bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 18
2 Samuel 18
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 19 →
1
Wada u‐Davide wabala abantu ababenaye, wabeka pezu kwabo inkosi zamawaka nenkosi zamakulu.
2
Waza u‐Davide watuma abantu, esinye isiqingata sesitatu ngapantsi kwesandla sika‐Jowabi, nesinye isiqingata sesitatu ngapantsi kwesandla sika‐Abishai, unyana ka‐Tseruya, umninawe ka‐Jowabi, nesinye isiqingata sesitatu ngapantsi kwesandla sika‐Yitai um‐Gate. Wayesiti ukumkani ebantwini: Ndiya kupuma nani ngenyaniso nam.
3
Koko abantu bati: Akuyi kupuma; ngokuba nxa sika sibaleke, abayi kubekela tina intliziyo; nanxa esinye isiqingata sabetu sibubayo, abayi kubekela tina intliziyo; kodwa ngoku u njengamawaka alishumi abakuti; ngako kaloku kulungile ukuba ube usinceda usesixekweni.
4
Wandula ukumkani wati kubo: Oko kulungileyo emehlweni enu ndiya kukwenza. Wasuka ukumkani wema ngasecaleni lesango, bati bonke abantu bapuma ngamakulu nangamawaka.
5
Waza ukumkani wayalela u‐Jowabi, no‐Abishai, no‐Yitai, ngokuti: Patani kakuhle indodana leyo, u‐Abasalome, ngenxa yam. Baye bonke abantu besiva, akuba ukumkani ebeyalela zonke inkosi ezo ngayo indawo ka‐Abasalome.
6
Kwa njalo abantu bapumela ezindle ngakuwo ama‐Sirayeli: kwaza kwabako ukulwa ehlatini le‐Frayime;
7
bati abantu bakwa‐Sirayeli babulawa kona ebusweni bezicaka zika‐Davide; kwaye kuko kona isibulawa esikulu ngalomhla, amawaka amashumi mabini amadoda:
8
ngokuba ukulwa kwatiwa sa pezu kwobuso belizwe lonke; lada ihlati ladla ebantwini ngento eninzi kubo ababedliwa liṙele ngalomhla.
9
Wahla u‐Abasalome wahlangana nezicaka zika‐Davide: kekaloku u‐Abasalome wakwela pezu kweqwaṙaṙa; lati lakufika iqwaṙaṙa pantsi kwamasebe apingeleleneyo omkoba omkulu, yandula intloko yake yabambeka emkobeni, wabekwa pakati kwezulu nomhlaba; laye iqwaṙaṙa elipantsi kwake ladlula.
10
Yaza indoda etile yabona oko, yamxelela u‐Jowabi, yati: Bona ke, ndibonile u‐Abasalome exo̔mekile emkobeni.
11
Wayesiti u‐Jowabi kuyo indoda ebimxelele: Bona ke, ubonile nje, kuyinina ukuba ubungambeti kona ngasemhlabeni! ndandinge ndikunikile ishumi leshekele zesilivere noqwemesha lunye.
12
Koko indoda leyo yati ku‐Jowabi: Nakuba bendiya kulinganisa pezu kwesandla sam iwaka leshekele zesilivere, ngandingoluli isandla sam ngakuye unyana wokumkani; ngokuba ukumkani ebeyalela wena, no‐Abishai, no‐Yitai, ekuveni kwetu, esiti: Gcinani nonke ngabanye indodana u‐Abasalome.
13
Ukuba kodwa bendenzile ubuxoki ngakubo ubomi bam; (ngokuba kungeko nto efihlelweyo ukumkani;) ngeuba nawe umele ngaku m.
14
Wandula wati u‐Jowabi: Andiyi kulibala ngokunjalo ebusweni bako. Waza watabata izikali ezitatu esandleni sake, wazihlaba entliziyweni ka‐Abasalome, nxa asahleli pakati kwomkoba.
15
Aza asondela amadodana alishumi, abatwali bezixo̔bo zika‐Jowabi, ambeta u‐Abasalome, amfisa.
16
Wandula u‐Jowabi wavutela ngexilongo, bati abantu babuya ekusukeleni ama‐Sirayeli; ngokuba u‐Jowabi wababamba abantu.
17
Baza bamtabata u‐Abasalome, bamposa ehlatini emnxunyeni omkulu, bamisa pezu kwake imfumba yamatye enkulu kakulu: asuka onke ama‐Sirayeli esaba aya amanye ngamanye ezintenteni zawo.
18
Kekaloku u‐Abasalome, nxa abesadla ubomi, watabata wazimisela intsika, esemhlanjeni wokumkani; ngokuba ebesiti: Andinanyana, ukuze kukunjuzwe igama lam; wayibiza intsika leyo ngegama lake: ngako yabizwa kwada kwanamhla nje ngokuti yinkumbuzelo ka‐Abasalome.
19
Wandula wati u‐Himahatse unyana ka‐Tsadoki: Makendigidime, ndishumayele kukumkani indaba zokuba uyehova umkulule esandleni sentshaba zake.
20
Koko u‐Jowabi wati kuye: Akuyi kuba ngumshumayeli wendaba namhla nje, kodwa uya kushumayela indaba ngomhla wumbi; kodwa namhla nje akuyi kushumayela indaba, ngenxa yokuba unyana wokumkani efile.
21
Waza u‐Jowabi wati ku‐Kushi: Hamba, umxelele ukumkani oko ukubonileyo. Watoba ke u‐Kushi pambi kwo‐Jowabi, wagidima.
22
Wapinda kanjako u‐Himahatse unyana ka‐Tsadoki wati ku‐Jowabi: Kodwa noko, makendigidime nam emva kwo‐Kushi. Wayesiti u‐Jowabi: Kunganina ukuba ugidime wena, nyana wam! ungenandaba ezikolekileyo nje?
23
Kodwa noko, watsho, makendigidime. Waza wati kuye: Gidima. Wasuka u‐Himahatse wagidima ngendlela yetafa, wagqita ku‐Kushi.
24
Kekaloku u‐Davide wahlala pakati kwamasango amabini; wati umlindi wahamba pezu kwesifulelwa sesango, pezu kwodonga, wapakamisa amehlo ake, wakangela; kekaloku nantsiya indoda igidima iyodwa.
25
Waza wabiza umlindi, wamxelela ukumkani. Wayesiti ukumkani: Ukuba iyodwa, kuko indaba emlonyeni wayo. Yakaulezisa ukuhamba ke, yasondela.
26
Wabuya umlindi wabona enye indoda igidima; waza umlindi wabiza kumgcini wesango, wati: Nantsi enye indoda igidima iyodwa. Wayesiti ukumkani: Nalé ingumshumayeli wendaba.
27
Wati umlindi kanjalo: Ndiyabona ukugidima kweyokuqala njengokugidima kuka‐Himahatse unyana ka‐Tsadoki. Wayesiti ukumkani: Uyindoda elungileyo lowo, uyeza nendaba ezilungileyo.
28
Waza wabiza u‐Himahatse, wati kukumkani: Luxolo! Watoba ngobuso bake ngasemhlabeni pambi kwokumkani, wati: Makabongwe uyehova, utixo wako, owanikeleyo amadoda abepakamisa isandla sawo ngakuyo inkosi yam ukumkani.
29
Wandula ukumkani wati: Ipilile na indodana u‐Abasalome? Wati u‐Himahatse: Kendabona impitimpiti enkulu, nxa u‐Jowabi abetuma isicaka sokumkani, na m isicaka sako, kodwa bendingayazi iyinto nina.
30
Wati ukumkani: Sondela, zimise apa; waza wasondela, wema.
31
Wada wafika, bona ke, u‐Kushi; wayesiti u‐Kushi: Maishunyayezwe inkosi yam ukumkani, okokuba uyehova ukukulule namhla esandleni sabo bonke ababesukela ngakuwe.
32
Waza ukumkani wati ku‐Kushi: Ipilile na indodana u‐Abasalome? Wayesiti u‐Kushi: Intshaba zenkosi yam ukumkani, nabo bonke abavukela ububi bako, mababe njengendodana leyo!
33
Wandula ukumkani wabetwa lusizi, wenyuka waya enkambilini epezulu kwesango, walila; wayesitsho ekuyeni kwake ukuti: Nyana wam Abasalome, nyana wam, nyana wam Abasalome! akwaba ndabendifile esikundleni sako, Abasalome, nyana wam, nyana wam!
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24