bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 1
2 Kings 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 2 →
1
ANDULA ama‐Mowabi avukela ngakubo o‐Sirayeli emveni kwokufa kuka‐Ahabi.
2
Kekaloku u‐Ahaziya weyela ngesetyenzwa elipanjanisiweyo enkambilini yake yapezulu ebise‐Samariya, wabesifa; waza watuma izigidimi, wati kuzo: Hambani, nibuze ku‐Bali‐zebube utixo we‐Hekrone, ukuba ndiya kupila kwesisifo kusinina.
3
Kodwa ingelosi kayehova yateta ku‐Elija um‐Tishebi, isiti: Suka, unyuke ukuya kukaulela izigidimi zokumkani we‐Samariya, uti kuzo: Kungokuba kungeko utixo kwa‐Sirayeli na, nihamba ukuya kubuza ku‐Bali‐zebube utixo we‐Hekrone?
4
Ngako oko ke utsho uyehova ukuti: Umandlalo apo ukwele kona, akuyi kuhla kuwo, koko uya kufa ngenyaniso. Waza wemka u‐Elija.
5
Xeshekweni izigidimi zazibuyele kuye, wati kuzo: Yinina lento nibuyileyo?
6
Zaye zisiti kuye: Indoda yenyuka ukuza kusikaulela, yati kuti: Hambani, nibuyele kukumkani onitunileyo, niti kuye: Utsho uyehova ukuti: Kungokuba kungeko utixo kwa‐Sirayeli na, utuma ukuya kubuza ku‐Bali‐zebube utixo we‐Hekrone? ngako oko, umandlalo apo ukwele kona, akuyi kuhla kuwo, koko uya kufa ngenyaniso.
7
Waza wati kuzo: Sibe sinina isimilo salondoda eyenyukayo ukuza kunikaulela, yateta kuni lamazwi?
8
Zaye zisiti kuye: Ibiyindoda inengubo yoboya, ibinqiwe ngombinqo wolusu esinqeni sayo. Wayesiti: Ngu‐Elija um‐Tishebi.
9
Wandula ukumkani watuma kuye inkosi yamashumi mahlanu inamashumi mahlanu ayo. Yaza yenyukela kuye; ngokuba, bona ke, ebehleli pezu kwengcopo yentaba; yateta kuye, esiti: Wena ndoda katixo! uti ukumkani: Yihla.
10
Kodwa wapendula u‐Elija, wati kuyo inkosi yamashumi mahlanu: Ukuba ke ndiyindoda katixo mna, mauhle umlilo ezulwini, udle wena namashumi mahlanu ako. Waza wehla umlilo ezulwini, wadla yona namashumi mahlanu ayo.
11
Waza wabuya watuma enye inkosi yamashumi mahlanu inamashumi mahlanu ayo. Yateta yona yati kuye: Wena ndoda katixo! utsho ukumkani ukuti: Nxama uhle.
12
Wapendula u‐Elija wati kubo: Ukuba ndiyindoda katixo mna, mauhle umlilo ezulwini, udle wena namashumi mahlanu ako. Wandula wehla umlilo ezulwini, wadla yona namashumi mahlanu ayo.
13
Wabuya watuma kanjalo inkosi yawesitatu amashumi mahlanu inamashumi mahlanu ayo. Yayinyuka eyesitatu inkosi yamashumi mahlanu, yeza yaguqa ngamadolo ayo pambi kwo‐Elija, yamtaṙuzisa, yati kuye: Wena ndoda katixo! makebube ubomi bam, nobomi bezicaka zako, balamashumi mahlanu, bunqabile emehlweni ako.
14
Bona ke, kwehla umlilo ezulwini, wadla inkosi zombini zamashumi mahlanu okuqala, kunye namashumi mahlanu azo; kodwa kaloku, mabube ubomi bam bunqabile emehlweni ako.
15
Yaza yateta ingelosi kayehova ku‐Elija, isiti: Yihla nayo, ungayoyiki. Wesuka, wehla nayo waya kukumkani.
16
Wayesiti kuye: Utsho uyehova ukuti: Okokuba utumile izigidimi ukuya kubuza ku‐Bali‐zebube utixo we‐Hekrone, kungokuba kungeko utixo kwa‐Sirayeli na, kuze kubuzwe elizwini lake? ngako oko, umandlalo apo ukwele kona, akuyi kuhla kuwo, koko uya kufa ngenyaniso.
17
Wada wafa, njengelizwi likayehova, elo wabelitetile u‐Elija: waza u‐Yehorame waba ngukumkani esikundleni sake, ngomnyaka wesibini ka‐Yehorame unyana ka‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda; ngokuba yena ebengenaye unyana.
18
Nesisalela semicimbi ka‐Ahaziya, leyo wayenzayo, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25