniniyo, ngapezu kwokuba ibikolwa zizinto ezibe zitetwa ngu‐Paulusi.
12
Kanjako icw̔eba elo lingalungile nje ukuhlala kwalo ukuba kwenziwe ubusika apo, abaninzi kubo banika icebo lokuba kundulukwe nakona, ukuba kungati bangafikela e‐Fenitse, benze ubusika apo, e licw̔eba lase‐Kirete libe̔ka ngasesuyidentshonalanga nangasenodentshonalanga.
13
Kwati kwakuvutela kakuhle umoya wasesuyide, besiba bazuzile into babeyifuna, besuka, bati nama ukuselisha kufupi e‐Kirete.
14
Kodwa kungekade kamva waquta usihla kuyo umoya oluqwitela, obizwayo ngokuti yi‐Yurokilidone.
15
Kekaloku yakubanjwa inqanawa, ikohlwa kumelana nomoya kanjalo, sancama, saqu̔tywa.
16
Saza sibalekile ngapantsi kwesiqiti esitile esi‐kutwa yi‐Kiloda, cebetshu sawoyisa umkonjana ukuwugcina:
17
abati bakuba bewufunqulile, benza ngezincedo, bejikelisa enqanaweni ngapantsi; baza besoyika ukuba ngabi baya kuwa pezu kwentlabati, bahlisa imiti yeseli, baqu̔tywa kunjalo.
18
Nxa ke sibe sijingajingiswa kakulu luqwitela, ng omhla olandelayo benza ukulahlwa:
19
nangowesitatu umhla saposa pandle ngezetu izandla impahla yenqanawa.
20
Kwati kungabonakali nelanga nenkwenkwezi ngemihla emininzi, uqwitela olungencinane lu si bandezela kanjako, kwada kwasuswa kanye lonke itemba lokuba sosindiswa.
21
Kekaloku emveni kwokuba bekuzilwa kade ukutya, wandula wema u‐Paulusi pakati kwabo, wati: Madoda! nibe nifanele ukuba napulapula kum, ningandulukanga e‐Kirete, naza nasinda esisenzakalo nesilahleko.
22
Nokwakaloku nje ndiyaniyala ukuba nibe nokucwayita: ngokuba kungayi kuba kulahlwa kwobomi bomnye umntu kuni, kwoba kokwenqanawa kupela.
23
Ngokuba bekumi ngakum ngobubusuku ingelosi katixo, lowo endingowake, nendimkonzayo,
24
isiti: Ungoyiki, Paulusi! ufanele ukuma pambi kwo‐Kesare; kanjalo bona ke, utixo ukupile bonke abaselisha nawe.
25
Ngako, madoda! yibani nokucwayita; ngokuba ndikolwa ngutixo, ukuba kwoba njalo kwa njengokuba kutetiwe kum.
26
Kodwa sifanele ukuwa pezu kwesiqiti esitile.
27
Kekaloku kwakufika ubusuku beshumi elinesine, nxa sibe siqu̔tywaqu̔tywa elulwandleni lwe‐Adiriya, ngapakati kwobusuku obo babezindla omatrose ukuba bayasondela emhlabeni otile.
28
Baza beposile ilode, bafumana ukuba ifatome zimashumi mabini: bati bakuba begqitile umganyana, beposile ilode nakanjako, bafumana ukuba ifatome zilishumi linantlanu.
29
Bandula besoyika ukuba kungati siya kuwa ematyeni, baposa iyankore zazine ngasemva, banqwena ukuba kusile.
30
Kekaloku nxa omatrose bebefuna ukubaleka enqanaweni, nanxa umkonjana bebewuhlisele elwandle, ezenzisa ukuti baya kuwisa iyankore ngapambili,
31
wati u‐Paulusi kwinkosikulu nakumasodati: Xeshekweni aba bangahlali enqanaweni, aningesindiswe nina.
32
Andula amasodati azinqamla intambo zomkonjana, awuyeka uwe.
33
Kwati kwakuba kube kusaza kusa, u‐Paulusi wabayala bonke ukuba mabakwamkele ukutya, esiti: Namhla ngumhla weshumi elinesine nilinda, nimana nizila ukutya, ningatabatanga luto.
34
Ndiyaniyala ngoko ukuba manitabate ukutya; ngokuba oku kuyelela ukulondolozwa kwenu; ngokuba kungayi kuwa nalunye unwele entloko yamntu wakuni.
35
Wati akuba etshilo, watabata isonka, wabulela kutixo ebusweni babo bonke; waza waqezula, waqala ukutya.
36
Baba bonke ke becwayitile, batabata ukutya nabo.
37
Saye siyimipefumlo emakulu mabini anamashumi asixe̔nxe anamitandatu enqanaweni inani letu sonke.
38
Bati bakuhlutiswa kukutya, bayenza lula inqanawa, beyilahlela elwandle inqolowa.
39
Kekaloku okuya bekusile, babengawazi umhlaba; kodwa babenakana icw̔etyana elitile linalo unxweme, abanxamela ukuti, ukuba kungenzeka, bayitya̔lele kulo inqanawa.
40
Bati bezipunyule iyankore, baziyekela elwandle, bezitukulule imbopelelo zemiti yokukapa kanjako; baza bapakamisa iseli enkulu ngasemoyeni, basingisa elunxwemeni.
41
Kodwa bewele endaweni apo kuhlanganayo ilwandle zimbini, bayinyanzelela kona inqanawa; waza umpambili wati nqi, wahlala ungenakushukuma, kodwa umva ubuqekezwa ngamandla amaza.
42
Laye lilicebo lamasodati ukuba abafise ababanjwa, ukuze kungabiko mntu ongasabayo ngokuhlamba.
43
Kodwa inkosikulu ifuna ukunga ingamlondoloza u‐Paulusi, yawanqanda eqingeni lawo, yaxela ukuba abo bakwaziyo ukuhlamba baziwise tanci, bapumele emhlabeni;
44
nokuba abanye baye inxenye pezu kwazo iplanke, nenxenye pezu kwezinto ezitile zivela enqanaweni. Kwaza kwati ngokunjalo, bafika bonke emhlabeni besindile.
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 28 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28