bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 23
2 Samuel 23
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 24 →
1
NANGA amazwi okugqibela ka‐Davide: watsho u‐Davide unyana ka‐Jese, yatsho indoda ebipakanyiswa pezulu, umtanjiswa wotixo ka‐Yakobi, nomculi omnandi wakwa‐Sirayeli, ukuti:
2
Umoya kayehova wateta ngam, nelizwi lake belipezu kwolwimi lwam.
3
Wati utixo wo‐Sirayeli, — olilityekazi lo‐Sirayeli wateta kum, esiti: Kwobako umpati pezu kwabantu olungileyo, umpati emoyika utixo;
4
oya kuba njengokukanya kwokusa, lakupuma ilanga, njeng okwokusa okungenamafu, njeng enca eluhlaza ipuma emhlabeni ngokukazimla emva kwemvula.
5
Nakuba indlu yam ingenjalo kutixo, undimisele ucebano olungunapakade noko, olulungiselelweyo ngento zonke, oluqinisiweyo; ngokuba engayi kuluhlumisa ngenyaniso na lwonke usindiswa lwam, nalo lwonke unqwenelo lwam?
6
Kodwa abalusapo lwobunginingini bona bonke boba njengameva asunduzwayo, ngokuba engenako ukutatyatwa ngezandla;
7
nosukuba eya kuwapata, wonqatyiswa ngentsimbi nangoluti lwentshuntshe; aeya kutshiswa kanye ngomlilo endaweni yawo.
8
NANGA amagama amagoṙa u‐Davide abenawo: u‐Yoshebe‐bashebete um‐Tahakemoni, intloko yenjengele; nguye u‐Hadino um‐Hetsene: yena wavivinya intshuntshe yake ngakuwo amakulu asibozo abahlatyiweyo nguye ngexesha linye.
9
Kwaye kuko emva kwake u‐Elezari, unyana ka‐Dodo, unyana wom‐Ahoha; ebepakati kwawo amagoṙa amatatu ndawonye no‐Davide, akuba ebegxeka ama‐Filistiya abebutene kona ukulwa, nxa amadoda akwa Sirayeli abenyukile:
10
wesuka yena, wabulala ama‐Filistiya sada sadinwa isandla sake, sati nama isandla sake eṙeleni: waza uyehova wenza usindiso olukulu ngalomhla; bati abantu babuyela emva kwake ngenxa yokupanga kupela.
11
Kwaye kuko emva kwake u‐Shama, unyana ka‐Age, um‐Harari. Kekaloku ama‐Filistiya ebebutene abe libandla, apo bekuko kona isahlulo somhlaba sizele zilentile; baza abantu besaba ebusweni bama‐Filistiya.
12
Kodwa wazimisa pakati kwentsimi leyo, wayilondoloza, wawabulala ama‐Filistiya: waza uyehova wenza usindiso olukulu.
13
Kwaye kusihla abatatu bakubo abamashumi matatu abazintloko, beza ku‐Davide ngexesha lokuvuna emqolombeni we‐Hadulame; lati ibandla lama‐Filistiya lati waca emhlanjeni wama‐Rafa.
14
Waye u‐Davide oko ebesenqatyeni, nelali yama‐Filistiya ibiko oko e‐Beteleheme.
15
Waza u‐Davide walangazelela, wati: Akwaba bendinokusezwa amanzi equleni lase‐Beteleheme, elisesangweni!
16
Asuka lamagoṙa matatu atyoboza emkosini wama‐Filistiya, aka amanzi equleni lase‐Beteleheme, elisesangweni, awatwala, awazisa ku‐Davide: koko u‐Davide ebengavumi ukuwasela, kodwa wawatululela kuyehova,
17
wati: Makube lé kum, Yehova! ukuba ndiyenze lento; ndiya kusela igazi lalamadoda na, abehamba ngokubuncama ubomi bawo? ngako ebengavumi ukuwasela. Ezizinto azenza lawomagoṙa matatu.
18
Kanjalo u‐Abishai, umninawe ka‐Jowabi, unyana ka‐Tseruya, ebeyintloko yabatatu: yena wavivinya intshuntshe yake ngakuwo amakulu matatu abahlatyiweyo nguye, waza wanegama pakati kwabatatu abo.
19
Kubo abatatu abo asi nguye na obekekileyo? ngako waba yinkosi yabo; kodwa akafikelela kwabatatu bokuqala.
20
No‐Benaya, unyana ka‐Yoyada, unyana wendoda ebuṙoti, obemkulu ngezenzo, owase‐Kabetsele, yena wabulala amadoda mabini abungonyamaṙa ase‐Mowabi: kanjako wehla wabulala ingonyama pakati kwomnxuma ngomhla wengqele:
21
wabulala nendoda engum‐Jipete, indoda enomkita; nasesandleni som‐Jipete lowo ibiko intshuntshe; koko wehlela kuye ngentonga, wayityutula intshuntshe esandleni som‐Jipete, wambulala ngeyake intshuntshe.
22
Ezizinto wazenza u‐Benaya unyana ka‐Yoyada, waza wanegama pakati kwalawomagoṙa matatu.
23
Pakati kwabo abamashumi matatu ebebekekile; kodwa akafikelela kwabatatu bokuqala. Wati u‐Davide wammisa pezu kwomlisela wake.
24
U‐Hasaheli umninawe ka‐Jowabi ebepakati kwabo abamashumi matatu; u‐Lehanane unyana ka‐Dodo, um‐Beteleheme;
25
u‐Shama, um‐Harodi; u‐Elika, um‐Harodi;
26
u‐Heletse, um‐Paliti; u‐Hira unyana ka‐Hikeshe, um‐Tekoha;
27
u‐Abihezere, um‐Hanatote; u‐Mebunai, um‐Husha;
28
u‐Tsalimone, um‐Ahoha; u‐Maharai, um‐Netofati;
29
u‐Helebe unyana ka‐Bahana, um‐Netofati; u‐Yitai unyana ka‐Ribai, owase‐Gibeha yosapo luka‐Benjamine;
30
u‐Benaya, um‐Piratone; u‐Hidai, owasezintilini zase‐Gahashe;
31
u‐Abi‐halibone, um‐Haraba; u‐Hazamaveti, um‐Bahurime;
32
u‐Eliyaba, um‐Shahalaboni; kubo onyana baka‐Yashene, u‐Jonatane;
33
u‐Shama, um‐Harari; u‐Ahiyame unyana ka‐Sharare, um‐Harari;
34
u‐Elifelete unyana ka‐Ahasebai, unyana wom‐Mahaka; u‐Eliyame unyana ka‐Ahitofele, um‐Gilo;
35
u‐Hetserai, um‐Karamele; u‐Parai, um‐Areba;
36
u‐Yigali unyana ka‐Natane, owase‐Tsoba; u‐Bani, um‐Gadi;
37
u‐Tseleki, um‐Hamoni; u‐Naharai, um‐Berote, umtwali wezixo̔bo ku‐Jowabi unyana ka‐Tseruya;
38
u‐Hira, um‐Yetere; u‐Garebi, um‐Yetere;
39
u‐Huriya, um‐Hete: bonke bangamashumi matatu anesixe̔nxe.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24