bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 3
2 Samuel 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 4 →
1
KEKALOKU kwabekuko ukulwa okude pakati kwendlu ka‐Saule nendlu ka‐Davide: kodwa u‐Davide wamana ukwomelela, kanti indlu ka‐Saule bona bamana ukuba butataka.
2
Kwaye kumzalelwa u‐Davide onyana e‐Hebrone: owamazibulo wake ebengu‐Amnone, ngo‐Ahinohame um‐Yezerelekazi;
3
nowesibini wake ebengu‐Kileyabi, ngo‐Abigali umfazi ka‐Nabali um‐Karamele; nowesitatu ebengu‐Abasalome, unyana ka‐Mahaka intombi ka‐Talemai ukumkani we‐Geshure;
4
nowesine ebengu‐Adonija, unyana ka‐Hagiti; nowesihlanu ebengu‐Shefatiya, unyana ka‐Abitale;
5
nowesitandatu ebengu‐Yiterame, ngo‐Hegela umfazi ka‐Davide. Aba bebemzalelwa u‐Davide e‐Hebrone.
6
Kwaye kute, xeshekweni bekuko ukulwa pakati kwendlu ka‐Saule nendlu ka‐Davide, ukuba u‐Abenere wazomelezela indlu ka‐Saule.
7
Kekaloku u‐Saule ebeneshweshwe, eligama belingu‐Ritsepa, intombi ka‐Aya. Wayesiti u‐Shiboshete ku‐Abenere: Yinina ukuba ubungena kulo ishweshwe likabawo?
8
Wandula u‐Abenere waqumba kakulu ngenxa yamazwi ka‐Shiboshete, wati: Ndiyintloko yenja na mna, enditi ngakubo o‐Juda, ndenze ububele namhla kuyo indlu ka‐Saule uyihlo, kubo abazalwana bake, nakubo abahlobo bake, ndingakunikelanga esandleni sika‐Davide, ukuba uyabeka pezu kwam ityala lalomfazi namhla?
9
Utixo makenje njalo ku‐Abenere, alekele ukwenje njalo kuye, ukuba anditi, njengokuba uyehova efungile ku‐Davide, ndenze kwa njalo kuye:
10
ukufudusa ubukumkani kuyo indlu ka‐Saule, nokumisa iterone ka‐Davide pezu kwo‐Sirayeli napezu kwo‐Juda, kwa se‐Dane kude kube se‐Beresheba.
11
Waza wakohlwa ukumpendula u‐Abenere kanjako nalinye ilizwi, ngokuba ebemoyika.
12
Wandula u‐Abenere watuma izigidimi ku‐Davide ngenxa yokwake, ukuti: Lelikabanina ilizwe? n okuti: Yenza ucebano lwako nam; bona ke, isandla sam sesiya kuba nawe, ukuguqulela kuwe o‐Sirayeli bonke.
13
Waza wati: Kulungile, ndiya kulwenza nawe ucebano; inye into kodwa ndiyibiza kuwe, yokuti: Akuyi kubona ubuso bam, ukuba akumzisi kuqala u‐Mikali intombi ka‐Saule, wakuza ukubona ubuso bam.
14
Kanjalo u‐Davide watuma izigidimi ku‐Shiboshete unyana ka‐Saule, esiti: Kupa umfazi wam u‐Mikali, endimxamele mna ngekulu lamajwabu ama‐Filistiya.
15
Watuma ke u‐Shiboshete, wamsusa endodeni, ku‐Falitiyeli unyana ka‐Layishe.
16
Yaza indoda yake yahamba naye, yamana ilila emva kwake kude kwase‐Bahurime. Wandula u‐Abenere wati kuyo: Hamba, buya. Yaza yabuya.
17
Kekaloku u‐Abenere ebenamazwi kunye nabadala bo‐Sirayeli, esiti: Ngamaxesha apambili benimfuna u‐Davide ukuba abe ngukumkani pezu kwenu;
18
ngako kaloku yenzani; ngokuba uyehova etetile ngo‐Davide, esiti: Ngesandla sika‐Davide isicaka sam ndiya kusindisa abantu bam o‐Sirayeli esandleni sama‐Filistiya, nasesandleni sentshaba zabo zonke.
19
Wateta u‐Abenere kanjalo ezindlebeni zo‐Benjamine: waya u‐Abenere kanjako ukuteta ezindlebeni zika‐Davide e‐Hebrone, konke okube kulungile emehlweni o‐Sirayeli, nasemehlweni ayo yonke indlu ka‐Benjamine.
20
Kwa njalo u‐Abenere weza ku‐Davide e‐Hebrone, enaye amadoda angamashumi mabini. Waza u‐Davide wenzela u‐Abenere namadoda abenaye isidlo.
21
Wandula u‐Abenere wati ku‐Davide: Ndiya kusuka ndihambe, ndiye kuhlanganisela enkosini yam ukumkani bonke o‐Sirayeli, ukuba benze ucebano nawe, uze upate ubukumkani pezu kwako konke okukanukwayo ngumpefumlo wako. Wada u‐Davide wamndulula u‐Abenere; wasuka wahamba ngoxolo.
22
Kekaloku bona ke, izicaka zika‐Davide no‐Jowabi bavela ebandleni, bazisa nabo amaxoba amaninzi: kodwa u‐Abenere ebengenaye u‐Davide e‐Hebrone, ngokuba ebemndulule, waza wemka ngoxolo.
23
Kwati kwakufika u‐Jowabi nomkosi wonke obunaye, kwaxelwa ku‐Jowabi ngokuti: u‐Abenere, unyana ka‐Nere, weza kukumkani, owamndulula, wada wemka ngoxolo.
24
Wandula u‐Jowabi wangena kukumkani, wati: Wenze nto nina; bona ke, u‐Abenere weza kuwe; yinina lento umndululeyo, wada wemka kanye?
25
Uyamazi u‐Abenere, unyana ka‐Nere, ukuba weza ukukukohlisa, nokukwazi ukupuma kwako nokungena kwako, nokukwazi konke okwenzayo wena.
26
Waza u‐Jowabi wapuma ku‐Davide, watuma izigidimi emva kwo‐Abenere, ezambuyisayo equleni le‐Sira. Kodwa u‐Davide wayengazi oku.
27
Nxa u‐Abenere abebuyele e‐Hebrone, waza u‐Jowabi wamshenxisela pakati esangweni, ukuze atete naye ngasese, wambeta kona esiswini, wada wafa, ngenxa yegazi lika‐Hasaheli umninawe wake.
28
Kwakuviwa ngu‐Davide kamva, wandula wati: Mna nobukumkani bam asinatyala pambi kwoyehova kude kube ngunapakade ngenxa yegazi lika‐Abenere unyana ka‐Nere:
29
malibekwe pezu kwentloko ka‐Jowabi, napezu kwayo yonke indlu yoyise; kanjalo makunganqamki kwindlu ka‐Jowabi lowo unegqita, nolileperi, nowayama ngomsimelelo, nowayo ngeṙele, noswele isonka.
30
Kwa njalo u‐Jowabi no‐Abishai umninawe wake bambulala u‐Abenere, ngenxa yokuba ebemfisile u‐Hasaheli umninawe wabo e‐Gibeyone ekulweni.
31
Wandula u‐Davide wati ku‐Jowabi, nakubo bonke abantu ababenaye: Ṙazulani ingubo zenu, nibinqe intlakantlaka, nimlilele u‐Abenere. Wasuka ukumkani u‐Davide wahamba emva kwetala.
32
Baza bamncw̔aba u‐Abenere e‐Hebrone: waye ukumkani wapakamisa ilizwi lake, walila ngasencw̔abeni lika‐Abenere; balila bonke abantu nabo.
33
Kekaloku ukumkani wenzela u‐Abenere isililo, wati: Wafa na u‐Abenere, njengokuba kusifa ibedengu?
34
Izandla zako bezingabotshwanga, nenyawo zako bezingafakwanga emakamandeleni obedu: njengowayo pambi kwonyana bobumenemene, wawa wena. Baza bonke abantu bandisa ukulila pezu kwake.
35
Bandula beza bonke abantu ukumdlisa u‐Davide isonka, nxa kuseko imini: kodwa wafunga u‐Davide, esiti: Utixo makenje njalo kum, alekele ukwenje njalo, ukuba nditi, lingekatshoni ilanga, ndive isonka umhlaumbi enye into yimbi.
36
Bati bonke abantu bakunakana oko, bekulungile emehlweni abo; njengokuba konke abekwenza ukumkani bekulungile emehlweni abantu bonke.
37
Baza bonke abantu, kwa bonke o‐Sirayeli, bazi ngalomhla, ukuba bekungavelanga kukumkani ukumnsa u‐Abenere unyana ka‐Nere.
38
Wati ukumkani kanjalo kwizicaka zake: Anazi na ukuba iwile inkosi nendoda enkulu namhla nje kwa‐Sirayeli?
39
Nam ke, namhla ndibutataka, noko ndingukumkani otanjisiweyo; nalamadoda, onyana baka‐Tseruya, alukuni kum: uyehova uya kumvuza umenzi wenkohlakalo njengenkohlakalo yake.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24