bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 19
2 Samuel 19
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 20 →
1
Kwaza kwaxelwa ku‐Jowabi ukuti: Nanku ukumkani elila esenza isijwili pezu kwo‐Abasalome.
2
Lwati usindiso ngalomhla lwaba lulilo kubo bonke abantu; ngokuba abantu bebesiva ngalomhla kusitwa: Ukumkani udandatekile pezu kwonyana wake.
3
Baza abantu banyebeleza ngalomhla ukungena esixekweni, njengokuba benyebeleza abantu abavisiweyo ihlazo, bakubaleka ekulweni.
4
Kodwa ukumkani wagqubutela ubuso bake, wakala ukumkani ngelizwi elikulu, esiti: Nyana wam Abasalome! Abasalome, nyana wam, nyana wam!
5
Wandula u‐Jowabi weza kukumkani endlwini, wati: Udanisile namhla ubuso bazo zonke izicaka zako, ezisindisileyo namhla ubomi bako, nobomi bonyana bako nobentombi zako, nobomi babafazi bako, nobomi bamashweshwe ako,
6
ngokubatanda abakutiyayo nangokubatiya abakutandayo: ngokuba uxele namhla, ukuba azinto kuwe inkosi nezicaka; ngokuba ndinakana namhla, ukuba u‐Abasalome ebesahleli, nokuba tina sonke sibe sifile namhla, oko ngekuba kulungile emehlweni ako.
7
Ngako kaloku suka, upume, utete kwintliziyo zezicaka zako: ngokuba ndifunga uyehova, ungapumi nje, akuyi kulalisa mntu nawe obubusuku: oku ke kwoba kubi kuwe, ngapezu kwabo bonke ububi ubuhlelwa bubo kwa sebutsheni bako kude kwangoku.
8
Wandula ukumkani wesuka, wahlala esangweni. Kwaza kwaxelwa kubo bonke abantu ukuti: Nanku ukumkani ehleli esangweni. Basuka bonke abantu beza ebusweni bokumkani; kodwa ama‐Sirayeli ebesabele amanye ngamanye ezintenteni zawo.
9
BAZA bapikisana bonke abantu, pakati kwezizwe zonke zama‐Sirayeli, besiti: Ukumkani wasihlangula esandleni sentshaba zetu, wasisindisa esandleni sama‐Filistiya; kodwa ngoku wesabile elizweni ngenxa ka‐Abasalome;
10
no‐Abasalome, esibe simtambisa pezu kwetu, ufile ekulweni: ngako kaloku, kunganina ukuba niti cwaka ngokumbuyisa ukumkani?
11
Kekaloku ukumkani u‐Davide watuma ku‐Tsadoki naku‐Abiyatare abaperisite, ukuti: Tetani kubo abadala bo‐Juda, nisiti: Yinina ukuba ningabokugqibela ukumbuyisela ukumkani endlwini yake? (ngokuba ukuteta kwama‐Sirayeli onke bekufikile kukumkani, endlwini yake:)
12
nina ningabazalwana bam; nilitambo lam nenyama yam: yinina ukuba ningabokugqibela ukumbuyisa ukumkani?
13
Nize niti ku‐Hamasa: Akulitambo lam nenyama yam na wena? utixo makenje njalo kum, alekele ukwenje njalo kum, ukuba akuyi kuba yinkosi yomkosi pambi kwam imihla yonke esikundleni sika‐Jowabi!
14
Waza watobela intliziyo yawo onke amadoda akwa‐Juda njengeyendoda inye; ada atuma kukumkani, esiti: Buya wena, nezicaka zako zonke.
15
Wandula wabuya ukumkani, weza e‐Yoredane: basuka o‐Juda beza e‐Gilegale, ukuya kumkaulela ukumkani, ukuba bamwelise ukumkani i‐Yoredane.
16
Waza wanxama u‐Shimehi unyana ka‐Gera, um‐Benjamine, owase‐Bahurime, wehlela pakati kwamadoda akwa‐Juda, ukuya kumkaulela ukumkani u‐Davide.
17
Kwaye kuko naye iwaka lamadoda akwa‐Benjamine; kwa no‐Tsiba isicaka sendlu ka‐Saule, nonyana bake abalishumi linabahlanu, nezicaka zake ezimashumi mabini, kunye naye: baza bawela i‐Yoredane pambi kwokumkani.
18
Kwaye kuwela umtantatu wokuweza abendlu yokumkani, nowokwenza okulungileyo emehlweni ake. Wandula u‐Shimehi unyana ka‐Gera wawa pambi kwokumkani, akuba ewelile i‐Yoredane,
19
wati kukumkani: Maingati inkosi yam ibalele kum ityala; kanjalo ungakumbuleli oko isicaka sako sibe sikwenza ngobugwenxa, ngomhla yabipuma ngawo inkosi yam ukumkani e‐Yerusaleme, ukuba ukumkani akubekele intliziyo yake.
20
Ngokuba isicaka sako sisazi ukuba ndonile; ngako, bona ke, ndizile namhla ndingowokuqala kuyo yonke indlu ka‐Josefe ukuba ndihle ukuya kukaulela inkosi yam ukumkani.
21
Waza wapendula u‐Abishai unyana ka‐Tseruya, wati: Akayi kufiswa na u‐Shimehi ngenxa yoku, ukuba emqalekisile umtanjiswa kayehova?
22
Koko u‐Davide wati: Ndiyinto nina kuni, bonyana baka‐Tseruya! ukuba nibe namhla ningabalane kum? kwofiswa namhla na umntu kwa‐Sirayeli? ngokuba ndingazi na ukuba ndingukumkani namhla pezu kwo‐Sirayeli?
23
Ngako ukumkani wati ku‐Shimehi: Akuyi kufa. Waza ukumkani wamfungela.
24
Wehla no‐Mefiboshete unyana ka‐Saule, ukuza kumkaulela ukumkani, engahlambanga inyawo zake, engacazanga udevu lwake, engahlanzanga ingubo zake, kwa semhleni wokumka kwokumkani kude kwangumhla lowo wabuya wafika ngoxolo.
25
Kwaye kute, akuba efikile e‐Yerusaleme ukuza kumkaulela ukumkani, wati ukumkani kuye: Yinina ukuba ubungayanga nam, Mefiboshete?
26
Wayesiti: Nkosi yam, kumkani! isicaka sam sandikohlisa; ngokuba isicaka sako sibe sisiti: Ndiya kuzibopela iqwaṙashe, ndikwele pezu kwalo, ndiye kukumkani; ngokuba isicaka sako sisisiqwala.
27
Sasihleba isicaka sako kuyo inkosi yam ukumkani; kodwa inkosi yam ukumkani injengengelosi katixo: ngako yenza okulungileyo emehlweni ako.
28
Ngokuba bonke abendlu kabawo bebengamadoda okufa kupela pambi kwenkosi yam ukumkani: noko umisile isicaka sako pakati kwabo abadlayo ngasetafileni yako. Ndisenegunya lanina, ukuba ndikale kanjako kuye ukumkani?
29
Waza ukumkani wati kuye: Kunganina ukuba uyateta kanjako ngendawo zako? Ndite: Wena no‐Tsiba yahlulelanani umhlaba lowo.
30
Wayesiti u‐Mefiboshete kukumkani: Makatabate kwa wonke, emveni kwokuba inkosi yam ukumkani ifikile ngoxolo endlwini yayo.
31
Kanjalo u‐Barezilai um‐Gileyadi wehla e‐Rogelime, wawela i‐Yoredane nokumkani, ukumpelekelela e‐Yoredane.
32
Waye u‐Barezilai ebemdala kakulu, engominyaka imashumi asibozo: yena ebemfunzele ukumkani nxa abehlala e‐Mahanayime; ngokuba ebeyindoda enkulu kunene.
33
Wayesiti ukumkani ku‐Barezilai: Wela nam, ndandiya kukufunzela kum e‐Yerusaleme.
34
Kodwa u‐Barezilai wati kukumkani: Yoba mingapina imihla yeminyaka yokudla kwam ubomi, ukuba ndinyuke nokumkani ukuya e‐Yerusaleme?
35
Ndingominyaka imashumi asibozo ubudala bam namhla: ndinokuqiqa na pakati kwokumnandi nokubi? isicaka sako sinokuva na oko endikudlayo nendikuselayo? ndisenako na ukupulapula ilizwi labaculi nelabaculikazi? kunganina ke ukuba isicaka sako sibe sisengumtwalo kuyo inkosi yam ukumkani?
36
Isicaka sako siya kuwela i‐Yoredane nokumkani ukuya umganyana wodwa: kunganina ke ukuba ukumkani andivuze ngomvuzo onjalo?
37
Makesibuye isicaka sako, ukuba ndibubele esixekweni sam, ngasencw̔abeni lobawo noma̔. Kodwa nasi isicaka sako u‐Kimuhame; masiwele nenkosi yam ukumkani; uze usenzele oko kulungileyo emehlweni ako.
38
Waza wati ukumkani: u‐Kimuhame uya kuwela nam, ndandiya kumenzela oko kulungileyo emehlweni ako; nako konke uya kukufuna kum, ndiya kukwenzela kona.
39
Bada bonke abantu bawela i‐Yoredane; wawela nokumkani: wandula ukumkani wamanga u‐Barezilai, wamtamsanqelisa; owabuya waya endaweni yake.
40
Waza ukumkani wadlulela e‐Gilegale, no‐Kimuhame wadlula naye: bati bonke abantu bakwa‐Juda bamwelisa ukumkani, kwa nesinye isiqingata sabantu bakwa‐Sirayeli.
41
KEKALOKU bona ke, onke amadoda akwa‐Sirayeli eza kukumkani, ati kukumkani: Yinina ukuba abazalwana betu, amadoda akwa‐Juda, bakubi̔le, nokuba bawezile ukumkani nabendlu yake i‐Yoredane, nawo onke amadoda ka‐Davide kunye naye?
42
Andula onke amadoda akwa‐Juda apendula ngakuwo amadoda akwa‐Sirayeli, ati: Ngokuba ukumkani esalamana nati; kunganina ke ukuba niqumbile pezu kwalendawo? sike sadla na okuvela kukumkani? uke wasibasela ngebaso na?
43
Aza amadoda akwa‐Sirayeli apendula amadoda akwa‐Juda, ati: Tina sinezahlulo ezilishumi kuye ukumkani, kwa nakuye u‐Davide, ngapezu kwenu; kunganina ke ukuba nisidelile? besingenalo ilizwi letu kuqala ke na, lokuba kubuyiswe ukumkani wetu? Kodwa ilizwi lamadoda akwa‐Juda belilukuni ngapezu kwelizwi lamadoda akwa‐Sirayeli.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24