bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 2
2 Samuel 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 3 →
1
KWAYE kute emveni kwoku, ukuba u‐Davide wabuza kuyehova, esiti: Ndiya kunyuka na ndiye kwesinye sezixeko zakwa‐Juda? Wayesiti uyehova kuye: Nyuka. Waza u‐Davide wati: Ndiya kunyukela pina? Wati: e‐Hebrone.
2
Wasuka u‐Davide wenyukela kona, kwa nabafazi bake bobabini, u‐Ahinohame um‐Yezerelekazi, no‐Abigali umfazi ka‐Nabali um‐Karamele.
3
Namadoda ake abenaye wawenyusa u‐Davide, amanye ngamanye enabendlu zawo: baza bahlala ezixekweni zase‐Hebrone.
4
Andula eza amadoda akwa‐Juda, amtambisa kona u‐Davide abe ngukumkani pezu kwendlu ka‐Juda. Kwaye kuxelwa ku‐Davide, kusitwa: Amadoda ase‐Yabeshe‐gileyadi angabo abamncw̔abileyo u‐Saule.
5
Waza u‐Davide watuma izigidimi kuwo amadoda ase‐Yabeshe‐gileyadi, wati kuwo: Manitanyusanqelwe nina nguyehova, ngokokuba nenzile obububele enkosini yenu, ku‐Saule, nimncw̔abile nje.
6
Nakaloku makenze uyehova kuni ububele nenyaniso; kanjalo nam ndiya kubuyekeza kuni ukulunga oku, ngokokuba nenzile lento.
7
Ngako kaloku, mazomelele izandla zenu, nibe ngamadoda obuṙoti; ngokuba ifile inkosi yenu, u‐Saule; kanjalo nam indlu ka‐Juda inditambisile ndibe ngukumkani pezu kwabo.
8
Koko u‐Abenere, unyana ka‐Nere, inkosi yomkosi obungoka‐Saule, watabata u‐Shiboshete unyana ka‐Saule, wamweza ukuya e‐Mahanayime;
9
wamenza ukumkani pezu kwe‐Gileyadi, napezu kwama‐Ashuri, napezu kwe‐Yezerele, napezu kwo‐Frayime, napezu kwo‐Benjamine, napezu kwo‐Sirayeli bonke.
10
Ebengominyaka imashumi mane u‐Shiboshete unyana ka‐Saule ubudala bake, akuba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli; wapata ubukumkani iminyaka yamibini. Kodwa indlu ka‐Juda ibimlandela u‐Davide.
11
Laye inani lemihla u‐Davide ebengukumkani ngayo e‐Hebrone, pezu kwendlu ka‐Juda, liyiminyaka isixe̔nxe nenyanga zintandatu.
12
Kekaloku u‐Abenere unyana ka‐Nere, nezicaka zika‐Shiboshete unyana ka‐Saule, bapuma e‐Mahanayime baya e‐Gibeyone:
13
kanjalo u‐Jowabi unyana ka‐Tseruya, nezicaka zika‐Davide, bapuma, bahlangana nabo ngasecibini lase‐Gibeyone: baza bahlala pantsi, aba ngelinye icala lecibi, nabo ngelinye icala lecibi.
14
Wandula u‐Abenere wati ku‐Jowabi: Makasuke ke amadodana, adlale ebusweni betu. Wati u‐Jowabi: Makasuke.
15
Aza esuka, adlula ngenani; ishumi linamabini amadodana akwa‐Benjamine, abengaka‐Shiboshete unyana ka‐Saule, neshumi linamabini ezicakeni zika‐Davide.
16
Asuka abambana ngentloko, ahlaba enye ngeṙele layo ecaleni lenye, awa kwa kunye; ngako londawo ibibizwa ngokuti yi‐Helekate‐hatsurime, ese‐Gibeyone.
17
Kwabekuko ukulwa okunzima kakulu ngalomhla: waza woyiswa u‐Abenere, namadoda akwa‐Sirayeli, ebusweni bezicaka zika‐Davide.
18
Kwaye kuko kona onyana abatatu baka‐Tseruya, u‐Jowabi, no‐Abishai, no‐Hasaheli; waye u‐Hasaheli ebenamendu ngenyawo zake, njengelinye lamabadi asendle.
19
Waza u‐Hasaheli wamsukela u‐Abenere; ebengashenxi ukuya ngasekunene nangasekohlo ekumlandeleni u‐Abenere.
20
Wandula u‐Abenere wabeka ngasemva kwake, wati: Unguwe na, Hasaheli? Wati: Ndim.
21
Waza u‐Abenere wati kuye: Shenxela ngasekunene kwako, umhlaumbi ngasekohlo kwako, uyibambe enye yamadodana, utabate izixo̔bo zayo. Kodwa u‐Hasaheli ebengavumi ukupambuka ekumlandeleni.
22
Wapinda kanjako u‐Abenere ukuti ku‐Hasaheli: Pambuka ekundilandeleni; yinina ukuba ndikubete ngasemhlabeni? ngendisiti nina ke ukupakamisa ubuso bam ku‐Jowabi umkuluwe wako?
23
Kodwa wala ukupambuka: ngako u‐Abenere wambeta ngencam yasemva yentshuntshe esiswini, yada intshuntshe yapumela emva kwake; waza wawa kona, wafa endaweni yake: kwaza kwati, bonke abezayo kulondawo, apo wawayo u‐Hasaheli wafa kona, bati uqumama.
24
Kanjalo u‐Jowabi no‐Abishai bamsukela u‐Abenere: lati ilanga latshona bakufika endulini ye‐Ama, epambi kwe‐Giya, ngasendleleni yentlango yase‐Gibeyone.
25
Lwaza usapo luka‐Benjamine lwazihlanganisa emva kwo‐Abenere, lwaba liqela linye, lwema pezu kwococoyi lwenduli.
26
Wandula u‐Abenere wabiza ku‐Jowabi, wati: Iṙele liya kudla kude kube ngunapakade na? akwazi na ukuba kwobako ubuṙaṙa ekupeleni? kwoda kube ninina ke ungayi kuxelela abantu, ukuba mababuye ekulandeleni abazalwana babo?
27
Waza wati u‐Jowabi: Ehleli nje uyehova, ukuba ubungatetanga, ngenyaniso oko kwa kusasa bange benyukile abantu abanye ngabanye ekulandeleni abazalwana babo!
28
Wandula u‐Jowabi wavutela ngexilongo; baza bonke abantu bati nqumama; ababuya basukele o‐Sirayeli; ababi sapinda ukulwa kanjako.
29
Kekaloku u‐Abenere namadoda ake bahamba bonke ubusuku obo etafeni, bawela i‐Yoredane, bacanda kuyo yonke i‐Biterone, bada bafika e‐Mahanayime.
30
Wati no‐Jowabi wabuya ekumlandeleni u‐Abenere, wahlanganisa bonke abantu: kwaza kwasweleka ezicakeni zika‐Davide amadoda alishumi elinesitoba, no‐Hasaheli:
31
kodwa izicaka zika‐Davide bezibetile ku madoda akwa‐Benjamine, napakati kwamadoda ka‐Abenere, ukuba amadoda angamakulu matatu anamashumi matandatu abefile.
32
Baza bamsusa u‐Hasaheli, bamncw̔aba encw̔abeni loyise, elibe lise‐Beteleheme. Basuka bahamba u‐Jowabi namadoda ake bonke ubusuku, kwada kwabakanyela e‐Hebrone.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24