bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 11
2 Samuel 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 12 →
1
KWABEKUTE ekutwaseni kwomnyaka, ngexesha lokupuma kwabo okumkani, wandula u‐Davide watuma u‐Jowabi, nezicaka zake kunye naye, nawo onke ama‐Sirayeli, ukuya kutshabalalisa usapo luka‐Hamoni, nokuvingcela i‐Raba. Kodwa u‐Davide wasala e‐Yerusaleme.
2
Kwaza kwati ngexesha lokuhlwa, wesuka u‐Davide emandlalweni wake, wahamba pezu kwesifulelwa sendlu yokumkani; wati esesifulelweni wabona umfazi ezihlamba: kekaloku umfazi lowo ebemhle kakulu ukubonakala kwake.
3
Waza watuma u‐Davide, wabuza ngalomfazi. Kwaye kusitwa: Lo asi nguye na u‐Batesheba, intombi ka‐Elihame, umfazi ka‐Huriya um‐Hete?
4
Wandula u‐Davide watuma izigidimi, wamtabata; wati akungena kuye, walala naye; ngokuba ebezihlambulule ekunco̔leni kwake: wada wabuyela endlwini yake.
5
Waza wakaula umfazi lowo, watuma wamxelela u‐Davide, wati: Mna ndikaulile.
6
Wandula u‐Davide watuma ku‐Jowabi, esiti: Tuma kum u‐Huriya um‐Hete. Waza u‐Jowabi wamtuma u‐Huriya ku‐Davide.
7
Wati akutika u‐Huriya kuye, wabuza u‐Davide ngokupila kuka‐Jowabi, nangokupila kwabantu, nangokuhambiseka kwokulwa.
8
Waza wati u‐Davide ku‐Huriya: Yihla uye endlwini yako, uhlambe inyawo zako. Kwati kwakupuma u‐Huriya endlwini yokumkani, kwapuma emva kwake isabelwa sokutya kukumkani.
9
Kodwa u‐Huriya walala ngasemnyango wendlu yokumkani, ndawonye nazo zonke izicaka zenkosi yake; akehlela endlwini yake.
10
Kwati kwakuxelwa ku‐Davide, kusitwa: u‐Huriya akehlelanga endlwini yake; wati u‐Davide ku‐Huriya: Ubungaveli ekuhambeni na? yinina ukuba akuhlelanga endlwini yako?
11
Wayesiti u‐Huriya ku‐Davide: Ityeya, no‐Sirayeli, no‐Juda, bahleli ezintenteni; kanjalo inkosi yam u‐Jowabi, nezicaka zenkosi yam, zite waca ezindle; kanene mna ndiya kungena endlwini yam na, ndidle, ndisele, ndilale nomfazi wam? Njengokuba uhleli wena, na njengokuba uhleli umpefumlo wako, andiyi kuyenza lento.
12
Waza u‐Davide wati ku‐Huriya: Hlala apa nanamhla, ndandiya kukundulula ngomso. Kwa njalo wahlala u‐Huriya e‐Yerusaleme ngomhla lowo, nangomhla olandelayo.
13
Wati akuba u‐Davide ebemmemile, wadla ebusweni bake, wasela nokusela; wada wamnxilisa: waza wapuma ngokuhlwa ukuya kulala emandlalweni wake ndawonye nezicaka zenkosi yake; kodwa akehlela endlwini yake.
14
Kwaye kute kusasa, waba̔la u‐Davide incwadi ku‐Jowabi, wayituma ngesandla sika‐Huriya.
15
Waba̔la encwadini leyo, esiti: Beka u‐Huriya ngasebusweni bokulwa okunamandla, nize nibuye emva kwake, ukuba abetwe, afe nokufa.
16
Kwabekute, xeshekweni u‐Jowabi abegqalile isixeko, wammisa u‐Huriya kulondawo apo abesazi ukuba amadoda obuṙoti akona.
17
Asuka apuma amadoda esixeko, alwa no‐Jowabi; kwaza kwawa inxenye yabantu ezicakeni zika‐Davide; wafa u‐Huriya um‐Hete naye.
18
Wandula watuma u‐Jowabi, washumayela ku‐Davide zonke indawo zokulwa;
19
wayalela isigidimi ngokuti: Nxa ugqibile ukuteta zonke indawo zokulwa kuye ukumkani,
20
kwoti ke, ukuba umsindo wokumkani uya kuvuka, aze ati kuwe: Yinina ukuba nasondela esixekweni ukulwa? anazi na ukuba baya kutola beseludongeni?
21
ngubanina owambeta u‐Abimeleki unyana ka‐Yerubeshete? ebengengumfazi na owaposa pezu kwake ilitye lapezulu lokusila kwa seludongeni, wada wafa e‐Tebetse? bekunganina ukuba nasondela kulo udonga? wandule uti: Kanjako isicaka sako, u‐Huriya um‐Hete, sifile.
22
Sahamba ke isigidimi eso, seza samshumayeza u‐Davide konke u‐Jowabi abesitumile ngako.
23
Saye sisiti isigidimi ku‐Davide: Ngenyaniso amadoda lawo ebenamandla pezu kwetu, apumela kuti ezindle; saye sipezu kwawo kwada kwasemnyango wesango:
24
bati abatoli batola ngakuzo izicaka zako beseludongeni; yaza yafa inxenye yezicaka zokumkani; kanjako isicaka sako, u‐Huriya um‐Hete, sifile naso.
25
Wandula u‐Davide wati kuso isigidimi: Uya kutsho ku‐Jowabi ukuti: Lendawo maingabi ikohlakele emehlweni ako, ngokuba iṙele lisidla naló kwa njengalowo; yomeleza ukulwa kwako ngakuso isixeko, usicite: uti wena umomeleze.
26
Wati akuva umfazi ka‐Huriya ukuba u‐Huriya, indoda yake, ufile, wandula wayililela inkosi yake.
27
Naxeshekweni isililo sidlulileyo, watuma u‐Davide, wamamkela endlwini yake; waza waba ngumfazi wake, wamzalela unyana. Kodwa lendawo, abeyenzile u‐Davide, ibikohlakele emehlweni kayehova.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24