bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 4
2 Samuel 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 5 →
1
WATI akuva unyana ka‐Saule ukuba u‐Abenere utile e‐Hebrone, zandula izandla zake zapolelwa, nabo bonke o‐Sirayeli betuswa.
2
Waye unyana ka‐Saule ebenamadoda mabini, inkosi zamabandla; igama lenye lalingu‐Bahana, negama lenye lalingu‐Rekabe, onyana baka‐Rimone um‐Berote, owosapo luka‐Benjamine: (ngokuba ne‐Berote ibibalelwa o‐Benjamine:
3
kanjalo ama‐Berote ebesabele e‐Gitayime, aba ngabasemzini kona kude kwanamhla nje.)
4
Waye u‐Jonatane, unyana ka‐Saule, ebenonyana oqwalela ngenyawo: wabeyiminyaka mihlanu ubudala bake, nxa zibe zivela indaba ngaye u‐Saule no‐Jonatane e‐Yezerele; waza umondlikazi wake wamtabata, wesaba: kwaza kwati, akunxama ukusaba, wawa, waba sisiqwala. Laye igama lake lingu‐Mefiboshete.
5
Basuka bahamba onyana baka‐Rimone um‐Berote, u‐Rekabe no‐Bahana, beza endlwini ka‐Shiboshete yakufudumala imini: waye yena elele emandlalweni emini enkulu.
6
Baza bangena kona kude kwapakati kwendlu, njengokungati bebezeka inqolowa, bambeta esiswini: bati u‐Rekale no‐Bahana umzalwana wake basinda.
7
Ngokuba, bakungena endlwini, ebelele yena pezu kwomandlalo wake enkambilini yake yokulala; bandula bambeta, bambulala, bamnqumla intloko, batabata intloko yake, bahamba ngendlela yetafa bonke ubusuku.
8
Baza bazisa intloko ka‐Shiboshete ku‐Davide e‐Hebrone, bati kukumkani: Nantsi intloko ka‐Shiboshete, unyana ka‐Saule, utshaba lwako, obefuna ubomi bako; kwa njalo uyehova wenzele inkosi yam ukumkani impindezelo namhla nje kuye u‐Saule nakuyo inzalo yake.
9
Koko u‐Davide wapendula u‐Rekabe no‐Bahana umzalwana wake, onyana baka‐Rimone um‐Berote, wati kubo: Ehleli nje uyehova, okululeyo umpefumlo wam kubo bonke ubunzima;
10
xeshekweni lowo owandixelela ngokuti: Bona ke, u‐Saule ufile; obenjengozisayo indaba ezilungileyo kwawake amehlo; ndambamba ke, ndambulala e‐Tsikilage; o beba ndiya kumnika umvuzo wendaba:
11
kwoba kangakananina ngakumbi, nxa amadoda akohlakeleyo abulele indoda elungileyo endlwini yayo pezu kwomandlalo wayo? ngako kaloku, andiyi kubiza na igazi layo ezandleni zenu, ndisuse nina emhlabeni?
12
Waza u‐Davide wayalela amadodana ake, aza ababulala, anqumla izandla zabo nenyawo zabo, abaxo̔ma ngasecibini e‐Hebrone: kodwa intloko ka‐Shiboshete ayitabata, ayincw̔aba encw̔abeni lika‐Abenere e‐Hebrone.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24