bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 15
2 Samuel 15
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 16 →
1
KWAYE kute emveni kwoku, ukuba u‐Abasalome wazilungisela inqwelo namahashe, namadoda angamashumi mahlanu abaleke pambi kwake.
2
Wavuka kusasa u‐Abasalome, wema ngasecaleni lendlela yesango: kwaza kwati, umntu osukuba enempikiso yokuba eze kukumkani ekugwebeni, wabiza u‐Abasalome kuye, wati: Uvela kwisipina isixeko? Wayesiti: Isicaka sako sivela kwesinye sezizwe zo‐Sirayeli.
3
Waza u‐Abasalome wati kuye: Kangela, indawo zako zilungile, zifanelekile; kodwa akuko umpulapuli kuwe evela kukumkani.
4
Wati kanjalo u‐Abasalome: Akwaba ndamiswa umgwebi elizweni, ukuba eze kum umntu osukuba enempikiso nesimangalo, ukuze ndimlungise!
5
Kwaza kwati, akusondela umntu ukuza kutoba pambi kwake, wandula wasolula isandla sake, wambamba, wamanga.
6
Wenza ke u‐Abasalome ngendawo enjalo kubo bonke o‐Sirayeli abezayo kukumkani ekugwebeni: wada u‐Abasalome weba̔ intliziyo zamadoda akwa‐Sirayeli.
7
Kwabekute ekupeleni kweminyaka yamashumi mane, wandula u‐Abasalome wati kukumkani: Mandihambe ke, ndiye ndisifeze isibambiso sam, endibambisileyo ngaso kuyehova, e‐Hebrone:
8
ngokuba isicaka sako besibambisa ngesibambiso, ndakuhlala e‐Geshure e‐Siriya, sisiti: Ukuba uyehova uya kundibuyisela e‐Yerusaleme ngenyaniso, ndiya kwandula ndimkonze uyehova.
9
Waza ukumkani wati kuye: Hamba ngoxolo. Wesuka ke, waya e‐Hebrone.
10
Kekaloku u‐Abasalome watuma abahloli pakati kwazo zonke izizwe zo‐Sirayeli, esiti: Xeshekweni niya kuva ilizwi lexilongo, nandul’ ukuti: u‐Abasalome ungukumkani e‐Hebrone.
11
Kwaye kumka no‐Abasalome e‐Yerusaleme amadoda angamakulu mabini, engamenyiweyo; aya ngolungelelwano lwawo, engazi luto.
12
Kanjalo u‐Abasalome watumela u‐Ahitofele um‐Gilo, umpakati ka‐Davide, avele esixekweni sake, e‐Gilo, nxa ebebingelela imibingo. Yati ingcebiswano yaba namandla; ngokuba abantu bebemana besandela u‐Abasalome.
13
Wada weza umbiki ku‐Davide, esiti: Intliziyo zamadoda akwa‐Sirayeli ziyalandela u‐Abasalome.
14
Wandula wati u‐Davide kuzo zonke izicaka zake ezibe zinaye e‐Yerusaleme: Sukani, sisabe; ngokuba kungayi kubako kuti ukusinda ebusweni buka‐Abasalome: nxamani ukumka, hleze asifumane kamsinyane, ahlise pezu kwetu ilishwa, abete isixeko ngohlangoti lweṙele.
15
Zaza izicaka zokumkani zati kukumkani: Njengako konke iya kukunyula inkosi yam ukumkani, nazi izicaka zako ukwenje njalo!
16
Waza wapuma ukumkani, nabo bonke abendlu yake ngasezinyaweni zake: kodwa ukumkani washiya ishumi labafazi abangamashweshwe, ukuba balinde indlu.
17
Kwa njalo wapuma ukumkani, nabo bonke abantu ngasezinyaweni zake; baya bahlala e‐Bete‐meraki.
18
Zaza zonke izicaka zake zadlula ngasecaleni lake; nabo bonke aba‐Kereti, nabo bonke aba‐Peleti, nawo onke ama‐Gate, amadoda angamakulu matandatu abevele e‐Gate ngasezinyaweni zake, badlula pambi kwokumkani.
19
Wandula ukumkani wati ku‐Yitai um‐Gate: Kunganina ukuba nawe uhambe nati? buya, uhlale nokumkani; ngokuba wena ungowasemzini, nofudukileyo ukuza endaweni yako kanjako:
20
ufikile izolo nje, sendiya kukudungudelisa na namhla ngokuhamba nati? mna kambe ndiya kuhamba apo ndingahambela kona; buya wena, ubuyise abazalwana bako: ububele nenyaniso maibe nawe.
21
Koko u‐Yitai wampendula ukumkani, wati: Njengokuba ehleli uyehova, na njengokuba ihleli inkosi yam ukumkani, endaweni apo iya kubako kona inkosi yam ukumkani, nokuba kube kukufa, nokuba kube kukudliwa kwobomi, kwa lapo siya kubako isicaka sako!
22
Waza u‐Davide wati ku‐Yitai: Hamba, uwele. Wasuka wawela u‐Yitai um‐Gate, nawo onke amadoda ake, nabo bonke abantwana ababenaye.
23
Lati ilizwe lonke lalila ngelizwi elikulu, bakuwela bonke abantu: kanjalo ukumkani wawela umlanjana we‐Kidrone, baza bawela nabantu bonke, ngasendleleni yentlango.
24
Kwaye kuko, bona ke, no‐Tsadoki, nabo bonke aba‐Levi kunye naye, betwele ityeya yocebano lukatixo; bayibeka pantsi ke ityeya katixo; waza wenyuka u‐Abiyatare, bada bagqiba bonke abantu ukudlula bevela esixekweni.
25
Wayesiti ukumkani ku‐Tsadoki: Yibuyisele ityeya katixo esixekweni: ukuba ndiya kufumana ufefe emehlweni kayehova, uya kundibuyisa, andibonise yona nekaya lake;
26
kodwa ukuba utsho ukuti: Andikoliswa nguwe; nanku mna, makenze kum njengo kuba kulungile emehlweni ake.
27
Walekela ukumkani wati ku‐Tsadoki umperisite: Wena aku ngumboni na? buyela esixekweni ngoxolo, nonyana bako bobabini kunye nawe, u‐Himahatse unyana wako, no‐Jonatane unyana ka‐Abiyatare.
28
Kangelani, ndiya kulibala ematafeni entlango, kude kuvele ilizwi kuni lokundibika.
29
Ngako u‐Tsadoki no‐Abiyatare babuyisela ityeya katixo e‐Yerusaleme, baza bahlala kona.
30
Kekaloku u‐Davide wenyuka ngeqina lentaba yeminquma, elila ekunyukeni kwake, enentloko yake igqujutelwe, wahamba ngenyawo zingenazihlangu: kanjalo bonke abantu ababenaye bagqubutela abanye ngabanye intloko zabo, benyuka, belila ekunyukeni kwabo.
31
Kwada kwaxelelwa u‐Davide, ukuti: u‐Ahitofele upakati kwabacebiswene no Abasalome. Waza wati u‐Davide: Zumatise ke icebo lika‐Ahitofele, Yehova!
32
Kwabekute, akufika u‐Davide emmangweni, apo wambedesha kona utixo, nanku u‐Hushai um‐Areki esiza kumkaulela, enengubo yake iṙazukile, nomhlaba pezu kwentloko yake.
33
Wayesiti u‐Davide kuye: Ukuba uyadlula nam, uya kwandula ube ngumtwalo kum;
34
kodwa ukuba uya kubuyela esixekweni, uti ku‐Abasalome: Mna ndoba sisicaka sako, kumkani! bendisisicaka soyihlo ngapambili, kodwa kaloku ndoba sisicaka sako; uya kwandula unditshitshisele icebo lika‐Ahitofele.
35
Abako na nawe kona u‐Tsadoki no‐Abiyatare abaperisite? ngako kuya kuti, zonke indawo uya kuziva zivela endlwini yokumkani, wozixela ku‐Tsadoki naku‐Abiyatare abaperisite.
36
Bako nabo kona onyana babo bobabini, u‐Himahatse oka‐Tsadoki, no‐Jonatane oka‐Abiyatare; ngezandla zabo niya kutuma kum zonke indawo eniya kuziva.
37
Waza u‐Hushai, umhlobo ka‐Davide, weza esixekweni; wati no‐Abasalome weza e‐Yerusaleme.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24