bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 16
2 Samuel 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 17 →
1
Kekaloku akuba u‐Davide egqitile kancinane emmangweni, bona ke, u‐Tsiba isicaka sika‐Mefiboshete wamkaulela, enesibini samaqwaṙashe enezidwashu, zipezu kwawo izonka ezimakulu mabini, nekulu lezipa zedreyive ezishwenyileyo, nekulu lamasimba eziqa̔mo zehlobo, nentsuba yeveyine.
2
Waza ukumkani wati ku‐Tsiba: Uti nina ngezizinto? Wayesiti u‐Tsiba: Amaqwaṙashe ngawabendlu yokumkani kukwelwe; izonka neziqa̔mo zehlobo zezokuba amadodana adle; neveyine yeyokuba abadiniweyo entlango basele.
3
Wayesiti ukumkani: Upina kodwa unyana wenkosi yako? Waza u‐Tsiba wati kukumkani: Bona ke, uhleli e‐Yerusaleme; ngokuba ebesiti: Namhla indlu ka‐Sirayeli iya kubuyisela kum ubukumkani bobawo.
4
Wandula ukumkani wati ku‐Tsiba: Bona ke, konke okukokuka‐Mefiboshete kukokwako. Wayesiti u‐Tsiba: Ndiyatoba pantsi; mandifumane ufefe emehlweni ako, nkosi yam, kumkani!
5
Kekaloku, akuza ukumkani u‐Davide ngase‐Bahurime, bona ke, kwapuma kona indoda yakwisizalwane sendlu ka‐Saule, egama belingu‐Shimehi, unyana ka‐Gera: wapuma, eqalekisa ekupumeni kwake.
6
Wasuka wagibisela ngamatye u‐Davide, nazo zonke izicaka zokumkani u‐Davide; baye bonke abantu nawo onke amagoṙa bengasekunene kwake nangasekohlo kwake.
7
Wayesitsho u‐Shimehi ekuqalekiseni kwake ukuti: Puma, puma, ndoda yegazi, ndoda yobunginingini!
8
uyehova ubuyisile pezu kwako lonke igazi lendlu ka‐Saule, lowo obupata ubukumkani esikundleni sake; kanjako uyehova unikele ubukumkani esandleni sika‐Abasalome unyana wako; kanti nanku wena usengozini yako, ngokuba uyindoda yegazi.
9
Wandula u‐Abishai unyana ka‐Tseruya wati kukumkani: Yinina ukuba lenja efileyo iqalekise inkosi yam ukumkani? mandidlule ke, ndiye ndisuse intloko yake.
10
Koko ukumkani wati: Ndiyinto nina kuni, bonyana baka‐Tseruya? makaqalekise bo, ngokuba uyehova ete kuye: Mqalekise u‐Davide; ngubanina ke oya kuti: Yinina ukuba wenje njalo?
11
Waza u‐Davide wati ku‐Abishai nakuzo zonke izicaka zake: Bona ke, unyana wam owapuma ematunjini am, uyafuna ubomi bam; kwoba kangakananina ngakumbi kaloku enje njalo lom‐Benjamine? myekeni, makaqalekise; ngokuba uyehova emxelele:
12
kungaba uyehova uya kukangela pezu kwelishwa lam, aze uyehova abuyekeze kum okulungileyo esikundleni sokuqalekisa kwake namhla nje.
13
Wahamba ke u‐Davide namadoda ake endleleni; wati u‐Shimehi wahamba ecaleni lentaba malungana naye, waqalekisa ekuhambeni kwake, wagibisela ngamatye ngakuye, waposa utuli.
14
Wada wafika ukumkani, nabantu bonke ababenaye, bediniwe nje, bati pefu kona.
15
KEKALOKU u‐Abasalome, nabo bonke abantu, amadoda akwa‐Sirayeli, beza e‐Yerusaleme, no‐Ahitofele kunye naye.
16
Kwaye kute, okuya u‐Hushai um‐Areki, umhlobo ka‐Davide, wezayo ku‐Abasalome, wandula u‐Hushai wati ku‐Abasalome: Makapile ukumkani, makapile ukumkani!
17
Waza u‐Abasalome wati ku‐Hushai: Bubo obu na ububele bako kumhlobo wako? yinina ukuba akuyanga nomhlobo wako?
18
Wayesiti u‐Hushai ku‐Abasalome: Hai; ngulowo unyuliweyo nguyehova, nangababantu, nangamadoda onke akwa‐Sirayeli, endiya kuba ngowake, nendiya kuhlala naye:
19
nakanjako, ngendimkonza banina? ngekungabi sebusweni bonyana wake na? njengokuba ndikonzile ebusweni boyihlo, ndoba njalo ebusweni bako.
20
Wandula u‐Abasalome wati ku‐Ahitofele: Nikani icebo! siya kwenza nto nina?
21
Waza u‐Ahitofele wati ku‐Abasalome: Ngena kuwo amashweshwe kayihlo, awashiyileyo ukulinda indlu; baye o‐Sirayeli bonke beya kuva ukuba unukele uyihlo; kwa njalo ziya kwomelela izandla zabo bonke abanawe.
22
Ngako bamolulela u‐Abasalome intente pezu kwendlu; waza u‐Abasalome wangena kuwo amashweshwe oyise pambi kwamehlo o‐Sirayeli bonke.
23
Kekaloku icebo lika‐Ahitofele, elo wacebisa ngalo ngalomihla, belinjengokungati kwabuzwa elizwini likatixo: belinjalo lonke icebo lika‐Ahitofele nakuye u‐Davide nakuye u‐Abasalome.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24