bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 13
Acts 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 14 →
1
KWAYE kube kuko abatile e‐Antiyoki, eṙementeni yakona, abaprofite nabafundisi; kwa u‐Banabasi, no‐Simone, obebizwa ngo‐Nigere, no‐Lukusi wase‐Kirene, no‐Manahene, obesondliwa ndawonye no‐Herodi inkosi, no‐Saulusi.
2
Kekaloku nxa bebesenza isikonzo kwinkosi, bezila ukutya kanjalo, wati umoya oyingcwele: Ndahluleleni ke u‐Banabasi no‐Saulusi kulomsebenzi endibabizeleyo kuwo.
3
Bandula bati, bakuba bezilile ukutya, betandazile nokutandaza, bebekile izandla pezu kwabo babandulula.
4
Aba ke ngoko, betunyiwe ngumoya oyingcwele, behlela e‐Selusiya, besuka kona baselishela e‐Kiperusi.
5
Bati bakuba bebefikile e‐Salamise, bashumayela ilizwi likatixo ezindlwini zentlanganiso zama‐Juda: babe kanjalo beno‐Johane engumkonzi.
6
Baza becandile isiqiti kwada kwase‐Pafosi, bafumana isanuse esitile, umprofite obuxoki, um‐Juda, ogama lalingu‐Bara‐yesu,
7
esibe sinaye umgwebi welozwe, u‐Seregiyo Paulusi, umntu osisazi: yena lo ebabizile u‐Banabasi no‐Saulusi, wanxamela ukuva ilizwi likatixo:
8
kodwa u‐Elimasi, isanuse, (ngokuba linjalo igama lake ngokukunyushwa,) wamelana nabo, efuna ukumpambukisa umgwebi elukolweni.
9
Waza u‐Saulusi, (o bizwa nango‐Paulusi,) ezalisiwe ngumoya oyingcwele, wabeka amehlo pezu kwake,
10
wati: Wena uzele yiyo yonke inkohliso nabubo bonke ubunginingini, mntwana ka‐Satane, lutshaba lwabo bonke ubulungisa! akuyi kupeza na ukupambukisa indlela ezilungileyo zenkosi?
11
Nakaloku, bona ke, isandla senkosi sipezu kwako, wauya kuba yimfama, ungaboni ilanga kube mzuzu. Kwasekusiwa pezu kwake kwa oko ubunkungu nobumnyama; waza efumfutisela wafuna abantu bokumtundeza ngesandla.
12
Wandula umgwebi akubona oko kwenzekileyo wakolwa, emangaliswa pezu kwofundiso lwenkosi.
13
Kekaloku nxa o‐Paulusi bandulukayo e‐Pafosi, beza e‐Perega yase‐Pamfiliya. Waza u‐Johane wemka kubo, wabuyela e‐Yerusaleme.
14
Kodwa bona besukile e‐Perega bacanda ilizwe, bafika e‐Antiyoki yase‐Pisidiya, bangena endlwini yentlanganiso ngomhla wesabata, bahlala pantsi.
15
Bati ke emveni kwokuleseshwa kwomteto nabaprofite abapati bendlu yentlanganiso batuma kubo, besiti: Madoda, bazalwana! ukuba ninalo ilizwi lokuyala ukuliteta ebantwini, tetani.
16
Wasuka wema u‐Paulusi, wakoba ngesandla, wati: Madoda, bo‐Sirayeli, nani boyikayo utixo! pulapulani.
17
Utixo wababantu o‐Sirayeli wabaqasha obawo betu; nabantu abo wabapakamisa bakuhlala njengabasemzini ezweni le‐Jipete, wabaku̔pa kulo ngengalo epakamileyo.
18
Wati ixesha langa layiminyaka emashumi mane wanyamezela imikwa yabo entlango.
19
Waza ezici̔tile intlanga ezisixe̔nxe ezweni le‐Kanane, wababela umhlaba wazo ngeqashiso.
20
Nasemveni kwoku wa ba nika abagwebi iminyaka yanga yamakulu mane anamashumi mahlanu, kwada kwako u‐Samyali umprofite.
21
Bati kamva bacela ukumkani; waza utixo wabanika u‐Saule unyana ka‐Kishe, indoda yakwisizwe sika‐Benjamine, iminyaka yamashumi mane.
22
Waza emshenxisile yena, wabavusela u‐Davide abe ngukumkani; owamnqi̔nelayo kanjalo, wati: Ndimfumene u‐Davide unyana ka‐Jese, indoda njengokweyam intliziyo, oya kukwenza konke ukutanda kwam.
23
Kwinzalo yaló utixo njengokwesibambiso wavusela o‐Sirayeli umsindisi, u‐Yesu;
24
akuba u‐Johane ebeshumayele pambili ubapitizesho lwoguquko kubo bonke abantu bakwa‐Sirayeli, engekafiki yena.
25
Naxeshekweni u‐Johane ebegqibela uhambo lwake, wayesiti: Nizindla ukuba ndingubanina? andinguye; koko, bona ke, kusiza emva kwam ozihlangu zenyawo ndingafanele mna ukuzitukulula.
26
Madoda, bazalwana, lusapo lwesizalwane sika‐Abrahame, nabo pakati kwenu abamoyikayo utixo! litunyiwe kuni ilizwi losindiso olu.
27
Ngokuba abo bemiyo e‐Yerusaleme, nabapati babo, bengamazanga yena lowo, nawo amazwi abaprofite, aleseshwayo ngesabata zonke, ba wa zalisekisile ngoku m gweba.
28
Kanjako bakuba bengafumananga tyala elibang’ ukufa, bacela ku‐Pilati ukuba makabulawe.
29
Naxeshekweni babefezile zonke izinto eziba̔liweyo ngaye, ba m tula emtini, bambeka encw̔abeni.
30
Kodwa utixo wamvusa ekufeni;
31
owabonakala ngemihla emininzi kwabo babenyukile naye e‐Galili nkuza e‐Yerusaleme, abangamanqi̔na ake ebantwini.
32
Natitina siyanishumayeza isibambiso esenzelwa obawo betu,
33
okokuba esi utixo usizalisekisile kuti lusapo lwabo, emvusile nje u‐Yesu; njengokuba kanjalo kuba̔liwe eculweni lesibini ukuti: Ungunyana wam wena, ndikuzele namhla nje.
34
Nokokuba wamvusa ekufeni, angabi saya kubuyela ekuboleni, utshilo ukuti: Ndiya kunipa izibele zika‐Davide eziqinisekileyo.
35
Utingoko nakwelinye iculo: Akuyi kuyekelela oyingcwele yako abone ukubola.
36
Ngokuba ke u‐Davide, akuba ebekonzile isizukulwana sake ngemvume katixo, walala ubutongo, wabekelwa koyise bake, wabona ukubola:
37
kodwa lowo utixo wamvusayo, akabona kubola.
38
Makwazeke kuni ngoko, madoda, bazalwana! ukuba ngaye lo kuyashunyayelwa kuni ukuxolelwa kwezono:
39
nokuba ngaye lo osukuba ekolwa uyakululwa kuzo zonke izinto, enibe nikohliwe kukukululwa kuzo ngomteto ka‐Mosesi.
40
Lumkani ngoko, kuze kunganihleli oko kutetiweyo ebaprofiteni ukuti:
41
Kangelani, nina badeli! niti nqa, niti shwaqe; ngokuba umsebenzi ndiwusebenza emihleni yenu, umsebenzi eningasayi kukolwa nguwo, nakuba umntu ewushumayela kuni.
42
Kekaloku akuba ama‐Juda ebepuma endlwini yentlanganiso, babebongoza abaheyideni ukuba lamazwi atetwe kubo ngesabata yasemva.
43
Kwati kwakuba kundulukile intlanganiso, abaninzi bama‐Juda nababangene ebujudeni ababedeshayo balandela u‐Paulusi no‐Banabasi; abati beteta kubo, babacenga ukuba bamane ukuma elufefeni lukatixo.
44
Kekaloku ngesabata elandelayo, saza kuba sonke isixeko sihlanganisene ukuva ilizwi likatixo.
45
Kodwa ama‐Juda akuzibona izihlwele, azaliswa luzondo, apika ezonto zibe zitetwa ngu‐Paulusi, epika, egxeka nokugxeka.
46
Baza bakalipa u‐Paulusi no‐Banabasi, bati: Bekufanelekile ukuba ilizwi likatixo litetwe kuni ukuqala: kodwa ekubeni nililahlayo, nizigweba nje ukuba anifanele ubomi obungunapakade, bona ke, siyajikela kubaheyideni:
47
ngokuba inkosi isiyalele ngokunjalo, isiti: Ndikubekele ukuba lukanyiso lwabaheyideni, ukuze ube ngowosindiso kude kube sekupeleni kwomhlaba.
48
Bati abaheyideni besiva ezizinto bavuya, badumisa ilizwi lenkosi: baza bakolwa bonke ababe bemiselwe ubomi obungunapakade.
49
Laye ilizwi lenkosi libe lihanjiswa kulo lonke elozwe.
50
Kodwa ama‐Juda atelekisa amankazana abedeshayo nadumileyo n amadoda amakulu asesixekweni, avusa intshutshiso ngaku‐Paulusi no‐Banabasi, abagxota emideni yawo.
51
Koko bavutululayo utuli lwenyawo zabo ngakuwo, beza e‐Koniyume.
52
Baye abadisipile bezaliswa luvuyo na ngumoya oyingcwele.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28