bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 13
2 Samuel 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 14 →
1
KWAYE kute emveni kwoku, ukuba u‐Abasalome unyana ka‐Davide ebenodade eyinzwakazi, ogama belingu‐Tamare; waye u‐Amnone unyana ka‐Davide wamtanda.
2
Kwaza kwabuhlungu ku‐Amnone kangaka, wada wazenzela isifo ngenxa ka‐Tamare udade wake; ngokuba ebeyintombi ipela; ngako bekunqabile emehlweni ka‐Amnone ukwenza into kuye.
3
Kodwa u‐Amnone ebenomhlobo, ogama belingu‐Yonadabi, unyana ka‐Shimeha umzalwana ka‐Davide; kanjalo u‐Yonadabi ebeyindoda elumkileyo kakulu.
4
Wayesiti kuye: Yinina ukuba wena, ungunyana wokumkani nje, unqinile kangaka ngemiso ngemiso? akuyi kundixelela na? Wandula u‐Amnone wati kuye: Ndiyamtanda u‐Tamare, udade ka‐Abasalome umzalwana wam.
5
Waza u‐Yonadabi wati kuye: Lala pezu kwomandlalo wako, uzenzise uyafa; nanxa uyihlo aya kuza ukuba akubone, yiti kuye: Makeze ke u‐Tamare udade wam, andidlise isonka, alungise ukutya pambi kwamehlo am, ukuze ndibonele, ndidle kwa sesandleni sake.
6
Walala ke u‐Amnone, wazenzisa uyafa: kekaloku akuba ukumkani ebeze ukumbona, wati u‐Amnone kukumkani: Makeze ke u‐Tamare udade wam, enze izonkana zibe zibini pambi kwamehlo am, ndize ndidle kwa sesandleni sake.
7
Wandula u‐Davide watumela ku‐Tamare endlwini, esiti: Kauhambe ke uye endlwini ka‐Amnone umzalwana wako, uze umlungisele ukutya.
8
Wahamba u‐Tamare waya endlwini ka‐Amnone umzalwana wake: waye yena elele. Waza watabata intlama, wayibuca, wenza izonkana pambi kwamehlo ake, wazoja izonkana ezo kanjalo.
9
Waza watabata ukamba, wagalela pambi kwake; kodwa wala ukudla. Wayesiti u‐Amnone: Pumisani onke amadoda kum; aza onke amadoda apuma kuye.
10
Wandula u‐Amnone wati ku‐Tamare: Zisa ukutya enkambilini apa, ndidle kwa sesandleni sako. Waza u‐Tamare watabata izonkana abezenzile, weza nazo ku‐Amnone umzalwana wake enkambilini.
11
Kekaloku akuzisondeza kuye ukuba adle, wambamba, wati kuye: Yiza, lala nam, dade wam!
12
Koko wati kuye: Hai, mzalwana wam! ungandidlwenguli; ngokuba kunge kungenziwa okunjalo kwa‐Sirayeli: zungenzi lento ehlazekileyo:
13
ngokuba mna, ndiya kuya ngapina nehlazo lam? nawe, uya kuba njengelinye lamabedengu kwa‐Sirayeli: ngako kaloku, kautete nokumkani; ngokuba engayi kundibamba kuwe.
14
Kodwa akavuma ukupulapula ilizwi lake; wati, enamandla pezu kwake nje, wamdlwengula, walala naye.
15
Wandula u‐Amnone wamtiya ngentiyo enkulu kakulu; ngokuba intiyo abemtiya ngayo, ibinkulu pezu kwotando abemtandile ngalo. Wati u‐Amnone kuye: Suka, umke.
16
Wayesiti kuye: Akuko ndawo; lenkohlakalo yokundindulula inkulu pezu kwenye ubuyenza kum. Kodwa akavuma ukumpulapula.
17
Waza wabiza isicaka sake esimkonzayo, wati: Ku̔pani ke lo kum aye pandle, utshixe ucango emva kwake.
18
Kekaloku ingubo yamabala ngamabala ibipezu kwake: ngokuba intombi zokumkani, ezibe zizintombi zipela, bezivatiswa ngengubo ezinjalo. Waza umkonzi wake wampumisela pandle, watshixa ucango emva kwake.
19
Wandula u‐Tamare wabeka ututu pezu kwentloko yake, waṙazula ingubo yamabala ngamabala ebipezu kwake, wabeka isandla sake pezu kwentloko yake, wahamba wamana ekala.
20
Waza wati u‐Abasalome umzalwana wake kuye: u‐Amnone, umzalwana wako, wabeko nawe na? kodwa kaloku, dade wam! yiti cwaka, engumzalwana wako nje; ungabeki intliziyo yako kulento. Waye u‐Tamare wahlala eyedwa endlwini ka‐Abasalome umzalwana wake.
21
Wati akuva ukumkani u‐Davide zonke ezizinto, waqumba kakulu.
22
Kodwa u‐Abasalome ebengateti no‐Amnone, kwa nokukohlakeleyo nokulungileyo; ngokuba u‐Abasalome ebemtiya u‐Amnone, ngendawo yokuba ebedlwengule u‐Tamare udade wake.
23
Kwaye kute emva kweminyaka mibini, ukuba u‐Abasalome wabenabacebi e‐Bali‐hatsore, engakwa‐Frayime; wandula u‐Abasalome wamema bonke onyana bokumkani.
24
Kanjalo u‐Abasalome weza kukumkani, wati: Bona ke, isicaka sako sinabacebi; makaye ke ukumkani nezicaka zake kunye nesicaka sako.
25
Kodwa ukumkani wati ku‐Abasalome: Hai, nyana wam! masingayi ke tina sonke, ukuze singabi nzima pezu kwako. Waza wamqu̔ba; koko ebengavumi ukuya, kodwa wamtamsanqela.
26
Wandula u‐Abasalome wati: Ukuba akungebe njalo, makaye ke nati u‐Amnone umzalwana wam. Waza ukumkani wati kuye: Kunganina ukuba aye nawe?
27
Kodwa u‐Abasalome wamqu̔ba, wada watuma naye u‐Amnone nabo bonke onyana bokumkani.
28
Kekaloku u‐Abasalome wayalela izicaka zake, esiti: Gqalani ke nxa intliziyo ka‐Amnone icwayitile ngeveyine, nanxa nditi kuni: Mbeteni u‐Amnone; nandule nimfise, ningoyiki; asi ndim na oniyaleleyo? yomelelani, nibe ngamadoda obuṙoti.
29
Zaza izicaka zika‐Abasalome zenza kuye u‐Amnone, njengokuba u‐Abasalome ebeziyalele. Bandula besuka bonke onyana bokumkani, bakwela abanye ngabanye pezu kwamaqwaṙaṙa abo, babaleka.
30
Kwaye kute, nxa basendleleni, zafika indaba ku‐Davide zokuti: u‐Abasalome ubabulele bonke onyana bokumkani, akuko namnye kubo oseleyo.
31
Waselesuka ukumkani, waṙazula izivato zake, walala emhlabeni; kanjalo zonke izicaka zake zema kona zinengubo eziṙazukileyo.
32
Waza u‐Yonadabi, unyana ka‐Shimeha umzalwana ka‐Davide, wapendula wati: Maingati inkosi yam kufisiwe onke amadodana, onyana bokumkani; ngokuba u‐Amnone yedwa efile: ngokuba ngelizwi lika‐Abasalome kumiselwe oku, kuselokwalomhla wamdlwengulayo u‐Tamare udade wake.
33
Ngako kaloku, inkosi yam ukumkani maingabekeli lento intliziyo yayo, ukuti bonke onyana bokumkani bafile; ngu‐Amnone yedwa ofileyo.
34
Kodwa u‐Abasalome wesaba. Yati indodana ebingumlindi yapakamisa amehlo ayo, yakangela, kekaloku naba abantu abaninzi besiza endleleni emva kwayo ngasecaleni lentaba.
35
Waza u‐Yonadabi wati kukumkani: Naba onyana bokumkani besiza; njengalo ilizwi lesicaka sako, kwenziwe njalo ke.
36
Kwabekute, akuba egqibile ukuteta, bona ke, onyana bokumkani bafika, bapakamisa ilizwi labo, balila; kanjalo nokumkani, nazo zonke izicaka zake, balila ngokulila okukulu kunene.
37
Kodwa u‐Abasalome wesaba, waya ku‐Talemai, unyana ka‐Hamihude, ukumkani we‐Geshure. Wati u‐Davide walilela unyana wake imihla yonke.
38
Kwa njalo u‐Abasalome wesaba, waya e‐Geshure, wayekona iminyaka yamitatu.
39
Waza umpefumlo ka‐Davide ukumkani wagqibela ukupuma ngakuye u‐Abasalome; ngokuba ebetutuzelekile ngaye u‐Amnone, ngokuba ebefile.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24