bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 3
Acts 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 4 →
1
KEKALOKU u‐Petrosi no‐Johane bebenyukela etempileni kunye ngeyure yokutandaza, ngeyesitoba.
2
Kwaye kutwalwa indoda etile ebisisiqwala kwa sesizalweni sonina, eyabibekwa imihla ngemihla ngasesangweni letempile elikutiwa Lelihle, ukuze icele amalizo kwabo babengena etempileni;
3
eyati yakubona u‐Petrosi no‐Johane beza kungena etempileni, yatandaza ukuba iwamkele umlizo.
4
Waza u‐Petrosi, ebeke amehlo pezu kwayo kunye no‐Johane, wati: Kangela ngakuti.
5
Yabagqala ke, ilinda ukwamkela into kubo.
6
Wayesiti u‐Petrosi: Isilivere negolide aziko kum; kodwa oko endinako ndiyakupa kona: Egameni lika‐Yesu Kristu um‐Nazarete, suka uhambe.
7
Waza wayibamba ngesokunene isandla, wayisukisa: zasezisomelela inyawo zayo namaqata ayo kwa oko.
8
Yaza isuka ngokutsiba yema yahamba, yangena kunye nabo etempileni, ihamba, itsiba, idumisa utixo.
9
Bati bonke abantu bayibona ihamba, idumisa utixo:
10
baye beyazi ukuba ingulowo obehlalela amalizo ngasesangweni letempile eli‐Lelihle: baza bazaliswa kukuti nqa nakukumangaliswa pezu kwokuyihleleyo.
11
Kekaloku nxa isiqwala esasipilisiwe sibe sibambelela ku‐Petrosi no‐Johane, bonke abantu babalekela kubo kunye entendelezweni ebizwayo ngokutiwa yeka‐Solomone, besiti nqa kakulu.
12
Waza u‐Petrosi, akubona oko, wapendula ebantwini, wati: Madoda, bo‐Sirayeli! yinina ukuba nikutele nqa oku? kanjalo yinina ukuba nisijonge tina, njengokungati simenzile lo mntu ahambe ngawetu amandla nobubedesho?
13
Utixo ka‐Abrahame, noka‐Yisake, noka‐Yakobi, utixo wobawo betu, wenzele isicaka sake u‐Yesu ubungcwalisa; enite nina namnikela, namkanyela ngasebusweni buka‐Pilati, akuba ebegwebile yena ukuba akululwe.
14
Kodwa namkanyela oyingcwele nolungileyo, nacela ukuba nipiwe umbulali;
15
noyimbangi yobomi namfisa, ate utixo wamvusa ekufeni, esingamanqi̔na ako tina.
16
Nangalo ukolo egameni lake, lomntu enimbonayo nenimaziyo igama lake limomelezile: ewe ukolo olungaye lamnika okukupila okufezekileyo pambi kwenu nonke.
17
Nakaloku, bazalwana! ndiyazi ukuba nanikwenza oku ngako ukungazi, njengokuba benje njalo nabapati benu.
18
Kodwa ezonto utixo wazishumayelayo pambili ngomlomo wabo bonke abaprofite bake, zokuba u‐Kristu eve intlungu, uzizalisekisile ngokunjalo.
19
Gqobokani ngoko, niguquke, ukuba zicinywe izono zenu; ukuze kube kufika amaxesha onwabiso evela ebusweni benkosi;
20
ize itume u‐Yesu Kristu obeshunyayelwe pambili kuni;
21
ekufanele ukuba izulu limamkele kude kube ngamaxesha okuhlaziywa kwezinto zonke, ate utixo wateta ngawo ngomlomo wabo bonke abaprofite bake abangcwele bakudala.
22
Ngokuba u‐Mosesi watsho kubo obawo ukuti: Uyehova, utixo wenu, wonivusela umprofite, kubazalwana benu, njengam: yena niya kumva ngento zonke asukuba eziteta kuni.
23
Kwakuya kuti, yonke imipefumlo esukuba ingamva umprofite lowo, iya kutshatyalaliswa ebantwini.
24
Ewe nabaprofite bonke, kutabata ku‐Samyali nabalandelana kamva, kwa bonke abatetileyo, bashumayela pambili nabo ngalemihla.
25
Nina nilusapo lwabaprofite, nolwocebano owalwenzayo utixo nobawo betu, esiti ku‐Abrahame: Kanjalo ngenzalo yako ziya kutanyusanqelwa zonke izizalwane zomhlaba.
26
Kuni kuqala, utixo, esivusile isicaka sake u‐Yesu, wasituma sibe sinitamsanqela, ekunisongeni nonke ngabanye kwizikohlakalo zenu.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28