bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 24
2 Samuel 24
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
1
YABUYA yavuta ingqumbo kayehova ngakubo o‐Sirayeli; waza wamvusa u‐Davide ngakubo, esiti: Hamba, ubale o‐Sirayeli no‐Juda.
2
Wayesiti ukumkani ku‐Jowabi, inkosi yempi ebinaye: Kaucande kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, kwa se‐Dane kude kube se‐Beresheba, nibale abantu, ukuba ndilazi inani labantu.
3
Waza wati u‐Jowabi kukumkani: Makongeze uyehova, utixo wako, ebantwini, inani elinjengokuba bengaka, nelinjengokuba bengaka kube ngamaxesha alikulu, aze amehlo enkosi yam ukumkani abone oko: kunganina pofu ukuba inkosi yam ukumkani inyamekela lento?
4
Kodwa ilizwi lokumkani belinamandla pezu kwelika‐Jowabi, napezu kwelenkosi zempi. Waza wapuma u‐Jowabi nenkosi zempi ebusweni bokumkani ukuya kubala abantu, o‐Sirayeli.
5
Basuka bawela i‐Yoredane, bati waca e‐Harohere, ngasesuyide yesixeko esipakati kwentili ka‐Gadi, nangase‐Yahezere:
6
bandula beza e‐Gileyadi, nasezweni lase‐Tahetime‐hodeshi; beza nase‐Dane‐yahane, na seziceni elingqongayo i‐Tsidone;
7
beza nasenqatyeni yase‐Tire, nakuzo izixeko zama‐Hivi nezaba‐Kanane; bada bapumela ngasesuyide yakwa‐Juda, e‐Beresheba.
8
Bati bakuba becandile kulo lonke ilizwe, bafika e‐Yerusaleme ekupeleni kwenyanga ezilitoba nentsuku ezimashumi mabini.
9
Waza u‐Jowabi wanika inani lokubalwa kwabantu kukumkani: kekaloku kwabako kwa‐Sirayeli amawaka angamakulu asibozo amadoda abuṙoti, aber̔ola iṙele; namadoda akwa‐Juda, ebengamadoda angamawaka angamakulu mahlanu.
10
Yandula intliziyo ka‐Davide yambeta, emveni kwokuba ebebalile abantu. Waza wati u‐Davide kuyehova: Ndonile kakulu ngoko endikwenzileyo: kodwa kaloku, Yehova! zukwelelise inkohlakalo yesicaka sako, ngokuba ndenze ngobudenge kakulu.
11
Kwati kwakuvuka u‐Davide kusasa, kweza ilizwi likayehova ku‐Gadi umprofite, umboni ka‐Davide, lisiti:
12
Hamba, uye utete ku‐Davide, usiti: Utsho uyehova ukuti: Izinto ezintatu ndiyazibeka pambi kwako; zinyulele ibe nye kuzo, ukuba ndiyenze kuwe.
13
Wasuka u‐Gadi weza ku‐Davide, wamxelela, wati kuye: Kuya kuza kuwe iminyaka esixe̔nxe yendlala na elizweni lako? umhlaumbi uya kwesaba na inyanga ezintatu pambi kwentshaba zako, nxa zikuputumayo? umhlaumbi iya kubako imihla emitatu yesifo esibubisayo elizweni lako kusinina? telekelela kaloku, ugqale lelinina ilizwi endiya kulibuyisela konditumileyo.
14
Waza u‐Davide wati ku‐Gadi: Ndixakekile kakulu; makesiwe esandleni sikayehova, ngokuba izibele zake zininzi; mandingawi esandleni sabantu.
15
Ngako uyehova watuma isifo esibubisayo kwa‐Sirayeli, kwa kuwo umso lowo kude kwakulo ixesha elimisiweyo: aza afa kubantu, kwa se‐Dane kude kwase‐Beresheba, amadoda angamawaka angamashumi asixe̔nxe.
16
Yati yakwolula ingelosi isandla sayo pezu kwe‐Yerusaleme ukuyitshabalalisa, wandula uyehova waba nosizi pezu kwobubi obo, wati kuyo ingelosi ebitshabalalisa ebantwini: Kwanele; yekisa kaloku isandla sako. Kekaloku ingelosi kayehova ibingasesibayeni sokubula sika‐Arauna um‐Yebusi.
17
Waza wateta u‐Davide kuyehova, akuyibona ingelosi ebibeta ebantwini, wati: Bona ke, ndim ondonileyo, kanjalo ndim ondenze ngobugwenxa; kodwa igusha ezi, yinto nina ziyenzileyo? isandla sako masibe ngakum, nangakuyo indlu kabawo.
18
Kanjalo u‐Gadi weza ku‐Davide ngalomhla, wati kuye: Nyuka, ummisele uyehova isibingelo esibayeni sokubula sika‐Arauna um‐Yebusi.
19
Waye u‐Davide wenyuka ngelizwi lika‐Gadi, njengokuba uyehova ebeyalele.
20
Wati u‐Arauna wakangela, wabona ukumkani nezicaka zake bedlula besiza ngakuye; waza wapuma u‐Arauna, wazitoba pambi kwokumkani ngobuso bake ngasemhlabeni.
21
Waza wati u‐Arauna: Kunganina ukuba inkosi yam ukumkani ize esicakeni sayo? Wayesiti u‐Davide: Ukuba nditenge kuwe isibaya sokubula, ukuze ndimakele uyehova isibingelo, ukuba isibulalo sinqamke ebantwini.
22
Wandula u‐Arauna wati ku‐Davide: Maiti inkosi yam ukumkani itabate inikele konke okulungileyo emehlweni ayo; kangela, nanzi inkabi zibe lidini lokutshiswa, nenqwelwana zokubula nempahla zenkabi zibe zinkuni.
23
Ezizinto zonke wazinika u‐Arauna kuye ukumkani. Wati kanjalo u‐Arauna kukumkani: Uyehova, utixo wako, makakubuke.
24
Kodwa ukumkani wati ku‐Arauna: Hai; koko ndiya kusitenga ngenyaniso kuwe ngenani: ngokuba ndingayi kunikela kuyehova, utixo wam, amadini okutshiswa angamelwanga nto. Kwa njalo u‐Davide watenga isibaya sokubula nenkabi ngeshekele zesilivere ezimashumi mahlanu.
25
Waza u‐Davide wakela kona kuyehova isibingelo, wanikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo. Ngako uyehova wakungeleka ngenxa yelizwe, sada sanqamka isibulalo kwa‐Sirayeli.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24