bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 2
2 Kings 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 3 →
1
KWAYE kute, nxa uyehova abeza kunyusa u‐Elija ngesaqwiti aye ezulwini, wandula wemka u‐Elija no‐Elisha e‐Gilegale.
2
Waza u‐Elija wati ku‐Elisha: Kauhlale apa; ngokuba uyehova enditumile ukuya e‐Betele. Kodwa wati u‐Elisha: Ehleli nje uyehova, uhleli nje nompefumlo wako, andiyi kukushiya! Baye behlela e‐Betele.
3
Bandula onyana babaprofite abebese‐Betele bapumela ku‐Elisha, bati kuye: Uyakwazi na ukuba uyehova uya kususa inkosi yako namhla entlokweni yako? Wayesiti: Ewe, ndiyakwazi; yitini cwaka.
4
Waza wati u‐Elija kuye: Elisha! kauhlale apa; ngokuba uyehova enditumile ukuya e‐Jeriko. Kodwa wati: Ehleli nje uyehova, uhleli nje nompefumlo wako, andiyi kukushiya! Baye besiza e‐Jeriko.
5
Bandula basondela onyana babaprofite abebese‐Jeriko ku‐Elisha, bati kuye: Uyakwazi na ukuba uyehova uya kususa inkosi yako namhla entlokweni yako? Wayesiti: Ewe, ndiyakwazi; yitini cwaka.
6
Waza wati u‐Elija kuye: Kauhlale apa; ngokuba uyehova enditumile ukuya e‐Yoredane. Kodwa wati: Ehleli nje uyehova, uhleli nje nompefumlo wako, andiyi kukushiya! Basuka bahamba bobabini.
7
Andula amadoda angamashumi mahlanu kubo onyana babaprofite aya ema malungana nabo ekude; bati bona bobabini bema ngase Yoredane.
8
Waza u‐Elija watabata ingubo yake, wayisonga, wawabeta amanzi, ahluka wona nalapa napaya; bada bona bobabini bawela pezu kwowomileyo umhlaba.
9
Kwabekute, bakuba bewelile, wandula wati u‐Elija ku‐Elisha: Cela into endiya kukwenzela yona, ndingekasuswa kuwe. Wayesiti u‐Elisha: Makekubeko isabiwo esipindiweyo somoya wako pezu kwam.
10
Waza wati: Ucelile into enqabileyo: noko, ukuba uyandibona ndakususwa kuwe, kwoba njalo kuwe; kodwa ukuba aku ndiboni, akuyi kuba njalo.
11
Kwaye kute ke, nxa bahambayo bemana beteta, nantsi inqwelo yomlilo inamahashe omlilo, eyasenza isahlulo pakati kwabo bobabini; waza u‐Elija wenyukela ezulwini ngesaqwiti.
12
Wabona ke u‐Elisha, wadanduluka, esiti: Bawo wam, bawo wam! inqwelo yo‐Sirayeli, nabakweli babo! Wada akabi sambona; waza wabamba izivato zake, waziṙazula zaba ziziziba zibini.
13
Wayicola nengubo ka‐Elija ebiwile kuye, wabuya, waya wema ngaselugudwini lwe‐Yoredane.
14
Waza watabata ingubo ka‐Elija ebiwile kuye, wawabeta amanzi, wati: Upina uyehova, utixo ka‐Elija? Kwa yena akuwabeta amanzi, ahluka wona nalapa napaya; wada wawela u‐Elisha.
15
Kekaloku onyana babaprofite abebese‐Jeriko bakumbona bekude, bati: Umoya ka‐Elija uyapumla pezu kwo‐Elisha. Bandula beza ukumkaulela, bazitoba kuye ngasemhlabeni.
16
Baye besiti kuye: Bona ke, kuko nezicaka zako amashumi mahlanu amadoda akalipileyo; makaye ke, afune inkosi yako; hleze kube kukuba umoya kayehova umfunqulile, wamkahlela pezu kwenye yentaba, umhlaumbi kwesinye sezihlambo. Wayesiti: Aniyi kutuma.
17
Kodwa bakumqu̔ba wada wadana, wandula wati: Tumani. Baza batuma amadoda amashumi mahlanu, abefuna imihla mitatu, engamfumananga ke.
18
Nxa babuyeleyo kuye, (ngokuba ebesahlala e‐Jeriko,) wandula wati kubo: Bendingati kuni na: Ningayi?
19
Aza amadoda esixeko ati ku‐Elisha: Bona ke, intlalo yesisixeko ilungile, njengokuba inkosi yam ibona; kodwa amanzi mabi, nomhlaba uputile.
20
Wayesiti: Ndiziseleni isikotile esitsha, nifake kona ityuwa. Baza basizisa kuye.
21
Wandula wapumela etendeni lamanzi, wayiposela kona ityuwa, wati: Utsho uyehova ukuti: Ndiwapilisile amanzi la; akuyi kubuya kuvele kona ukufa nokuputa.
22
Kwa njalo kwapiliswa amanzi lawo kwada kwanamhla nje, njengelizwi lika‐Elisha owabelitetile.
23
Wasuka wenyuka kona ukuya e‐Betele. Kekaloku nxa abenyuka ngendlela, kwapuma esixekweni abafana abancinane, abahlekisa ngaye, bati kuye: Nyuka, qaindini! nyuka, qaindini!
24
Waza wabeka ngomva, wabakangela, wabaqalekisa egameni likayehova. Kwandul’ ukupuma ibere zimbini ehlatini, zaqwenga kubo abantwana abangamashumi mane anababini.
25
Wemka kona waya entabeni ye‐Karamele; wesuka nakona wabuyela e‐Samariya.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25