bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Samuel 8
2 Samuel 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 9 →
1
KWABEKUTE emveni kwoku, ukuba u‐Davide wabeta ama‐Filistiya, wawatobisa; waza u‐Davide watabata i‐Metege‐ama esandleni sama‐Filistiya.
2
Wabeta nama‐Mowabi, wawalinganisa ngentambo, ewalalisa ngasemhlabeni; walinganisa ngentambo ezimbini zokuba kufiswe, nangentambo ezeleyo yokuba kulondolozwe ebomini: aza ama‐Mowabi aba ngabakonzi ku‐Davide, asa iminikelo.
3
Waza u‐Davide wabeta u‐Hadadezere, unyana ka‐Rebobi, ukumkani we‐Tsoba, ekuhambeni kwake ukuya kubuyisa amandla ake ngasemlanjeni wom‐Ferate.
4
Waye u‐Davide watimba kuye iwaka lenqwelwana, namakulu asixe̔nxe abakweli bamahashe, namawaka angamashumi mabini abahamba ngenyawo; waza u‐Davide wawasika umbotshwa onke amahashe enqwelwana; kodwa wasalisa kuwo a wenqwelwana zalikulu.
5
Kekaloku ama‐Siriya ase Damakusi eza ukumnceda u‐Hadadezere ukumkani we‐Tsoba; waza u‐Davide wabulala kuwo ama‐Siriya amadoda angamawaka angamashumi mabini anamabini.
6
Wandula u‐Davide wazibeka ilali e‐Siriya yase‐Damakusi; ati ama‐Siriya aba ngabakonzi ku‐Davide, asa iminikelo. Kwa njalo uyehova wamnceda u‐Davide apo kusukuba ebesiya kona.
7
Wayetabata u‐Davide amakaka egolide abekuzo izicaka zika‐Hadadezere, wawazisa e‐Yerusaleme.
8
Waye ukumkani u‐Davide kanjalo wayisusa e‐Beta, nase‐Berotai, izixeko zika‐Hadadezere, ixina, into eninzi kakulu.
9
Kekaloku kwakuviwa ngu‐Tohi ukumkani we‐Hamati, ukuba u‐Davide ubetile wonke umkosi ka‐Hadadezere,
10
wandula u‐Tohi watuma u‐Yorame unyana wake ukuya kukumkani u‐Davide, ukumbulisa, nokumtamsanqelisa, ngenxa yokuba ebelwile ngakuye u‐Hadadezere wambeta; (ngokuba u‐Tohi ebenzile imfazwe no‐Hadadezere;) nasesandleni sake beziko impahla zesilivere, nempahla zegolide, nempahla zexina.
11
Ezi nazo ukumkani u‐Davide wazenza ngcwele kuyehova, kunye nesilivere negolide abezenze ngcwele zivela kuzo zonke intlanga ezibe zoyisiwe nguye:
12
kuwo ama‐Siriya, nakuwo ama‐Mowabi, nakulo usapo luka‐Hamoni, nakuwo ama‐Filistiya, nakuwo ama‐Amaleki, nakuwo amaxoba ka‐Hadadezere, unyana ka‐Rehobi, ukumkani we‐Tsoba.
13
Wandula u‐Davide wazenzela igama, akubuya ekuwabulaleni ama‐Siriya emhlanjeni we‐Tyuwa, amawaka alishumi elinesibozo.
14
Waza wazibeka ilali e‐Edome; kuyo yonke i‐Edome wazibeka ilali; ada onke ama‐Edome aba ngabakonzi ku‐Davide. Kwa njalo uyehova wamnceda u‐Davide apo kusukuba ebesiya kona.
15
Waye u‐Davide wapata ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke; kanjako u‐Davide wenzela bonke abantu bake ubugwebo nobulungisa.
16
Kekaloku u‐Jowabi unyana ka‐Tseruya wabepezu kwomkosi; no‐Yehoshafate unyana ka‐Ahilude ebengumkumbuzi:
17
kanjako u‐Tsadoki unyana ka‐Ahitube, no‐Ahimeleki unyana ka‐Abiyatare, bebengabaperisite; no‐Seraya ebengumba̔li;
18
no‐Benaya unyana ka‐Yoyada wabepezu kwaba‐Kereti naba‐Peleti; nonyana baka‐Davide bebengamanene.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24