bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 9
2 Samuel 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 10 →
1
WAYESITI u‐Davide: Kuseko na oseleyo kwindlu ka‐Saule, ukuze ndimenzele ububele ngenxa ka‐Jonatane?
2
Kwabekuko isicaka sendlu ka‐Saule, esigama belingu‐Tsiba; baza bambiza eze ku‐Davide. Wandula ukumkani wati kuye: Wena ungu‐Tsiba na? Wayesiti: Isicaka sako singuye.
3
Waza ukumkani wati: Akuseko na umntu wendlu ka‐Saule, ukuba ndimenzele ububele bukatixo? Wati u‐Tsiba kukumkani: Kuseko unyana ka‐Jonatane, oqwalelayo ngenyawo.
4
Waza ukumkani wati kuye: Upina yena? Wati u‐Tsiba kukumkani: Bona ke, usendlwini ka‐Makire, unyana ka Hamiyeli, e‐Lo‐debare.
5
Wandula watuma ukumkani u‐Davide, wamtabata endlwini ka‐Makire, unyana ka‐Hamiyeli, e‐Lo‐debare.
6
Wati akufika u‐Mefiboshete, unyana ka‐Jonatane, unyana ka‐Saule, ku‐Davide, wandula wawa ebusweni bake, waziqubuda. Wayesiti u‐Davide: Mefiboshete! Wati yena: Nasi isicaka sako!
7
Waza u‐Davide wati kuye: Ungoyiki; ngokuba ndiya kukwenzela ububele ngenyaniso, ngenxa ka‐Jonatane uyihlo, ndibuyisele kuwe onke amasimi ka‐Saule uyihlo; nawe uya kumana ukudla isonka ngasetafileni yam.
8
Wasuka wazitoba, wati: Isicaka sako siyinto nina, ukuba ubeke kuyo inja efileyo enjengam?
9
Wandula ukumkani wambiza u‐Tsiba, isicaka sika‐Saule, wati kuye: Konke okube kukokuka‐Saule, nokwayo yonke indlu yake, ndikunikile kunyana wenkosi yako.
10
Ngako uya kumlimela umhlaba, wena nonyana bako, nezicaka zako, ungenise iziqa̔mo, ukuze unyana wenkosi yako abe nesonka, ukuba adle; kodwa u‐Mefiboshete, unyana wenkosi yako, womana ukudla isonka ngasetafileni yam. Kekaloku u‐Tsiba ebenonyana balishumi elinabahlanu, nezicaka zamashumi mabini.
11
Waza u‐Tsiba wati kukumkani: Njengako konke inkosi yam ukumkani isiyalele isicaka sayo, siya kwenje njalo isicaka sako. Kanjalo u‐Mefiboshete, watsho ukumkani, esidla ngasetafileni yam, woba njengomnye wonyana bokumkani.
12
Waye u‐Mefiboshete enonyana omncinane, ogama belingu‐Mika. Kanjako bonke ababehlala endlwini ka‐Tsiba, bebezizicaka kuye u‐Mefiboshete.
13
Kwa njalo u‐Mefiboshete wahlala e‐Yerusaleme; ngokuba ebemana ukudla ngasetafileni yokumkani: wayesisiqwala ngenyawo zake zombini.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24