bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 8
2 Kings 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 9 →
1
KEKALOKU u‐Elisha ebetetile kumfazi lowo unyana wake abembuyisele ekudliweni kwobomi, esiti: Suka, uhambe wena nendlu yako, uye upambukele apo ungapambukela kona: ngokuba uyehova ebizile indlala; kanjako iya kuza elizweni iminyaka esixe̔nxe.
2
Wayesukile umfazi lowo, wenza ngalo ilizwi lendoda katixo: wahamba yena nendlu yake, waya wapambukela elizweni lama‐Filistiya iminyaka yasixe̔nxe.
3
Kwaye kute, ekupeleni kweminyaka isixe̔nxe, waselebuya umfazi lowo elizweni lama‐Filistiya; waza wapuma ukuya kukala kukumkani ngenxa yendlu yake, nangenxa yomhlaba wake.
4
Kekaloku ukumkani wateta no‐Gehazi, isicaka sendoda katixo, esiti: Zundixoxele zonke izinto ezinkulu azenzileyo u‐Elisha.
5
Kwaza kwati, nxa abemxoxela ukumkani okokuba ebebuyisele ekudliweni kwobomi umntu ofileyo, bona ke, lomfazi, onyana wake abembuyisele ekudliweni kwobomi, wakala kukumkani ngenxa yendlu yake, nangenxa yomhlaba wake. Wandula wati u‐Gehazi: Nkosi yam, kumkani! nguye lo umfazi, nguye lo nonyana wake owabuyiselwa ekudliweni kwobomi ngu‐Elisha.
6
Waza ukumkani wambuza umfazi, wati yena wamxoxela. Wandula ukumkani wammisela umbusi, esiti: Buyisa konke okube kukokwake, nazo zonke imveliso zomhlaba, kwa semhleni wabeshiya ilizwe kwada kwakaloku.
7
Waya u‐Elisha weza e‐Damakusi, nxa u‐Bene‐hadadi ukumkani we‐Siriya ebesifa; kwaza kwaxelwa kuye, kusitwa: Indoda katixo ifikile apa.
8
Waza wati ukumkani ku‐Hazayeli: Tabata ibaso esandleni sako, uhambe, uye kukaulela indoda katixo, ubuze kuyehova ngayo, usiti: Ndiya kupila na kwesisifo?
9
Wahamba u‐Hazayeli waya kuyikaulela, watabata ibaso esandleni sake, kwa zonke izinto ezilungileyo zase‐Damakusi, umtwalo wenkamela ezimashumi mane; wayesiza wema ebusweni bayo, wati: Unyana wako u‐Bene‐hadadi, ukumkani we‐Siriya, unditumile kuwe ukuti: Ndiya kupila na kwesisifo?
10
Waza u‐Elisha wati kuye: Hamba, uti kuye: Ungapila kambe. Kodwa uyehova undibonisile ukuba uya kufa yena ngenyaniso.
11
Wandula wabekisa ubuso bake ngokuti nqi, wada wadana; yati indoda katixo yalila.
12
Wayesiti u‐Hazayeli: Ililela nina inkosi yam? Yati ke: Ngokuba ndibazi ububi oya kubenza elusatsheni luka‐Sirayeli: inqaba zalo wozilahlela emlilweni, namadodana alo wowabulala ngesiṙele, nentsatshana zalo wozityumza, nabamitiyo balo wobaqangqulula.
13
Wayesiti u‐Hazayeli: Kodwa siyinto nina isicaka sako, siyinja na, ukuba siyenze lento inkulu? Wati u‐Elisha: Uyehova undibonisile ukuba wena woba ngukumkani pezu kwe‐Siriya.
14
Wandula wemka ku‐Elisha, weza enkosini yake, eyati kuye: Wati nina kuwe u‐Elisha? Wayesiti: Ute kum: Uya kupila ngenyaniso.
15
Kwaye kute ngomnye umhla, watabata incawe entlakantlaka, wayifaka emanzini, wayandlala ebusweni bayo, yada yafa: waza u‐Hazayeli waba ngukumkani esikundleni sayo.
16
KEKALOKU ngomnyaka wesihlanu ka‐Yorame unyana ka‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, nxa u‐Yehoshafate ebengukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Yehorame unyana ka‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda.
17
Ebeyiminyaka imashumi matatu anamibini ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani e‐Yerusaleme iminyaka yasibozo.
18
Wayehamba endleleni yokumkani bo‐Sirayeli, njengokuba benje njalo indlu ka‐Ahabi: ngokuba intombi ka‐Ahabi ibingumfazi wake; wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova.
19
Kodwa uyehova ebengavumi ukutshabalalisa o‐Juda, ngenxa ka‐Davide isicaka sake: njengokuba ebetshilo kuye, ukuba uya kunika isibane kuye, na konyana bake, amaxesha onke.
20
Emihleni yake ama‐Edome apongoma pantsi kwesandla so‐Juda, enza ukumkani pezu kwawo.
21
Waza u‐Yorame wagqitela e‐Tsahire, nazo zonke inqwelwana kunye naye; waselesuka ebusuku, wabeta ama‐Edome abengqonga, nenkosi zenqwelwana; baye abantu besabela ezintenteni zabo.
22
Noko ama‐Edome apongoma pantsi kwesandla so‐Juda kwada kwanamhla nje. Kwandula kwapongoma i‐Libena kwa ngeloxesha ke.
23
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Yorame, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda?
24
Wada u‐Yorame walala noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide; waza u‐Ahaziya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
25
Ngomnyaka weshumi linesibini ka‐Yorame unyana ka‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, waba ngukumkani u‐Ahaziya unyana ka‐Yehorame ukumkani wo‐Juda.
26
Ebeyiminyaka imashumi mabini anamibini u‐Ahaziya ubudala bake, akuba ngukumkani; ubungumnyaka mnye wapata ubukumkani e‐Yerusaleme. Igama lonina lalingu‐Hataliya, intombi ka‐Omri ukumkani wo‐Sirayeli.
27
Wayehamba endleleni yendlu ka‐Ahabi, wenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengendlu ka‐Ahabi: ngokuba ebengumyeni kwindlu ka‐Ahabi.
28
Waya no‐Yorame unyana ka‐Ahabi, ukulwa ngakuye u‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya, e‐Ramote yase‐Gileyadi; aza ama‐Siriya ambeta u‐Yorame.
29
Ngako wabuya u‐Yorame ukumkani ukuya kupoliswa e‐Yezerele emanxebeni abewenzelwe ngama‐Siriya e‐Rama, ekulweni kwake no‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya. Waza wehla u‐Ahaziya unyana ka‐Yehorame ukumkani wo‐Juda, ukuya kubona u‐Yorame unyana ka‐Ahabi e‐Yezerele, ngokuba ebesifa.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25