bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 12
2 Samuel 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 13 →
1
Wandula uyehova wamtuma u‐Natane ku‐Davide. Waza wangena kuye, wati kuye: Kwabekuko amadoda amabini esixekweni sinye, enye ibisisityebi, enye ibilihlwempu.
2
Esisityebi ibinegusha nenkomo, into eninzi kakulu:
3
kodwa elihlwempu ibingenanto, kupela yanetakanekazi legusha linye elincinane, ebilitengile, nebilipilisile, lada laba likulu kuyo nakubo abantwana bayo kunye; ladla kumtamo wayo, lasela kwindebe yayo, lalala esifubeni sayo, laba njengentombi kuyo.
4
Kwaza kwafika umhambi kuyo indoda esisityebi, eyayeka ukutabata kwigusha zayo nakwinkomo zayo, ukuba ipekele umhambi obefikile kuyo, kodwa yatabata itakanekazi lendoda elihlwempu, yalipekela indoda ebifikile kuyo.
5
Yaza yavuta ingqumbo ka‐Davide ngakuyo indoda leyo kakulu; wayesiti ku‐Natane: Ehleli nje uyehova, indoda eyenzileyo lento imelwe kukufa!
6
netakanekazi elo yolibuyekeza ngokukane, ngenxa yokuba iyenzile lento, nangenxa yokuba ibingenanceba.
7
Wandula u‐Natane wati ku‐Davide: Nguwe indoda leyo. Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ndikutambisile ube ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli, ndakuhlangula esandleni sika‐Saule;
8
kanjalo ndikunikile indlu yenkosi yako, nabafazi benkosi yako esifubeni sako; ewe ndikunikile indlu ka‐Sirayeli neka‐Juda; nokuba kube kuncinane oko, ngendizongezelele kuwe izinto ezinjengezi nezinjengeziya.
9
Yinina ukuba udelile ilizwi likayehova, ngokwenza okukohlakeleyo emehlweni ake? u‐Huriya um‐Hete umbetile ngeṙele, nomfazi wake umtabatile abe ngumfazi wako; ewe yena umbulele ngeṙele losapo luka‐Hamoni.
10
Ngako kaloku, iṙele aliyi kupambuka endlwini yako kude kube ngunapakade; ngenxa yokuba undidelile mna, nokuba umtabatile umfazi ka‐Huriya um‐Hete abe ngumfazi wako.
11
Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuvusa ngakuwe ububi buvela endlwini yako, ndandiya kutabata abafazi bako pambi kwamehlo ako, ndibanike kummelwane wako, oya kulala nabafazi bako pambi kwamehlo elanga eli.
12
Ngokuba wena ubusenza oko ngasese; kodwa mna ndiya kuyenza lento pambi kwabo bonke o‐Sirayeli, napambi kwelanga.
13
Wandula u‐Davide wati ku‐Natane: Ndonile ngakuye uyehova. Waza u‐Natane wati ku‐Davide: Kanjako uyehova ususile isono sako; akuyi kufa.
14
Kodwa, ngenxa yokuba uzenzile intshaba zikayehova zigxeke kakulu ngalento, kanjalo unyana ozelweyo kuwe uya kufa ngenyaniso.
15
Wemka u‐Natane waya endlwini yake. Waza uyehova wambeta umntwana obezalelwe u‐Davide ngumfazi ka‐Huriya, ukuba wabesifa kakulu.
16
Ngako u‐Davide wamfuna utixo ngenxa yomntwana lowo; waza u‐Davide wenza inzilo, wangena, walala ubusuku bonke emhlabeni.
17
Bandula besuka abadala bendlu yake, baya kuye, ukuze bamsukise emhlabeni; kodwa ebengavumi, ebengadli isonka nabo kanjako.
18
Kwaye kute ngomhla wesixe̔nxe ukuba umntwana wabuba. Zaza izicaka zika‐Davide zoyika ukumxelela ukuba umntwana ufile; ngokuba bezisiti: Bona ke, nxa umntwana asahleli, sateta naye, kodwa ebengapulapuli ilizwi letu; soti nina ke ukuti kuye: Umntwana ufile? ngokuba eya kuzenzakalisa.
19
Kodwa akubona u‐Davide ukuba izicaka zake bezisebezelana, wandula u‐Davide waqonda ukuba umntwana ufile; ngako u‐Davide wati kuzo izicaka zake: Ufile na umntwana? Zati: Ufile.
20
Waza u‐Davide wesuka emhlabeni, wazihlamba, wazitambisa, waguqula izivato zake, wangena endlwini kayehova, wabedesha: wandula wangena endlwini yake; wati akucela, wabekelwa isonka, wadla ke.
21
Zaza izicaka zake zati kuye: Yinina lento oyenzileyo? ngenxa yomntwana ehleli nje ubuzila ukutya, walila nokulila; kodwa akuba umntwana efile, ubusuka wadla isonka.
22
Wayesiti: Nxa umntwana asahleli, ndazila ukutya, ndalila nokulila, ngokuba ndibe ndisiti: Ngubanina owaziyo? angati uyehova abe nofefe kum, ukuba umntwana apile.
23
Kodwa ngoku efile nje, sendiya kuzilela nina? ndingaba nokumbuyisa kanjako na? ndiya kuya kuye, kodwa yena akayi kubuyela kum.
24
Wandula u‐Davide wamtutuzela u‐Batesheba umfazi wake, wangena kuye, walala naye; wazala unyana ke; waza wabiza igama lake ngo‐Solomone: wati uyehova wamtanda;
25
watuma ngesandla sika‐Natane umprofite, owabiza igama lake ngo‐Yedidiya, ngenxa kayehova.
26
Kekaloku u‐Jowabi walwa ngakuyo i‐Raba yosapo luka‐Hamoni, wasitimba isixeko sobukumkani.
27
Waza u‐Jowabi watuma izigidimi ku‐Davide, wati: Ndilwile ngakuyo i‐Raba, kanjako ndisitimbile isixeko samanzi:
28
ngako kaloku, hlanganisa isisalela sabantu, usiṙaule isixeko, usitimbe; hleze ndiya kusitimba isixeko mna, lize igama lam libizwe pezu kwaso.
29
Wandula u‐Davide wahlanganisa bonke abantu, waya e‐Raba, walwa ngakuyo, wayitimba.
30
Wayesusa isitsaba sokumkani walo entlokweni yake, esibe siyitalente yegolide ukuba nzima kwaso, sinamatye anqabileyo; saye si bekwa pezu kwentloko ka‐Davide: namaxoba esixeko wawapumisa ngento eninzi kakulu:
31
nabantu ababekuso wabapumisa, wababeka pantsi kwesaṙa, napantsi kwezibulo zesincete, napantsi kwezixenxe zesincete, wabadlulisa endaweni yokugqwagqwa izitene: wenje njalo ke kuzo zonke izixeko zosapo luka‐Hamoni. Waza u‐Davide wabuyela e‐Yerusaleme, nabo bonke abantu.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24