bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 10
2 Samuel 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 11 →
1
KWAYE kute emveni kwoku, ukuba ukumkani wosapo luka‐Hamoni wabuba; waza u‐Hanune unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
2
Wandula u‐Davide wati: Ndiya kwenza ububele ku‐Hanune unyana ka‐Nahashe, njengokuba uyise ebebenza ububele kum. Waza u‐Davide watuma ngesandla sezicaka zake ukumku̔za ngaye uyise. Zada izicaka zika‐Davide zafika ezweni losapo luka‐Hamoni.
3
Koko inkosana zosapo luka‐Hamoni zati ku Hanune inkosi yazo: u‐Davide uyambeka na uyihlo emehlweni ako, ngokuba ebatumele kuwe abaku̔zi? akungenxa yokuba apengulule isixeko esi, asihlole, asicite, ukuba u‐Davide uzitumile izicaka zake kuwe kusinina?
4
Ngako u‐Hanune watabata izicaka zika‐Davide, waguya isiqingata sendevu zazo, watsheca izivato zazo ngokuziqingatisa ezinyongeni zazo, wazindulula.
5
Kwati kwakuxelelwa u‐Davide, watuma ukuzikaulela; ngokuba amadoda lawo ebehlazisiwe kakulu. Wayesiti ukumkani: Hlalani e‐Jeriko, zide zikule indevu zenu, nandule nibuye.
6
Kekaloku lwakubona usapo luka‐Hamoni ukuba lunukele u‐Davide, lwandula lwatuma usapo luka‐Hamoni lwaqesha kuma‐Siriya ase‐Bete‐rehobi, nakuma‐Siriya ase‐Tsoba, amawaka angamashumi mabini abahamba ngenyawo, nakuye ukumkani we‐Mahaka iwaka lamadoda, nakuwo amadoda ase‐Tobe amawaka alishumi linamabini amadoda.
7
Wati u‐Davide akuva oku, watuma u‐Jowabi nawo wonke umkosi wamagoṙa.
8
Lwaza lwapuma usapo luka‐Hamoni, lwacwangcisela ukulwa ngasemnyango wesango; kodwa ama‐Siriya ase‐Tsoba nawase‐Rehobi, namadoda ase‐Tobe nawase‐Mahaka, ebewodwa ngasendle.
9
Wati u‐Jowabi, akubona ukuba ubuso bokulwa bungakuye, ngapambili nangasemva, wanyula abantu kubo bonke abanyuliweyo bakwa‐Sirayeli, wabacwangcisa ngakuwo ama‐Siriya:
10
nesisalela sabantu wabanikela esandleni sika‐Abishai umninawe wake, owabacwangcisa ngakulo usapo luka‐Hamoni.
11
Wayesiti: Ukuba ama‐Siriya anamandla pezu kwam, woza ukunceda mna; kodwa ukuba usapo luka‐Hamoni lunamandla pezu kwako, ndoya ukunceda wena.
12
Yomelela, sizomelezele abantu betu nezixeko zotixo wetu; noyehova makenze okulungileyo emehlweni ake.
13
Waza wasondela u‐Jowabi, nabantu ababenaye, kuze kuliwe ngakuwo ama‐Siriya; ada esaba pambi kwake.
14
Lwati lwakubona usapo luka‐Hamoni ukuba ama‐Siriya esabile, lwandula lwesaba nalo pambi kwo‐Abishai, lwangena esixekweni. Waza u‐Jowabi wabuya kulo usapo luka‐Hamoni, waya e‐Yerusaleme.
15
Xeshekweni ama‐Siriya abebona ukuba oyisiwe pambi kwama‐Sirayeli, andula azihlanganisa ndawonye.
16
Waza watuma u‐Hadarezere, wapumisa ama‐Siriya abepesheya kwomlambo; asuka eza e‐Helame; wati u‐Shovaki, inkosi yempi ka‐Hadarezere, waya pambi kwawo.
17
Kwati kwakuxelelwa u‐Davide, wahlanganisa onke ama‐Sirayeli, wawela i‐Yoredane, weza e‐Helame. Aza ama‐Siriya azicwangcisa ngakuye u‐Davide, alwa naye.
18
Kodwa ama‐Siriya esaba pambi kwama‐Sirayeli; waza u‐Davide wabulala kuwo ama‐Siriya amadoda enqwelwana ezingamakulu asixe̔nxe, nabakweli bamahashe abangamawaka angamashumi mane; wambeta no‐Shovaki, inkosi yempi yawo, owafa kona.
19
Bati bakubona bonke okumkani abazizicaka zika‐Hadarezere, ukuba boyisiwe pambi kwama‐Sirayeli, bandula benza uxolo nama‐Sirayeli, bawakonza. Ngako ama‐Siriya ebesoyika ukulunceda kanjako usapo laka‐Hamoni.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24