bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 5
2 Samuel 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 6 →
1
ZANDULA zonke izizwe zo‐Sirayeli zeza ku‐Davide e‐Hebrone, zatsho zisiti: Bona ke, silitambo lako nenyama yako tina.
2
Kanjako kwa ngapambili, xeshekweni u‐Saule abengukumkani pezu kwetu, ebenguwe owapumisa nowangenisa o‐Sirayeli; kanjalo uyehova wati kuwe: Wena uya kwalusa abantu bam o‐Sirayeli, wauya kuba yinkosi pezu kwo‐Sirayeli.
3
Ngako bonke abadala bo‐Sirayeli beza kukumkani e‐Hebrone; waye ukumkani u‐Davide wenza ucebano nabo e‐Hebrone ebusweni bukayehova; baza bamtambisa u‐Davide abe ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli.
4
Waye u‐Davide ebeyiminyaka imashumi matatu ubudala bake, akuba ngukumkani; wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mane.
5
E‐Hebrone wapata ubukumkani pezu kwo‐Juda iminyaka isixe̔nxe nenyanga zintandatu; nase‐Yerusaleme wapata ubukumkani iminyaka yamashumi matatu anamitatu pezu kwabo bonke o‐Sirayeli no‐Juda.
6
Waza waya ukumkani namadoda ake e‐Yerusaleme kuwo ama‐Yebusi, abemi belozwe: atsho ke ku‐Davide esiti: Akuyi kungena apa, ungekazikwelelisanga imfama neziqwala; oko kukuti: u‐Davide akayi kungena apa.
7
Wati u‐Davide noko wati̔mba inqaba ye‐Ziyone, ekwa siso isixeko sika‐Davide.
8
Wayesiti u‐Davide ngalomhla: Osukuba ebeta ama‐Yebusi, afikelele emjelweni, abete nemfama neziqwala ezitiywayo ngumpefumlo ka‐Davide, kwa yena uya kuba yintloko nenkosi. Ngako oko bekutiwa: Oyimfama nosisiqwala akayi kungena endlwini.
9
Wandula u‐Davide wahlala enqatyeni, wayibiza ngokuti sisixeko sika‐Davide. Waza u‐Davide waka ngokungqonga, kutabata e‐Milo nangapakati.
10
Waye u‐Davide wamana ehambisa, waba mkulu; ngokuba uyehova, utixo wemikosi, ebenaye.
11
Kanjalo u‐Hirame, ukumkani we‐Tire, watuma izigidimi ku‐Davide, nemiti yesedare, nencibi zemiti, nencibi zamatye zodonga; zaye zimakela u‐Davide indlu.
12
Waza wanakana u‐Davide ukuba uyehova ebemqinisile ukuba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli, nokuba ebepakamisile ubukumkani bake ngenxa yabantu bake o‐Sirayeli.
13
Walekela u‐Davide ukuzeka amashweshwe nabafazi e‐Yerusaleme, emveni kwokuvela kwake e‐Hebrone; kwaza kwamzalelwa u‐Davide kanjako onyana nentombi.
14
Nanga amagama abo ababemzalelwa e‐Yerusaleme: u‐Shamuha, no‐Shobabe, no‐Natane, no‐Solomone,
15
no‐Yibare, no‐Elishuba, no‐Nefege, no‐Yafiha,
16
no‐Elishama, no‐Eliyada, no‐Elifelete.
17
Kwati kwakuviwa ngama‐Filistiya ukuba bamtambisile u‐Davide abe ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli, andula enyuka onke ama‐Filistiya ukuya kumfuna u‐Davide. Waza u‐Davide, akuva oko, wehla waya enqatyeni.
18
Ada eza ama‐Filistiya, azitwabulula emhlanjeni wama‐Rafa.
19
Waza u‐Davide wabuza kuyehova, esiti: Ndiya kunyuka na ngakuwo ama‐Filistiya? wowanikela esandleni sam na? Wayesiti uyehova ku‐Davide: Nyuka; ngokuba ngenyaniso ndiya kunikela ama‐Filistiya esandleni sako.
20
Wandula u‐Davide weza e‐Bali‐peratsime; wawabeta kona u‐Davide, wati: Uyehova utyobozele ezintshabeni zam ebusweni bam njengesityobozelo samanzi. Ngako oko kwabizwa igama lalondawo ngokuti yi‐Bali‐peratsime.
21
Ayeshiya kona amadalo awo; baza u‐Davide namadoda ake bawasusa.
22
Apinda kanjako ama‐Filistiya ukunyuka, azitwabulula emhlanjeni wama‐Rafa.
23
Waza u‐Davide wabuza kuyehova, owati: Akuyi kunyuka; kodwa zekelela ukuya ngasemva kwawo, uwafikele malungana nemiti yebaka.
24
Kwakuya kuti, nxa uvayo isandi sokuhanjwa ezincameni zemiti yebaka, wandule unxame; ngokuba oko uyehova esel’ epumile pambi kwako, ukubeta umkosi wama‐Filistiya.
25
Wenje njalo u‐Davide, njengokuba uyehova ebemyalele; wabeta ama‐Filistiya kwa se‐Geba kude kwafikwa e‐Gezere.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24