bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 6
2 Samuel 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 7 →
1
WABUYA wahlanganisa u‐Davide bonke abanyuliweyo bakwa‐Sirayeli, bengamawaka amashumi matatu.
2
Wayesuka u‐Davide, wemka nabantu bonke ababenaye e‐Bahale‐juda, uku nyusa kwa kona ityeya katixo, ekupezu kwayo igama libizwayo, igama likayehova wemikosi, ohlala pakati kwekerubime.
3
Baza bakwelisa ityeya katixo enqwelweni entsha, bayisusa endlwini ka‐Abinadabi, ebise‐Gibeha: bati u‐Huza no‐Ahiyo, onyana baka‐Abinadabi, babexesha lonqwelo entsha.
4
Kekaloku bakuyisusa endlwini ka‐Abinadabi, ebise‐Gibeha, kunye netyeya katixo, waza u‐Ahiyo wahamba pambi kwetyeya.
5
Bandula u‐Davide nayo yonke indlu ka‐Sirayeli badlala ebusweni bukayehova, ngezinto zonke zokuculisa ezenziweyo ngemiti yeberoshe, kwa ngehadi, nangenebele, nangentambula, nangezikencezelo, nangesimbali.
6
Kwati kwakufikwa esibayeni sokubula sika‐Nakone, waza u‐Huza wasolula isandla sake ngakuyo ityeya katixo, wayibamba; ngokuba inkabi beziku̔beka.
7
Yandula ingqumbo kayehova yavuta ngakuye u‐Huza; waye utixo wambeta kona ngenxa yesiposo eso; waza wafa kwa kona ngasetyeyeni katixo.
8
Wasuka waqumba u‐Davide ngenxa yokuba uyehova ebenzile isityobozelo pezu kwo‐Huza; ngako wayibiza londawo ngokuti yi‐Peretse‐huza, kude kwanamhla nje.
9
Waza u‐Davide wamoyika uyehova ngalomini, wayesiti: Yotiwa nina ukuza kum ityeya kayehova?
10
Ngako u‐Davide ebengavumi ukuba ityeya kayehova ipanjukiselwe kuye esixekweni sika‐Davide; kodwa u‐Davide wayishenxisela endlwini ka‐Obedi‐edome um‐Gate.
11
Yaye ityeya kayehova ihleli endlwini ka‐Obedi‐edome um‐Gate inyangazantatu: waza uyehova watamsanqela u‐Obedi‐edome, nayo yonke indlu yake.
12
Kwaza kwaxelwa kukumkani u‐Davide, kusitwa: Uyehova utamsanqele indlu ka‐Obedi‐edome, nako konke anako, ngenxa yetyeya katixo. Waza u‐Davide waya wenyusa ityeya katixo endlwini ka‐Obedi‐edome, wayizisa esixekweni sika‐Davide ngovuyo.
13
Kwaye kute, xeshekweni abo batwala ityeya kayehova bebehambile amanyatela amatandatu, wandula wabingelela inkabi nenkomo ezityetyisiweyo.
14
Waye u‐Davide waduda ngawo onke amandla ake ebusweni bukayehova: kanjako u‐Davide wabinqwa ngeyefodi yeqiya.
15
Kwa njalo u‐Davide nayo yonke indlu ka‐Sirayeli benyusa ityeya kayehova, ngokumemeza, nangentlokoma yexilongo.
16
Kwaza kwati, yakufika ityeya kayehova esixekweni sika Davide, u‐Mikali, intombi ka‐Saule, wakangela ngefenstile, wabona ukumkani u‐Davide exu̔ma eduda nokududa ebusweni bukayehova; wandula wamdela entliziyweni yake.
17
Baza bangenisa ityeya kayehova, bayimisa endaweni yayo, pakati kwentente ebe yolulelwe yona ngu‐Davide: wati u‐Davide wanikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo ebusweni bukayehova.
18
Xeshekweni u‐Davide abegqibile ukunikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo, wandula wabatamsanqelisa abantu egameni likayehova wemikosi.
19
Kanjalo wabela kubo bonke abantu, kuso sonke isihlwele sama‐Sirayeli, kwa kuwo amadoda nakubo abafazi, kwabanye ngabanye isimbana lesonka, nesiqendu senyama, negubu leveyine. Bada bemka bonke abantu baya abanye ngabanye ezindlwini zabo.
20
Wandula wabuya u‐Davide ukuya kutamsanqelisa indlu yake. Waza wapuma u‐Mikali, intombi ka‐Saule, ukuza kumkaulela u‐Davide, wati: Hai ukubekeka kwokumkani wo‐Sirayeli namhla, obezihluba namhla emehlweni ezicakakazi zezicaka zake, njengokuba omnye wabantu abangendawo ezihluba ekuhleni!
21
Kodwa u‐Davide wati ku‐Mikali: Ebusweni bukayehova, ondinyulileyo pezu kwoyihlo, napezu kwayo yonke indlu yake, ukundimisa inkosi pezu kwabantu bakayehova, pezu kwo‐Sirayeli; ewe, ebusweni bukayehova ndiya kudlala:
22
ndandiya kudeleka ngakumbi pezu kwoku, ndibe yinto etobekileyo emehlweni am; napakati kwezicakakazi obuteta ngazo, pakati kwazo ndiya kubekeka.
23
Ngako u‐Mikali, intombi ka‐Saule, wayengenamntwana kwada kwakuwo umhla wokufa kwake.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24