bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 21
Acts 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 22 →
1
Naxeshekweni bekute ukuba sahlukana nabo sanduluka, sati ngqo ukuselisha seza e‐Kose, na ngomhla olandelayo e‐Rodo, sati sisuka kona seza e‐Patara.
2
Saza sifumene inqanawa iwela ukuya e‐Fenisi, sangena sanduluka.
3
Kekaloku kwakubonakala i‐Kiperusi, sayishiya ngasekohlo, saselishela e‐Siriya, safikela emhlabeni e‐Tire: ngokuba bekulapo inqanawa ibiya kutula umtwalo wayo.
4
Saza sakuba sibafumene abadisipile, salibala kona intsuku zasixe̔nxe; ababesiti ku‐Paulusi ngomoya, makanganyukeli e‐Yerusaleme.
5
Sati okuya bekute ukuba sagqibela ukufeza ezontsuku, semka sahamba, besipelekelela bonke, kunye nabafazi nabantwana, kude kwangapandle kwesixeko; saza saguqa ngamadolo elunxwemeni, satandaza.
6
Saza sakuba sibulisene, saya sangena enqanaweni; bati bona babuyela emakayeni abo.
7
Sati ke tina siyigqibele intselisho yetu sivela e‐Tire, seza kufika e‐Tolemayi; saza sibabulisile abazalwana, sahlala kubo umhla wamnye.
8
Nangomnye umhla u‐Paulusi nati babenaye semka seza e‐Kesareya, sangena endlwini ka‐Filipi umvangeli, obengowabasixe̔nxe, sahlala kuye.
9
Yena ke lo ebenentombi zazine, zizintombi zipela, ezaziprofitesha.
10
Kekaloku nxa sibe silibala kona imihla yamininzi, kwehla e‐Judeya umprofite otile ogama lalingu‐Agabusi;
11
weza ke kuti, watabata umbinqo ka‐Paulusi, wabopa ezake izandla nenyawo, wati: Utsho umoya oyingcwele ukuti: Londoda umbinqo lo ungowayo, ama‐Juda aya kwenje njalo ukuyibopa e‐Yerusaleme, aeya kuyinikela ezandleni zabaheyideni.
12
Naxeshekweni sevayo ezizinto, sambongoza tina, kwa nabo balondawo ukuba, makanganyukeli e‐Yerusaleme.
13
Kodwa u‐Paulusi wati ukupendula: Nenza nina nilila nidanisa intliziyo yam? ngokuba mna sendihlalele ukuba ndingabotshwa kodwa, koko nokuba ndifele e‐Yerusaleme, ngenxa yegama lenkosi u‐Yesu.
14
Kekaloku nxa ebengenakweyiswa, sayeka, sisiti: Intando yenkosi mayenziwe.
15
Sati emveni kwezontsuku sabopa impahla yetu, senyukela e‐Yerusaleme.
16
Kwaya n abatile bakubo abadisipile base‐Kesareya kunye nati, bezisa umntu otile, u‐Mnasone wase‐Kiperusi, obekade engumdisipile, ebesiya kuhlala kuye.
17
KEKALOKU sakufika e‐Yerusaleme, abadisipile basamkela ngovuyo.
18
Wati ng omhla olandelayo wangena u‐Paulusi kunye nati ku‐Yakobi; bebeko bonke abadala nabo.
19
Waza akuba ebabulisile, wabalisa ezozinto utixo ubezenzile pakati kwabaheyideni ngobukonzi bake ezinye ngezinye.
20
Bati bona bakuva, bayidumisa inkosi; baza batsho kuye ukuti: Uyabona, mzalwana! ukuba mangapina amawaka ama‐Juda akoliweyo; kanjako onke ayazondelela umteto:
21
kekaloku atyelwe ngawe ukuba onke ama‐Juda apakati kwabaheyideni uyawafundisa ukupambuka ku‐Mosesi, usiti makangalusi abantwana bawo, makangahambi ngamasiko kanjalo.
22
Kwotiwa nina ngoko? umhlambi ufanele kunene ukuba ubutane; ngokuba beya kuva ukuba ufikile.
23
Yenza ngoko oku sikutsho kuwe: Kuko kuti amadoda amane enesibambiso pezu kwawo;
24
wona la watabate nawe, uzicokise kunye nawo, uwenzelelele ekunikeleni, ukuze azigugule intloko; baze bonke bazi ukuba ezonto batyelwe zona ngawe aziluto, koko ukuba nawe ngokwako uyahamba ngokubamba umteto.
25
Kodwa abaheyideni abakoliweyo sagweba saba̔la ngabo ukuba bangayigcini into enjalo, kupela ukuba balumkele okubingelwe izitixo, negazi, nokuṙwishiweyo, nombulo.
26
Wandula u‐Paulusi wawatabata na ye amadoda lawo, wati ngomhla olandelayo, akuba ezicokisile kunye nawo, wangena etempileni, esazisa ukuzaliseka kwemihla yokucokisa, kwada kwanikelwa umnikelo ngenxa yawo amanye ngamanye.
27
Kekaloku xeshekweni leyomihla isixe̔nxe ibiza kupela, ati ama‐Juda ase‐Asiya, akumbona etempileni, apitizelisa sonke isihlwele, abeka izandla pezu kwake,
28
edanduluka ngokuti: Madoda, bo‐Sirayeli! ncedani. Nguye lo umntu ofundisayo bonke kuzo zonke indawo ngakubo abantu, nomteto, nalendawo; ote nakanjako wangenisa nama‐Girike etempileni, enco̔lisile lendawo engcwele.
29
(Ngokuba ebesel’ ebonile u‐Trofimo um‐Efese esixekweni kunye naye, abebeba u‐Paulusi wamngenisa etempileni.)
30
Saza savuselelwa isixeko sonke, kwasuka kwabako imbutumbutu yabantu; baza bambamba u‐Paulusi, bamr̔olela pandle kwetempile; zasezivalwa ke ingcango.
31
Kekaloku nxa bebefuna ukumbulala, zafika indaba kwinkosiwaka yebandla, zokuba i‐Yerusaleme yonke ipitizele:
32
eyati kwa oko yatabata nayo amasodati nenkosikulu, yehla yaya kubo ngokubaleka. Bati bona bakubona inkosiwaka namasodati, bayeka ukubeta u‐Paulusi.
33
Yandula yasondela inkosiwaka yambamba, yaxela ukuba anxitywe ngemixokelelwane emibini; yaza yabuza ukuba angaba ngubanina, nokuba yinto nina ayenzileyo.
34
Kodwa abanye bebememeza ngento etile, nabanye ngento yimbi, pakati kwesihlwele: yaza yakukohlwa kuyazi inyaniso yendawo ngenxa yesipitipiti, yaxela ukuba asiwe elalini yamasodati.
35
Kwaza kwati, xeshekweni wafika pezu kwezinyukelo, watwalwa ngamasodati ngenxa yokunyanzela kwesihlwele:
36
ngokuba umhlambi wabantu ubulandela, udanduluka ngokuti: Msuse yena!
37
Waza u‐Paulusi esakungeniswa elalini yamasodati wati kwinkosiwaka: Ndingateta into kuwe kusinina? Yati ke yona: Uyakwazi ukuteta ngesi‐Girike na?
38
akunguye na kambe lowam‐Jipete owati ngapambili kwezintsuku wenza impitimpiti, wakokela ngasentlango lomadoda amawaka mane abengabagwazi?
39
Kodwa wati u‐Paulusi: Mna ndingumntu ongum‐Juda, um‐Tarese, umhlali wesixeko esingesesingenaludumo sase‐Silisiya: ndiyakukunga ke, ndivumele ukuba nditete kubo abantu.
40
Kekaloku yakuba imvumele, u‐Paulusi, emi pezu kwezinyukelo, wakoba ngesandla ebantwini. Kwati kwakutwa cwaka kakulu, wateta kubo ngokuteta kwama‐Hebere, esiti:
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28