bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 8
Acts 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 9 →
1
Kekaloku u‐Saulusi ebetakazela ukubulawa kwake. Kwasuka kwabako ngeloxesha intshutshiso enkulu ngakuyo iṙemente ebise‐Yerusaleme: baza bonke batiwa sa emazweni ase‐Judeya ne‐Samariya; kwasala abapostile kupela.
2
Kekaloku amadoda abubedesho amncw̔aba u‐Stefane, enza isijwili esikulu pezu kwake.
3
Kodwa u‐Saulusi ebeci̔ta iṙemente, engena kwizindlu ngezindlu, er̔ola namadoda namankazana, wawanikela entolongweni.
4
Bandula abo batiwa sa bacanda indawo zonke, beshumayela ilizwi.
5
WAZA u‐Filipi wehlela esixekweni sase‐Samariya, wabashumayeza u‐Kristu.
6
Zaye izihlwele zinyamekela ezonto zibe zitshiwo ngu‐Filipi ngentliziyo nye, zisiva zibona nokubona imiqondiso abeyenza.
7
Ngokuba omoya abanco̔lileyo, bekala ngelizwi elikulu, bebepuma kwabaninzi abebenabo: kanjako abaninzi ababenesifo sokushwabanisa nabaziziqwala bapiliswa.
8
Kwaza kwabako uvuyo olukulu kwesosixeko.
9
Kwaye kuko indoda etile, egama lalingu‐Simone, ebifudula isenza ngobugqi kwesosixeko, imangalisa abantu base‐Samariya, isiti ingumntu omkulu bo:
10
ababebambelela kuyo bonke, kwa kuye omncinane kwada kwakuye omkulu, besiti: Le ndoda ingamandla amakulu katixo.
11
Babebambelela kuyo ke, ngenxa yokuba bekukade ibamangalisile ngezinto zayo zobugqi.
12
Kodwa xeshekweni bakolwayo ngu‐Filipi, eshumayela izinto ezingabo ubukumkani bukatixo na ngalo igama lika‐Yesu Kristu, bebebapitizeshwa, kwa namadoda namankazana.
13
Kanjalo u‐Simone wakolwa naye, wati akuba ebapitizeshiwe waman’ ukubako no‐Filipi; waza ebona imiqondiso nemimangaliso emikulu ebisenziwa, wati nqa.
14
Kekaloku kwakuviwa ngabapostile abebese‐Yerusaleme, ukuba i‐Samariya ilamkele ilizwi likatixo, batuma kubo u‐Petrosi no‐Johane:
15
abati, bakuba behlele kona, babatandazela, ukuze bamkele umoya oyingcwele:
16
(ngokuba ebengekabawelanga kwa namnye; koko babe bebapitizeshelwe egameni lenkosi u‐Yesu kodwa.)
17
Bandula babeka izandla pezu kwabo, baza bamkela umoya oyingcwele.
18
Wati kekaloku u‐Simone, ebonile okokuba umoya oyingcwele uyanikwa ngokubekwa kwezandla zabapostile, wafuna ukubanikela imali,
19
esiti: Ndipeni nam igunya eli, lokuba lowo ndisukuba ndibeka izandla pezu kwake amkele umoya oyingcwele.
20
Kodwa u‐Petrosi wati kuye: Maiti imali yako kunye nawe ibe yinto yokutshatyalaliswa, ngokokuba isipo sikatixo ubusiba wosizuza ngemali.
21
Akunasahlulo nasabiwo kulendawo: ngokuba intliziyo yako ingalungile ebusweni bukatixo.
22
Guquka ngoko kubo obububi bako, ukunge utixo, ukuba umhlaumbi woyixolelwa inkumbulo yentliziyo yako.
23
Ngokuba ndibona ukuba usenyongweni yobuṙaṙa nasekubanjweni kwenkohlakalo.
24
Waza wapendula u‐Simone wati: Ndikungeleni nina enkosini ukuze kungandihleli nanye yezozinto nitetile ngazo.
25
Bandula bona, bakuba benqi̔nisile bateta ilizwi lenkosi, babuyela e‐Yerusaleme, bashumayela ivangeli emizini emininzi yama‐Samariya.
26
Yati kekaloku ingelosi yenkosi yateta ku‐Filipi, isiti: Suka, uhambele ngasesuyide, ngendlela ehlayo e‐Yerusaleme iye e‐Gaza, leyo ilubala.
27
Wesuka ke wahamba: kekaloku bona ke, umntu wase‐Tiyopiya, umbusi omkulu ka‐Kandase ukumkanikazi wama‐Tiyopiya, obepezu kwayo yonke indyebo yake, obezile e‐Yerusaleme ukuza kubedesha,
28
wabebuya, wati ehleli enqwelweni yake walesesha incwadi yomprofite u‐Yisaya.
29
Waza wati umoya ku‐Filipi: Sondela, uhlangane nalenqwelo.
30
Waza u‐Filipi wagidimela kona, wamva elesesha incwadi yomprofite u‐Yisaya, wati: Uqonda ke na oko ukuleseshayo?
31
Wati yena: Ndingati nina ukuqonda pofu, ukuba akuko mntu ondikapayo? Waza wambongoza u‐Filipi ukuba akwele ahlale naye.
32
Kekaloku indawo yesiba̔lo abeyilesesha, ibiyilé yokuti: War̔olwa njengegusha isiya ekuxe̔lweni, nanjengokuba imvana ebusweni boyigugulayo isidenge, kwa njalo akavuli umlomo wake:
33
ebupantsini bake ukugwetyelwa kwake kwasuswa; nesizukulwana sake ngubanina oya kusixela? ngokuba bususwa emhlabeni ubomi bake.
34
Wapendula ke umbusi lowo ku‐Filipi, wati: Ndiyakukunga, umprofite utsho oku ngobanina? ngokwake, ngomntu wumbi, kusinina?
35
Waza u‐Filipi wavula umlomo wake, waqala kwa kuso isiba̔lo esi, wamshumayeza u‐Yesu.
36
Kekaloku nxa bebehamba endleleni, bafika ngasemanzini atile: waza wati umbusi: Nanga amanzi; ndixakwa yinto nina ukubapitizeshwa?
37
Wayesiti u‐Filipi: Ukuba uyakolwa ngayo yonke intliziyo yako, kungenzwa. Wayependula wati: Ndiyakolwa ukuba u‐Yesu Kristu unguye unyana katixo.
38
Waza waxela ukuba inqwelo ime: baza bobabini behlela emanzini, kwa no‐Filipi nombusi; wambapitizesha ke.
39
Kekaloku okuya bebenyuke emanzini, umoya wenkosi wamsusa u‐Filipi, wati umbusi akabi sambona: ngokuba ebehamba indlela yake evuya.
40
Kodwa u‐Filipi wafunyanwa e‐Azote: waza ecanda ilizwe washumayela ivangeli kuzo zonke izixeko, wada wafika e‐Kesareya.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28