bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 6
2 Kings 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 7 →
1
BAYE onyana babaprofite besiti ku‐Elisha: Bona ke, indawo apo sihlala kona ebusweni bako ixinene kuti:
2
makesiye e‐Yoredane, sitabate kona abanye ngabanye umqadi, size sizenzele apo indawo yokuhlala kuyo. Wayesiti: Yiyani.
3
Kwati ke omnye: Zuvume ke, uye nezicaka zako. Wati: Ndiya kuya.
4
Waza waya nabo. Bati bakufika e‐Yoredane, bagaula imiti.
5
Kekaloku xeshekweni omnye abewisa umqadi, yati intsimbi yeyela emanzini; waza wakala, wati: Au, nkosi! ngokuba ibibolekiwe.
6
Yati indoda katixo: Yeyele pina? Waza wayibonisa indawo. Yandula yanqumla uluti, yaluposela kona; yadada ke intsimbi.
7
Yaza yati: Yicole kuwe. Wayesolula isandla sake, wayitabata.
8
WAYE ukumkani we‐Siriya wayenza imfazwe ngakubo o‐Sirayeli, wacebisana nezicaka zake, esiti: Umnquba wam woba sendaweni etile.
9
Kodwa indoda katixo yatuma kukumkani wo‐Sirayeli, ukuti: Lumka ukuba ungadluleli kulondawo; ngokuba ama‐Siriya ehlele kona.
10
Ngako ukumkani wo‐Sirayeli watumela endaweni eyabimxelele indoda katixo yamyala ngayo, wazilondoloza kona, bekungekanye, bekungekabini kanjako.
11
Yaza intliziyo yokumkani we‐Siriya yaxaliswa pezu kwalento; ngako wabiza izicaka zake, wati kuzo: Aniyi kundityelela na ungubanina kwabetu ongecala lokumkani wo‐Sirayeli?
12
Saza sati esinye ezicakeni zake: Hai, nkosi yam, kumkani! ngu‐Elisha, umprofite okwa‐Sirayeli, owatyelayo kukumkani wo‐Sirayeli amazwi uwatetayo enkambilini yako yokulala.
13
Wayesiti: Hambani, nibone apo akona, ukuze nditume ndimtabate. Kwaza kwaxelwa kuye, kusitwa: Nankuya e‐Dotane.
14
Ngako watumela kona amahashe, nenqwelwana, nempi enkulu: ezibe zifika ngobusuku, zasiṙaula isixeko.
15
Waza wavuka kusasa umkonzi wendoda katixo, wapuma ke; kekaloku nantsiya impi isingqonga isixeko, kwa namahashe nenqwelwana. Wandula umfana wayo wati kuyo: Au, nkosi yam! sesiya kuti nina ke?
16
Yayisiti: Ungoyiki; ngokuba bebaninzi abanati pezu kwabanabo.
17
Waza watandaza u‐Elisha, wati: Yehova! zugabule amehlo ake, ukuze abone. Wandula uyehova wagabula amehlo omfana lowo, wada wabona; kekaloku, bona ke, intaba ibizele ngamahashe nenqwelwana zomlilo zimgqonga u‐Elisha.
18
Xeshekweni babehlele kuye, watandaza u‐Elisha kuyehova, wati: Zubabete ababantu ngobumfama. Waza wababeta ngobumfama, njengelizwi lika‐Elisha.
19
Wandula wati u‐Elisha kubo: Asi yiyo le indlela, asi siso esi nesixeko; ndilandeleni mna, ndandiya kunikapela endodeni eniyifunayo. Waza wabakapela e‐Samariya.
20
Kwaye kute, bakufika e‐Samariya, wandula wati u‐Elisha: Yehova! vula amehlo aba bantu, ukuze babone. Waza uyehova wavula amehlo abo, bada babona; kekaloku naba ke pakati kwe‐Samariya.
21
Wayesiti ukumkani wo‐Sirayeli ku‐Elisha, akubabona: Ndibabete na, ndibabete na, bawo wam?
22
Kodwa wati: Akuyi kubabeta: unga ubeta na abo ubatimbileyo ngeṙele lako nangesipeta sako? beka isonka namanzi pambi kwabo, ukuba badle basele nokusela, baye enkosini yabo.
23
Waza wabenzela umtendeleko omkulu: badla basela nokusela; wandula wabandulula, bemka, bona baya enkosini yabo. Ngako amabandla ama‐Siriya akabi sapinda ukuza elizweni lakwa‐Sirayeli.
24
KODWA bekute emva kwoko, ukuba u‐Bene‐hadadi ukumkani we‐Siriya wahlanganisa wonke umkosi wake, wenyuka, wavingcela i‐Samariya.
25
Kwaza kwabako indlala enkulu e‐Samariya; ngokuba, bona ke, bayivingcela, kwada kwa tengiswa intloko yeqwaṙashe ngamashumi asibozo amaqosha esilivere, nesiqingata sesine sekabe yelindle lamahobe ngesihlanu s amaqosha esilivere.
26
Kwaza kwati, nxa ukumkani wo‐Sirayeli abedlula pezu kwodonga, wakala umfazi kuye, esiti: Siza, nkosi yam, kumkani!
27
Wayesiti: Engakusizi nje uyehova, kwovela pina ukusiza kwam? esibayeni sokubula, esincinezelweni seveyine, kusinina?
28
Walekela wati ukumkani kuye: Unandawo nina? Wayesiti: Umfazi lo wati kum: Nika unyana wako, ukuba sitye yena namhla, nonyana wam siya kumtya ngomso.
29
Kwa njalo sampeka unyana wam, samtya ke: ndaza ndati kuye ngomnye umhla: Nika unyana wako, ukuba simtye; kodwa waselezimeza unyana wake.
30
Kwaye kute, akuva ukumkani amazwi alomfazi, waṙazula izivato zake, nxa abedlula pezu kwodonga; baza babona abantu ukuba nantsi intlakantlaka ipezu kwenyama yake kwa pakati.
31
Wayesiti: Makenje njalo kum utixo, alekele ukwenje njalo, ukuba intloko ka‐Elisha unyana ka‐Shafate iya kuma pezu kwake namhla!
32
Kekaloku u‐Elisha wahlala endlwini yake, nabadala bebehleli naye; waza ukumkani wasusa indoda ebusweni bake; kodwa singekafiki isigidimi kuye, wati kubadala: Niyabona na okokuba lonyana wombulali utumele ukunqumla intloko yam? kangelani, nxa sifika isigidimi, valani ucango, nisitya̔lele pandle elucangweni; isandi senyawo zenkosi yaso asisemva kwaso na?
33
Esateta nabo, bona ke, isigidimi sehlela kuye: — wayesiti ukumkani: Bona ke, ububi obu buvela kuyehova; yinina ukuba ndibe ndisatembela kuyehova?
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25