bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 21
2 Samuel 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 22 →
1
KWAZA kwabako indlala emihleni ka‐Davide iminyaka yamitatu, ngomnyaka ngomnyaka; waza u‐Davide wafuna ubuso bukayehova. Wayesiti uyehova: Ingenxa ka‐Saule nangenxa yendlu yamagazi, ngokokuba wabulala aba‐Gibeyone.
2
Waza ukumkani wababiza aba‐Gibeyone, wati kubo: (kekaloku aba‐Gibeyone bebengengabosapo luka‐Sirayeli, koko bebengabesisalela saba‐Amori; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwabafungela; kodwa u‐Saule wafuna ukubabulala ebukweleni bake ngenxa yosapo luka‐Sirayeli no‐Juda:)
3
ngako u‐Davide wati kuba‐Gibeyone: Ndiya kunenzela nto nina? kanjalo ndiya kulwenza uxoliso nganto nina, ukuba nitamsanqelise ilifa likayehova?
4
Bandula aba‐Gibeyone bati kuye: Asi kokwetu ukubiza isilivere negolide ku‐Saule, nakuyo indlu yake; kanjako asi kokwetu ukufisa umntu kwa‐Sirayeli. Wayesiti: Into eniya kuyiteta, ndiya kunenzela yona.
5
Baza bati kukumkani: Indoda ebisigqibela, nebicinga ngakuti ukuba sitshatyalaliswe side singabi nakuma kweminye imida yakwa‐Sirayeli,
6
makunikwe kuti amadoda asixe̔nxe kubo onyana bayo, size siwaxo̔mele uyehova e‐Gibeha ka‐Saule, umqashwa kayehova. Wayesiti ukumkani: Ndiya kuwanika.
7
Kodwa ukumkani wanenceba pezu kwo‐Mefiboshete, unyana ka‐Jonatane unyana ka‐Saule, ngenxa yesifungo sikayehova, esibe sipakati kwabo, pakati kwo‐Davide no‐Jonatane unyana ka‐Saule.
8
Koko ukumkani watabata onyana bobabini baka‐Ritsepa intombi ka‐Aya, owabazalela u‐Saule, u‐Aremoni no‐Mefiboshete; nonyana bobahlanu bodade bo‐Mikali intombi ka‐Saule, owabazalela u‐Hadriyeli unyana ka‐Barezilai um‐Mehola;
9
wabanika esandleni saba‐Gibeyone, ababaxo̔ma entabeni pambi kwoyehova: bawa bosixe̔nxe kwa kunye, bafiswa emihleni yokuvuna, kweyokuqala imihla, ekuqaleni kwokuvunwa kweṙalasi.
10
Kekaloku u‐Ritsepa intombi ka‐Aya watabata intlakantlaka, wazolulela yona elulwalweni, kwa sekuqaleni kwokuvuna kwada kwatululwa amanzi pezu kwabo ezulwini, engavumelanga ukuba intaka zezulu zipumle pezu kwabo emini, nezilo zasendle ebusuku.
11
Kwaza kwaxelelwa u‐Davide oko akwenzileyo u‐Ritsepa intombi ka‐Aya, ishweshwe lika‐Saule.
12
Wandula waya u‐Davide, wasusa amatambo ka‐Saule, namatambo ka‐Jonatane unyana wake, kubo abemi base‐Yabeshe‐gileyadi, abebewebi̔le enkundleni yase‐Bete‐shane, apo ama‐Filistiya ebebaxo̔mile kona, nxa ama‐Filistiya abembulele u‐Saule e‐Giliboha;
13
waza wenyusa kona amatambo ka‐Saule, namatambo ka‐Jonatane unyana wake; kanjalo amatambo abaxo̔nyiweyo bawabuta.
14
Baza bawancw̔aba amatambo ka‐Saule naka‐Jonatane unyana wake, elizweni lakwa‐Benjamine e‐Tsela, encw̔abeni lika‐Kishe uyise. Bakwenza konke abeyalele ngako ukumkani. Wada utixo wakungeleka ngenxa yelizwe emveni kwoko.
15
KEKALOKU ama‐Filistiya ebenokulwa kanjako ngakubo o‐Sirayeli: wehla u‐Davide, nezicaka zake kunye naye, balwa nama‐Filistiya; wada u‐Davide wacubuka.
16
Waza u‐Shibibenobe, obengowenzalo ka‐Rafa, ontshuntshe ibi zishekele zobedu ezimakulu matatu ukuba nzima kwayo, obebinqiwe ng eṙele elitsha, waba uya kumbulala u‐Davide.
17
Kodwa u‐Abishai unyana ka‐Tseruya wamsiza, wambeta um‐Filistiya lowo, wamfisa. Andula amadoda ka‐Davide amfungela esiti: Akusayi kubuya upume nati ukuya ekulweni, uze ungacimi isibane so‐Sirayeli.
18
Kwaye kute emveni kwoko, kwabuya kwabako ukulwa e‐Gobe ngakuwo ama‐Filistiya: okuya u‐Sibekai, um‐Husha, wambulala u‐Safe, obengowenzalo ka‐Rafa.
19
Kwabuya kwabako ukulwa e‐Gobe ngakuwo ama‐Filistiya: waza u‐Lehanane, unyana ka‐Yare‐oregime, um‐Beteleheme, wambulala umzalwana ka‐Goliyate um‐Gate, oluti lwentshuntshe belunjengomti wabaluki.
20
Kwabuya kwabako ukulwa e‐Gate: kwaye kuko kona indoda ende, ebineminwe emitandatu ezandleni zayo namazwane amatandatu ezinyaweni zayo, amashumi mabini anesine ngenani; kwa yona ibizalelwe kuma‐Rafa nayo.
21
Xeshekweni ibigxeka o‐Sirayeli, wandula u‐Jonatane, unyana ka‐Shimeha umzalwana ka‐Davide, wayibulala.
22
Aba bane bazalelwa kuma‐Rafa e‐Gate, bawa ngesandla sika‐Davide, nangesandla sezicaka zake.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24