bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 1
2 Samuel 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 2 →
1
KWAYE kute emva kwokufa kuka‐Saule, nxa u‐Davide abebuyile ekubulaweni kwama‐Amaleki, na nxa u‐Davide abehleli imihla mibini e‐Tsiki lage;
2
kwaye kute kwa ngomhla wesitatu, ukuba, bona ke, indoda yavela emkosini ku‐Saule, inengubo zayo ziṙazukile, nomhlaba pezu kwentloko yayo: kwati ke, ekuzeni kwayo ku‐Davide, yawa ngasemhlabeni, yaziqubuda.
3
Waza u‐Davide wati kuyo: Uvela pina? Yati kuye: Ndisindile emkosini wama‐Sirayeli.
4
Wati u‐Davide kuyo: Kwehla nto nina? ndixeleleke. Yayisiti: Abantu besabile ekulweni; kanjako kuwile abaninzi kubo abantu, batile; no‐Saule, no‐Jonatane unyana wake, bafile nabo.
5
Walekela u‐Davide wati kuyo indodana ebimxelele: Wazi nganina, ukuba u‐Saule ufile, no‐Jonatane unyana wake?
6
Yaza indodana ebimxelele yati: Ndahla ndafika entabeni ye‐Giliboha; kekaloku nanku u‐Saule esimelele ngentshuntshe yake; kanjalo, bona ke, inqwelo nabakweli bamahashe bebemputuma ngokuti nama;
7
wati akubeka ngasemva kwake, wandibona, wandibiza; ndaza ndati: Nanku ndi lapa.
8
Waza wati kum: Ungubanina? Ndati kuye: Ndingum‐Amaleki.
9
Wati kum kanjalo: Yima ke pezu kwam, undifise, ngokuba isizunguzane sindibambile; ngokuba ubomi bam busebonke pakati kwam.
10
Ndaza ndema pezu kwake, ndamfisa, ngokuba bendisazi ukuba akayi kupila emva kwokuwa kwake; ndaye nditabata ikrone ebisentlokweni yake, nesacolo esibe sisengalweni yake, endizizisileyo enkosini yam apa.
11
Wandula u‐Davide wabamba ingubo zake, waziṙazula; kwa nawo onke amadoda abenaye;
12
baza benza isijwili, balila, bazila ukutya kwada kwahlwa, ngenxa ka‐Saule, nangenxa ka‐Jonatane unyana wake, nangenxa yabantu bakayehova, nangenxa yendlu ka‐Sirayeli, ngokuba bebewile ngeṙele.
13
Wabuya u‐Davide wati kuyo indodana ebimxelele: Uvela pina? Yati: Ndingunyana womntu wasemzini, um‐Amaleki.
14
Waza u‐Davide wati kuyo: Yinina ukuba ubungoyiki ukwolula isandla sako ukumbulala umtanjiswa kayehova?
15
Wandula u‐Davide wayibiza enye kumadodana, wati: Sondela, yiwele. Yaza yayibeta, yada yafa.
16
Waye u‐Davide esiti kuyo: Igazi lako malibe pezu kweyako intloko; ngokuba umlomo wako unqi̔nile ngakuwe, usiti: Mna ndimfisile umtanjiswa kayehova.
17
Kekaloku u‐Davide wenza isililo esi pezu kwo‐Saule, napezu kwo‐Jonatane unyana wake:
18
(wayexela ukuba usapo luka‐Juda malufundiswe isi‐Peta; bona ke, siba̔liwe encwadini ka‐Yashere:)
19
Buhle buka‐Sirayeli, buhlatyiwe pezu kwenduli zako! hai ukuwa kwamaṙoti!
20
Ningaxeleli e‐Gate, ningashumayeli ezitarateni ze‐Ashekelone; hleze zivuye intombi zama‐Filistiya, hleze zigcobe intombi zabangalukileyo.
21
Nina zintaba zase‐Giliboha? makungabiko umbete, makungabiko nemvula pezu kwenu, kwa namasimi eminikelo: ngokuba kona apo bekulahlwa ikaka lamaṙoti, ikaka lika‐Saule, njengokungati ebengenguye otanjisiweyo ngeoli.
22
Isipeta sika‐Jonatane asihlehlanga ngomva, neṙele lika‐Saule alibuyanga zé, kulo igazi labahlatyiweyo, kulo inqata lamaṙoti.
23
U‐Saule no‐Jonatane bebengabatandekayo nabamnandi ekudleni kwabo ubomi, nasekufeni kwabo bebengahlukene: bebenamendu ngapezu kwenkozi, bebenamandla ngapezu kwengonyama.
24
Zintombi zakwa Sirayeli! lilelani u‐Saule, obenivatisa ngesibomvu kunye neziyoliso, owafaka izihombo zegolide pezu kwokuvata kwenu.
25
Hai ukuwa kwamaṙoti pakati kwokulwa! Jonatane, uhlatyiwe pezu kwenduli zako.
26
Kubuhlungu kum ngenxa yako, mzalwana wam Jonatane! ubumnandi kum kakulu; utando lwako lube lungummangaliso kum, lupezu kwotando lwabafazi!
27
Hai ukuwa kwamaṙoti, nokutshabalala kwezixo̔bo zemfazwe!
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24