bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 22
2 Samuel 22
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 23 →
1
WAZA u‐Davide wawateta kuyehova amazwi eliculo, ngomhla uyehova wamsindisayo esandleni sazo zonke intshaba zake, nasesandleni sika‐Saule:
2
wayesiti: Uyehova uliliwa lam, nenqaba yam, nomkululi wam;
3
utixo wam, ilityekazi lam; ndiya kutembela kuye: ikaka lam, nopondo lwosindiswa lwam, ihlati lam, nendawo yokupepela yam, umsindisi wam; uyandisindisa wena ebudlwengwini.
4
Ndobiza kuyehova, odumisekayo; ndandiya kusindiswa ezintshabeni zam.
5
Ngokuba amaza okufa ebendiṙaula; imisinga yobunginingini yandoyikisa:
6
intambo zehadesi zandingqonga; imigibe yokufa yandipangela;
7
ebunzimeni bam ndabiza kuyehova, ndabiza kutixo wam; waza weva ilizwi lam esetempileni yake, nokukala kwam kweza ezindlebeni zake.
8
Wandula umhlaba wazamazama, wangcangcazela; amasekwa ezulu ashukuma, azamazama, ngokuba ebequmbile.
9
Kwenyuka umsi ezimpumlweni zake, nomlilo uvela emlonyeni wake wadla; amalahle avuta ngawo.
10
Wagoba izulu, wehla; sasitokotoko pantsi kwenyawo zake.
11
Wakwela pezu kwekerubime, wapapazela; wabonakala pezu kwamapiko omoya.
12
Ubumnyama wabenza intente ngento emngqongayo, intlanganiso yamanzi, amafu abungqingwa ezulu.
13
Ngenkazimlo epambi kwake avuta amalahle omlilo.
14
Uyehova wadudumisa ezulwini; opezu konke wanika ilizwi lake.
15
Watuma intolo, wabacita; n emibane, wabapitizelisa.
16
Kwandula kwabonakala amazantsi olwandle, atyileka amasekwa omhlaba, ngokutetisa kukayehova, ngokuquta kwomoya wempumlo zake.
17
Wasusa pezulu, wanditabata; wandir̔ola emanzini amaninzi;
18
wandisindisa elutshabeni lwam olunamandla; na kwabo banditiyayo, ngokuba bebendidlula ngamandla.
19
Bandipangela ngomhla wengozi yam; kodwa uyehova ebesisixaso kum.
20
Wandipumisela endaweni ebanzi, wandikulula, ngokuba ebekoliswa ndim.
21
Uyehova wandivuza njengobulungisa bam; njengobumhlope bezandla zam wandibuyekezela.
22
Ngokuba ndizigcinile indlela zikayehova, ndandingemkanga ngenkohlakalo kutixo wam.
23
Ngokuba zonke izigwebo zake zibe zipambi kwam; nemimiso yake andipambukanga kuyo.
24
Bendilungisekile pambi kwake, ndandizibamba enkohlakalweni yam:
25
ngako uyehova undibuyekezele njengobulungisa bam, njengobumhlope bam pambi kwamehlo ake.
26
Konobubele uyazibonakalisa unobubele; kwindoda elungisekile uyazibonakalisa ulungisekile;
27
komsulwa uyazibonakalisa umsulwa; nakogwenxa uyazibonakalisa ugwenxa.
28
Kanjalo abantu ababandezelweyo uyabasindisa; kodwa amehlo ako angakubo abaner̔atshi, ukuba ubatobise.
29
Ngokuba wena usisibane sam, Yehova! uyehova uyakanyisa ubumnyama bam.
30
Ngokuba ngawe ndiliwele ibandla; ngotixo wam ndigqitile eludongeni.
31
Utixo indlela yake ifezekile ukulunga; ilizwi likayehova licocekile: ulikaka yena kubo bonke abatembela kuye.
32
Ngokuba ngubanina ongutixo ngapandle kwoyehova? ngubanina olilityekazi ngapandle kwotixo wetu?
33
Utixo uyinqaba yam yamandla; uyamalatisa olungisekileyo indlela yake.
34
Uyenza inyawo zam zibe njengezamaxamakazi; uyandimisa ezinyangweni zam.
35
Uyafundisa izandla zam ukulwa, side sityedwe isipeta sexina ngengalo zam.
36
Undipile ikaka losindiso lwako; ukululama kwako kundenze mkulu.
37
Wabusenza banzi ukunyatela kwam pantsi kwam; ati amaqata am akahexa.
38
Ndaputuma intshaba zam, ndazitshabalalisa; andabuya ndada ndazigqibela.
39
Ndazigqibela, ndazityumza, azabuya zivuke; zawa pantsi kwenyawo zam.
40
Ngokuba ubundibinqela ukulwa ngamandla; ubatobisile pantsi kwam abo babevuka ngakum:
41
wandinika umhlana wentshaba zam, ndize ndibapelise abanditiyayo.
42
Bakangela, kodwa bekungeko osindisayo; kwa kuyehova, kodwa akabapendula.
43
Ndaza ndabacolekisa njengotuli lwomhlaba; ndabanqusha njengenkunkuma yesitarate, ndabangqisha.
44
Kanjalo undikulule emapikeni abantu bam, wandigcina ndibe yintloko yentlanga; abantu endingabazanga bayandikonza.
45
Abasemzini bayazenzisa kum; ngokuva kwendlebe bayapulapula kum.
46
Abasemzini bayasinya, bayabinqa bapume ezinqatyeni zabo.
47
Uyehova uhleli; malibongwe ilityekazi lam; makadunyiswe utixo wam, ilityekazi losindiswa lwam.
48
Ngutixo ondenzela impindezelo, oweyelisa abantu pantsi kwam,
49
ondipumisa ezintshabeni zam: wena undipakamisele ngapezulu kwabo bavuka ngakum; undikulule emntwini wobudlwengu.
50
Ngako oko ndobulela kuwe, Yehova! pakati kwabaheyideni, ndicule egameni lako:
51
owandisa intsindiswa zokumkani wake; owenza ububele kumtanjiswa wake, ku‐Davide, nakuyo inzalo yake kude kube ngunapakade.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24