bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 5
Acts 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 6 →
1
Kodwa indoda etile egama lalingu‐Hananiya, kunye no‐Safira umfazi wayo, yatenga ngemfuyo,
2
yazahlulela kwinani, umfazi wayo esazela oko naye, yasizisa isahlulo esitile, yabeka eso ngasezinyaweni zabapostile.
3
Waza wati u‐Petrosi: Hananiya! yinina ukuba u‐Satane uzalisile intliziyo yako, ukuba uxokise umoya oyingcwele, nokuba uzahlulele kwinani lomhlaba lowo?
4
Nxa ubusahleli, ubungasahleli ungowako na? nanxa ubutengiswe, ubungabi semandleni ako na? yinina ukuba uyicingile lento entliziyweni yako? akuxokanga ebantwini, koko uxoke kutixo.
5
Wati u‐Hananiya esiva amazwi la, wawa pantsi, wapuma umpefumlo: kwaza kwehla ulwoyiko olukulu pezu kwabo bonke ababesiva ezizinto.
6
Esuka ke amadodana ambopa, aza a m twalela pandle a m ncw̔aba.
7
Kwasekumzuzu wanga wangoweyure ezintatu, wandula umfazi wake, engakwazi oko bekwenzekile, wangena.
8
Waza wapendula u‐Petrosi wati kuye: Ndixelele ukuba umhlaba ubutengelwe okungako na? Wati ke yena: Ewe, okungako.
9
Waza u‐Petrosi wati kuye: Yinina ukuba nivumelene ukulinga umoya wenkosi? bona ke, inyawo zabo bayincw̔abileyo indoda yako zingasemnyango, zaziya kutwalela pandle nawe.
10
Waselesiwa pantsi kwa oko ngasezinyaweni zake, wapuma umpefumlo: angena ke amadodana amfumana efile, aza a m twalela pandle a m ncw̔aba ngasendodeni yake.
11
Kwaza kwehla ulwoyiko olukulu pezu kwayo yonke iṙemente, napezu kwabo bonke ababesiva ezizinto.
12
Kanjako ngezandla zabapostile kwenziwa imiqondiso nemimangaliso pakati kwabantu emininzi: baye beko ngentliziyo nye kwa bonke entendelezweni ka‐Solomone:
13
kodwa abanye bekungeko namnye wabo obenokukalipa kwokuzibandakanyela kubo; koko abantu bebebazukisa:
14
kwaye kusongezelelwa ngakumbi amakolwa kwinkosi, into eninzi neyamadoda neyamankazana:
15
bada batwalelwa pandle abafayo kuzo zonke izitarate, babekwa pezu kwemandlalo nenku̔ko, ukuze kuti, kwakufika u‐Petrosi, kusibekelele inxenye yabo noko sisitunzi sake sodwa.
16
Kwaye kubutela e‐Yerusaleme into eninzi yabezixeko ezipahlayo, bezisa abafayo nabakatazwa ngomoya abanco̔lileyo, ababepiliswa kwa bonke.
17
Waza wesuka umperisite omkulu, nabo bonke ababenaye, (abebeluhlobo lwabasadusi,) bazaliswa luzondo,
18
babeka izandla zabo pezu kwabapostile, babafaka entolongweni yabamnyama.
19
Kodwa ingelosi yenkosi ngobusuku obo yavula ingcango zentolongo, yabaku̔pa, yati:
20
Yiyani, nime nitete etempileni ebantwini onke amazwi obubomi.
21
Bati bakuva oko, bangena kusasa etempileni, bafundisa. Kekaloku efikile nje umperisite omkulu, nabo babenaye, babizela ndawonye intlanganiso yamapakati nabo bonke abadala bosapo luka‐Sirayeli, batumela entolongweni ukuba baziswe.
22
Kodwa amadindili akufika akabafumana entolongweni; aza abuya, ashumayela,
23
esiti: Intolongo okunene sayifumana ivaliwe ngokunqaba konke, nabalindi bemi ngapandle pambi kwengcango; kodwa sakuvula, asafumana mntu pakati.
24
Xeshekweni ke umperisite omkulu nenkosi yetempile nabaperisite abakulu baweva lamazwi, bebexakekile pezu kwawo, ukuba kungada kube yinto nina oku.
25
Kwaza kwafika umntu wabashumayeza, esiti: Bona ke, lomadoda enawafakayo entolongweni, asetempileni, emi efundisa abantu.
26
Yandula yemka inkosi yetempile kunye namadindili, yaya yawazisa, inga wazisi ngamandla, ngokuba bebesoyika abantu, ukuze bangagityiselwa ngamatye.
27
Bati bakuba bewazisile, bawamisa entlanganisweni yamapakati: waza umperisite omkulu wababuza,
28
esiti: Asaniyalela kunene na ukuba ningafundisi ngeligama? kanti bona ke, niyizalisile i‐Yerusaleme ngemfundiso yenu, nifuna ukunga ningalizisa pezu kwetu igazi lalomntu kanjako.
29
Kodwa u‐Petrosi n abanye abapostile bapendula bati: Kufanele ukupulapula utixo ngapezu kwabantu.
30
Utixo wobawo betu wamvusa u‐Yesu, enati nina nambulala nimxo̔mile emtini.
31
Yena lo utixo umpakamisele kwesokunene sake abe yinkosi nomsindisi, ukuba anike uguquko ko‐Sirayeli noxolelwa lwezono.
32
Nati singamanqi̔na ake ngezizinto; kwa nomoya oyingcwele kanjalo, ate utixo wamnika kubo abampulapulayo.
33
Kekaloku bakuva oku, bebecunukile kakulu, banxamela ukubabulala.
34
Kodwa wesuka wema umfarisi otile entlanganisweni, ogama lalingu‐Gamaliyeli, umfundisimteto obekekileyo pakati kwabo bonke abantu, waxela ukuba abapostile mabapunyiswe kube mzuzwana;
35
waza wati kubo: Madoda, bo‐Sirayeli! zilumkeleni ukuba niza kwenza nto nina ngendawo yababantu.
36
Ngokuba pambili kuzo ezintsuku kwesuka u‐Teyuda, esiti ungumntu omkulu, ekwanamatela kuye inani lamadoda anga angamakulu mane; owayebulewe; nabo bonke ababetelela kuye, baci̔teka bati tshabalala.
37
Emveni kwaló kwesuka u‐Jude um‐Galili, emihleni yesiba̔lelo, waku̔kulisa abantu abaninzi emva kwake; owabuba naye; nabo bonke ababetelela kuye, baci̔twa.
38
Nokwakaloku nje nditi kuni: Gwegwedani kubo ababantu, nibayeke; ngokuba eliqinga umhlaumbi lomsebenzi ukuba uti ube ngowabantu, uya kutshatyalaliswa;
39
kodwa ukuba ungo katixo, aningewutshabalalise, hleze nike nifunyanwe nisilwa kwa notixo.
40
Beyiswa nguye ke: baza bakuba bebebabizile abapostile, babatyabula, babayalela ukuba bangateti ngegama lika‐Yesu, babandulula.
41
Bati ke ngoko bona bemka bevuya ebusweni bentlanganiso, ngokokuba bebebalwa ngokuba befanele ukupatwa ngokuhlazekileyo ngenxa yegama lake.
42
Kanjalo ngemihla yonke etempileni nakwizindlu ngezindlu, babengapezi ukufundisa nokushumayela u‐Yesu ongu‐Kristu.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28