bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 20
2 Samuel 20
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 21 →
1
Kwahla kwabako kona indoda yobunginingini, egama belingu‐Sheba, unyana ka‐Bikeri, um‐Benjamine: yona yavutela ngexilongo, yati: Asinasabiwo ku‐Davide, asinalifa kuye unyana ka‐Jese; abanye ngabanye ezintenteni zabo, bo‐Sirayeli!
2
Andula onke amadoda akwa‐Sirayeli enyuka ekulandeleni u‐Davide, alandela u‐Sheba unyana ka‐Bikeri: kodwa amadoda akwa‐Juda anamatela kukumkani wawo, kutabata e‐Yoredane kude kwakuyo i‐Yerusaleme.
3
Wayesiza u‐Davide endlwini yake e‐Yerusaleme; waza ukumkani watabata abafazi abangamashweshwe bolishumi, abo wabashiya ukulinda indlu, wabafaka endlwini yokugcinela, wabafunzela, kodwa akangena kubo: kwa njalo bavalelwa kwada kwangumhla wokufa kwabo, behleli ngobuhlolokazi.
4
Waza ukumkani wati ku‐Hamasa: Ndibizele ndawonye amadoda akwa‐Juda pakati kwemihla mitatu, ube lapa nawe umi.
5
Wasuka u‐Hamasa waya ukubiza ndawonye amadoda akwa‐Juda; kodwa walibala ngapezu kwexesha elimisiweyo, elo wabemmisele lona.
6
Ngako u‐Davide wati ku‐Abishai: Kaloku u‐Sheba, unyana ka‐Bikeri, uya kusenzela okubi ngapezu kwo‐Abasalome; tabata wena izicaka zenkosi yako, umputume, hleze azifumanele izixeko ezinqatyisiweyo, asinde emehlweni etu.
7
Andula apuma emva kwake amadoda ka‐Jowabi, naba‐Kereti, naba‐Peleti, nawo onke amagoṙa: bapuma ke e‐Yerusaleme, ukuya kumputuma u‐Sheba unyana ka‐Bikeri.
8
Bati bakuba ngasetyeni elikulu elise‐Gibeyone, wandula u‐Hamasa waya pambi kwabo. Waye u‐Jowabi ebinqiwe ngengubo yake abeyambete, upezu kwayo umbinqo o neṙele libotshiwe pezu kwesinqe sake esinxobeni salo; elati akupuma lawa.
9
Wayesiti u‐Jowabi ku‐Hamasa: Upilile na, mzalwana wam? Wandula u‐Jowabi walubamba ngesandla sokunene udevu luka‐Hamasa, ukuza kumanga:
10
kodwa u‐Hamasa ebengalumkeli iṙele elibe lisesandleni sika‐Jowabi: waza wambeta ngalo esiswini, wapalaza amatumbu ake ngasemhlabeni, engampindelanga ke: wada wafa. Basuka u‐Jowabi no‐Abishai umzalwana wake bamputuma u‐Sheba unyana ka‐Bikeri.
11
Yaza indoda ezicakeni zika‐Jowabi yema ngakuye, yati: Osukuba ekolela u‐Jowabi, nosukuba engecala lika‐Davide, makamlandele u‐Jowabi.
12
Kekaloku u‐Hamasa waqikaqikeka egazini pakati kwomendo. Yati yakubona indoda leyo ukuba abantu bonke bema, yamsusa u‐Hamasa emendweni yambeka ngasendle, yaposa ingubo pezu kwake, ngokokuba ebebona bonke ababesiza ngakuye ukuba bema.
13
Okuya ebesusiwe emendweni, badlula bonke abantu emva kwo‐Jowabi, ukuya kumputuma u‐Sheba unyana ka‐Bikeri.
14
Waza wacanda kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli kude kwakuyo i‐Abele, ne‐Bete‐mahaka, nayo yonke i‐Berime: baza bahlanganiselwa ndawonye, baya nabo emva kwake.
15
Basuka beza bamvingcela e‐Abele‐bete‐mahaka, baposela indulana ngakuso isixeko, eyemayo ngakulo udonga lwapandle: baza bonke abantu ababeno‐Jowabi balwonakalisa udonga, ukuze baluwise.
16
Wandula wabiza umfazi olumkileyo esesixekweni, esiti: Yivani! yivani! niti ke ku‐Jowabi: Sondela kwa lapa, ukuba nditete nawe.
17
Akuba esondele kuye, wati umfazi: Ungu‐Jowabi na? Wayesiti: Ndinguye. Waza wati kuye: Yiva amazwi esicakakazi sako. Wayesiti: Ndiyeva mna.
18
Wandula watsho ukuti: Kwatetwa ekuhleni ngapambili, kusitwa: Baya kubuza ngenyaniso e‐Abele, bagqibe njalo ke.
19
Mna ndingowabaxolileyo, ndingowabanyanisekileyo kwa‐Sirayeli: wena uyafuna ukububisa isixeko nonina kwa‐Sirayeli; kunganina ukuba uya kucita ilifa likayehova?
20
Wapendula u‐Jowabi, wati: Makube le̔, makube le̔ kum, ukuba ndicite nokuba ndonakalise!
21
Lendawo ayinjalo; koko indoda yasentabeni yakwa‐Frayime, ngu‐Sheba, unyana ka‐Bikeri, igama layo, ipakamisile isandla sayo ngakuye ukumkani, ngakuye u‐Davide; yinikeleni yona yodwa, ndandiya kumka esixekweni. Wayesiti umfazi ku‐Jowabi: Bona ke, intloko yayo iya kuposwa kuwe pezu kwodonga.
22
Wandula umfazi waya kubo bonke abantu ngobulumko bake. Baza banqumla intloko ka‐Sheba unyana ka‐Bikeri, bayiposa ku‐Jowabi. Wasuka wavutela ngexilongo, bada baciteka esixekweni, besiya abanye ngabanye ezintenteni zabo. Waza u‐Jowabi wabuyela e‐Yerusaleme kukumkani.
23
Kekaloku u‐Jowabi ebepezu kwawo wonke umkosi wo‐Sirayeli; no‐Benaya, unyana ka‐Yoyada, ebepezu kwaba‐Kereti napezu kwaba‐Peleti;
24
no‐Adorame ebepezu kwabesitabataba; no‐Yehoshafate, unyana ka‐Ahilude, ebengumkumbuzi;
25
kanjalo u‐Sheva ebengumba̔li; u‐Tsadoki no‐Abiyatare bebengabaperisite;
26
no‐Hira, um‐Yahire, yena ebelinene lika‐Davide.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24