bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 7
2 Samuel 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 8 →
1
KWABEKUTE, nxa ukumkani abehleli endlwini yake, akuba uyehova ebemnikile ukupumla ngento engqongayo kuzo zonke intshaba zake;
2
wandula ukumkani wati ku‐Natane umprofite: Kangela ke, mna ndihleli endlwini yesedare, kodwa ityeya kayehova ihleli pakati kwezikuselo.
3
Waza u‐Natane wati kukumkani: Hamba, ukwenze konke okusentliziyweni yako; ngokuba uyehova enawe.
4
Kwaye kute ngobobusuku, kweza ilizwi likayehova ku‐Natane, lisiti:
5
Hamba uti kuso isicaka sam, ku‐Davide: Utsho uyehova ukuti: Kanene wena uya kundakela indlu yokuhlala kwam na?
6
Ngokuba ndingahlalanga endlwini, kwa semhleni ndabendinyusa usapo luka‐Sirayeli e‐Jipete, kwada kwanamhla nje, koko ndihambile ententeni nasetabanakeleni.
7
Kuzo zonke indawo apo ndihambile kona pakati kwalo lwonke usapo luka‐Sirayeli, ndike ndateta ilizwi na kwesinye sezizwe zo‐Sirayeli, endibe ndiziyalele ukwalusa abantu bam o‐Sirayeli, ndisiti: Yinina ukuba anindakeli indlu yesedare?
8
Ngako kaloku, uya kutsho kwisicaka sam, ku‐Davide, ukuti: Utsho uyehova wemikosi ukuti: Mna ndakutabata esibayeni, kwa sekulandeleni igusha, ukuba ube yinkosi pezu kwabantu bam, pezu kwo‐Sirayeli:
9
ndabendiko nawe kuzo zonke indawo apo ubuhamba kona, nazo zonke intshaba zako ndizinqamlile ebusweni bako; kanjalo ndikwenzele igama elikulu, njengegama labakulu abasemhlabeni:
10
ndandiya kumisela abantu bam o‐Sirayeli indawo, ndibatyale, baze beme endaweni yabo, bangabi sazanyazanyiswa; kanjalo usapo lwobumenemene aluyi kubuya lubabandezele, njengasekuqaleni,
11
nakuselokwalomhla ndabendimisa abagwebi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli; nawe ndikupumzile kuzo zonke intshaba zako. Kanjako uyehova uyashumayela kuwe, okokuba uyehova uya kukwenzela indlu.
12
Xeshekweni imihla yako izalisekile, yokuba uya kulala noyihlo bako, ndiya kwandula ndivuse owenzalo yako emva kwako, oya kuvela ematunjini ako, ndiqinise ubukumkani bake.
13
Nguye oya kulakela igama lam indlu, ndandiya kuqinisa iterone yake kude kube ngunapakade.
14
Mna ndiya kuba nguyise kuye, naye woba ngunyana kum. Ukuba uyenza ngobugwenxa, ndiya kumohlwaya ngoswazi lwabantu, nangezibeto zonyana babantu:
15
kodwa ububele bam abuyi kumka kuye, njengokuba bendibususa ku‐Saule, lowo bendimsusa kwa pambi kwako.
16
Kwoba kunqabile indlu yako nobukumkani bako kude kube ngunapakade pambi kwako: iterone yako iya kuqiniswa kude kube ngunapakade.
17
Ngawo onke lamazwi, nangawo wonke lomboniso, wateta u‐Natane ngokunjalo ku‐Davide.
18
Wandula ukumkani u‐Davide wangena wahlala ebusweni bukayehova, wati: Ndingubanina mna, Nkosi, Yehova? iyinto nina nendlu yam, ukuba undizisile kude kwalapa?
19
Oku bekusencinane noko emehlweni ako, Nkosi, Yehova! ngokuba utetile kanjalo ngayo indlu yesicaka sako kude kube kude. Eli ke lisiko labantu na, Nkosi, Yehova?
20
Yinto nina angasalekela u‐Davide ukuyiteta kuwe? ngokuba wena, Nkosi, Yehova! usazi isicaka sako.
21
Ngenxa yelizwi lako, nangokweyako intliziyo, wenzile zonke ezizinto ezinkulu, ukuba uzazise kuso isicaka sako.
22
Ngako oko wena umkulu, Yehova, Tixo! ngokuba kungeko onjengawe, kanjako akuko utixo ngapandle kwako, njengako konke esikuvileyo ngendlebe zetu.
23
Kanjalo sisipina isizwe sinye emhlabeni esinjengabantu bako, njengo‐Sirayeli; owati utixo waya ukubakulula babe ngabantu kuye, nokuzimisela igama, nokunenzela nina izinto ezinkulu nezoyikekayo elizweni lako, pambi kwabantu bako, obuzikululela bona e‐Jipete, ebagxota abaheyideni notixo babo?
24
Wabuziqinisela abantu bako o‐Sirayeli ukuba ngabantu bako kude kube ngunapakade; nawe, Yehova! waba ngutixo wabo.
25
Ngako kaloku, Yehova, Tixo! elolizwi ulitetileyo ngaso isicaka sako, nangayo indlu yaso, ulimise kude kube ngunapakade, wenze njengokuba utetile.
26
Malenziwe likulu igama lako kude kube ngunapakade, kuze kutiwe: Uyehova wemikosi u ngutixo pezu kwo‐Sirayeli; nendlu yesicaka sako u‐Davide, maiqiniswe ebusweni bako.
27
Ngokuba wena, Yehova wemikosi, Tixo wo‐Sirayeli! utyilele indlebe yesicaka sako, usiti: Ndiya kukwakela indlu; ngako oko isicaka sako sifumene entliziyweni yaso ukutandaza lomtandazo kuwe.
28
Nakaloku, Nkosi, Yehova! wena unguye utixo, namazwi ako ayinyaniso; nezizinto ezilungileyo uzitetile ngaso isicaka sako:
29
ngako kaloku makukoleke kuwe ukutamsanqela indlu yesicaka sako, ukuba ibeko ebusweni bako kude kube ngunapakade; ngokuba wena, Nkosi, Yehova! utetile; nangetamsanqeliso lako iya kutanyusanqelwa indlu yesicaka sako kude kube ngunapakade.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24