bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 10
2 Kings 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 11 →
1
WAYE u‐Ahabi ebenonyana abangamashumi asixe̔nxe e‐Samariya. Waza u‐Jehu waba̔la incwadi, watumela e‐Samariya, kwinkosana zase‐Yezerele, kwabadala, nakwabondli babantwana baka‐Ahabi, esiti:
2
Kekaloku yakufika lencwadi kuni, benani onyana benkosi yenu nje, zinani kanjalo inqwelwana namahashe, nesixeko esinqatyisiweyo, nezixo̔bo;
3
kangelelani lowo ulungileyo nofaneleyo konyana benkosi yenu, nimbeke pezu kweterone yoyise; nize nilwele indlu yenkosi yenu.
4
Kodwa bebesoyika kakulu kunene, bati: Bona ke, okumkani bebabini abema pambi kwake; sesiya kuti nina ukuma tina?
5
Baza obepezu kwendlu, nobepezu kwesixeko, nabadala, nabondli, batuma ku‐Jehu, ukuti: Sizizicaka zako tina, nako konke uya kusixelela kona siya kukwenza; asiyi kumenza namnye umntu ukumkani; yenza oko kulungileyo emehlweni ako.
6
Wandula waba̔la incwadi kubo ngokwesibini, esiti: Ukuba ningabam, nokuba niya kupulapula ilizwi lam, zitabateni intloko zamadoda, zonyana benkosi yenu, nize kum e‐Yezerele malunga nelixesha langomso. Kekaloku onyana bokumkani, bengamadoda angamashumi asixe̔nxe, bebenabakulu besixeko abebebakulisile.
7
Kwaza kwati, yakufika incwadi leyo kubo, batabata onyana bokumkani, babulala amadoda angamashumi asixe̔nxe, babeka intloko zawo ezingobozini, bazitumela kuye e‐Yezerele.
8
Kwaye kusiza isigidimi, esashumayela kuye, sisiti: Bazisile intloko zonyana bokumkani. Wayesiti: Zibekeni ngemfumba zimbini emnyango wesango kude kuse.
9
Kwabekute kwakusa, wapuma, wema, wati kubo bonke abantu: Nina nilungile; bona ke, ndaceba ngakuyo inkosi yam, ndayibulala; kodwa ngubanina obabuleleyo bonke aba?
10
yazini kambe, ukuba akuyi kuwa nento yelizwi likayehova ngasemhlabeni, owalitetayo uyehova pezu kwendlu ka‐Ahabi: ngokuba uyehova ekwenzile oko wakutetayo ngesicaka sake u‐Elija.
11
Wandula u‐Jehu wabulala bonke abaseleyo kwindlu ka‐Ahabi e‐Yezerele, nabo bonke abakulu bake, nabazane bake, nabaperisite bake, wada akamshiyela namnye oseleyo.
12
Wada wesuka, wemka, waya e‐Samariya. Nxa abese‐Bete‐hekede yabalusi, endleleni,
13
u‐Jehu wafumanana nabazalwana baka‐Ahaziya ukumkani wo‐Juda, wati: Ningobanina? Baye besiti: Tina singabazalwana baka‐Ahaziya; sasihlile ukuza kubulisa onyana bokumkani nonyana bokumkanikazi.
14
Wand’ ukuti: Babambeni behleli. Baza bababamba behleli, bababulala ngasemnxunyeni wase‐Bete‐hekede, bengamadoda angamashumi mane anesibini; akasalisa namnye kubo.
15
Nxa abemkile kona, wafumanana no‐Yehonadabi, unyana ka‐Rekabe, esiza ukumkaulela; waza wambulisa, wati kuye: Intliziyo yako ilungelelene na, njengokuba intliziyo yam ilungelelene nentliziyo yako? Wayesiti u‐Yehonadabi: Injalo. Ukuba injalo, ndinike isandla sako. Wanika ke isandla sake; waza wamnyukisela kuye enqwelwaneni.
16
Wayesiti: Hamba nam, ubone ikwele lam ngenxa kayehova. Kwa njalo bamkwelisa enqwelwaneni yake.
17
Wati akufika e‐Samariya, wabulala bonke abaseleyo ku‐Ahabi e‐Samariya, wada wamtshabalalisa; njengelizwi likayehova, elo wabelitetile ku‐Elija.
18
Wandula u‐Jehu wabahlanganisa bonke abantu, wati kubo: u‐Ahabi wakonza u‐Bali ngokuncinane; u‐Jehu uya kumkonza ngokukulu.
19
Ngako kaloku, bizani bonke abaprofite baka‐Bali, zonke izicaka zake, nabo bonke abaperisite bake, beze kum; makungabiko namnye ongekoyo: ngokuba ndinombingo omkulu wokwenze lwa u‐Bali; osukuba eya kuba engeko, akayi kudla ubomi. Kodwa u‐Jehu wenza ngobuqinga, ukuze ababubise abakonzi baka‐Bali.
20
Walekela wati u‐Jehu: Miselani u‐Bali intlanganiso enkulu. Baza bashumayela ke.
21
Waye u‐Jehu kanjalo watuma pakati kwe‐Sirayeli yonke; bandula beza bonke abakonzi baka‐Bali, kwada akwasala namnye obengezi: baye besiza endlwini ka‐Bali, ukuba indlu ka‐Bali ibizele kwa kwenye incam kwada kwakwenye.
22
Wandula wati kulowo ubepezu kwendlu yezivato: Kupela bonke abakonzi baka‐Bali izivato. Wabakupela izivato ke.
23
Waza wangena u‐Jehu, no‐Yehonadabi unyana ka‐Rekabe, endlwini ka‐Bali, wati kubo abakonzi baka‐Bali: Pengululani, nibone ukuba kungabiko apa nani namnye wabakonzi bakayehova, kubeko abakonzi baka‐Bali bodwa.
24
Kekaloku bakungena ukwenza imibingelelo namadini okutshiswa, wandula u‐Jehu wawamisa ngapandle amadoda angamashumi asibozo, wati: Lowamntu, kuwo onke amadoda endiwazisileyo ezandleni zenu, osindayo, ubomi bake omsindisayo boba sesikundleni sobomi bake.
25
Kwaye kute, nxa abegqibile ukwenza idini lokutshiswa, wati u‐Jehu kumlisela nakuzo injengele: Ngenani, babeteni, makungapumi namnye. Baza bababeta ngohlangoti lweṙele; kanjalo umlisela nenjengele babaposa pandle, baya esixekweni sendlu ka‐Bali.
26
Bandula bakupa izifanekiso endlwini ka‐Bali, bazitshisa.
27
Kanjako basicita isifanekiso sika‐Bali; bayicita nendlu ka‐Bali, bayenza ibe yindlu yelindle kude kwanamhla.
28
Kwa njalo u‐Jehu watshabalalisa u‐Bali kwa‐Sirayeli.
29
Kodwa izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone, akapambuka u‐Jehu ekuzilandeleni, kwa amatole egolide abese‐Betele nabese‐Dane.
30
Waza uyehova wati ku‐Jehu: Ngenxa yokuba ulungisile ukwenza okufaneleyo emehlweni am, ukuba wenzile kwindlu ka‐Ahabi njengako konke obekusentliziyweni yam, onyana bako besesine isizukulwana baya kuhlala pezu kweterone yakwa‐Sirayeli.
31
Kodwa u‐Jehu akalumkela ukuhamba emtetweni kayehova, utixo wo‐Sirayeli, ngayo yonke intliziyo yake; akapambuka kuzo izono zika‐Jerobome, owenzayo o‐Sirayeli bone.
32
Ngaleyomihla waqala uyehova ukunqamla kwa‐Sirayeli: ngokuba u‐Hazayeli wababeta kuyo yonke imida yakwa‐Sirayeli;
33
kutabata e‐Yoredane ngasekupumeni kwelanga, lonke ilizwe le‐Gileyadi, elama‐Gadi, nelama‐Rubene, nelama‐Manase; kuyo i‐Harohere, engasemlanjeni we‐Arenone, ne‐Gileyadi, ne‐Bashane.
34
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Jehu, nako konke abekwenza, nawo onke amandla ake, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
35
Wada walala u‐Jehu noyise bake, wancw̔atywa e‐Samariya; waza u‐Yehowahazi unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
36
Nemihla abepata ubukumkani u‐Jehu pezu kwo‐Sirayeli, ibiyiminyaka engamashumi mabini anesibozo.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25