bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 14
2 Kings 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 15 →
1
NGOMNYAKA wesibini ka‐Yohashe unyana ka‐Yehowahazi ukumkani wo‐Sirayeli, waba ngukumkani u‐Amatsiya unyana ka‐Yohashe ukumkani wo‐Juda.
2
Ebeyiminyaka imashumi mabini anamihlanu ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani e‐Yerusaleme iminyaka yamashumi mabini anesitoba. Igama lonina belingu‐Yehohadane, owase‐Yerusaleme.
3
Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, kodwa bekungenjengo‐Davide uyise; wenza ngako konke abekwenzile u‐Yohashe uyise.
4
Noko indawo ezipakamileyo bezingasuswa; abantu basabinga baqumisa ezindaweni ezipakamileyo.
5
Kwaza kwati, okuya ubukumkani bebuqinile esandleni sake, wabulala izicaka zake ezibe zimbulele ukumkani uyise.
6
Kanti abantwana bababulali akabafisa; njengako okuba̔liweyo encwadini yomteto ka‐Mosesi, apo uyehova ayaleleyo ngokuti: Oyise abayi kufiswa ngenxa yabantwana, nabantwana abayi kufiswa ngenxa yoyise; koko bonke ngabanye baya kufiselwa esabo isono.
7
Wabulala ama‐Edome emhlanjeni we‐Tyuwa, ishumi lamawaka, wayibamba i‐Sela ngokulwa, walibiza igama layo ngokuti yi‐Yokitele, kwada kwanamhla nje.
8
Oko watuma u‐Amatsiya isigidimi ukuya ku‐Yehohashe, unyana ka‐Yehowahazi unyana ka‐Jehu, ukumkani wo‐Sirayeli, ukuti: Yiza, sibonane ngobuso.
9
Koko u‐Yehohashe ukumkani wo‐Sirayeli watumela ku‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, ukuti: Umtolo obuse‐Lebanone watuma kuyo isedare ebise‐Lebanone, usiti: Nika intombi yako kunyana wam ibe ngumfazi: saza sadlula isilo sasendle esibe sise‐Lebanone, sawunyatela umtolo lowo.
10
Uwabetile okunene ama‐Edome, ngako intliziyo yako ikupakamisile: qa̔yisela oku, uhlale ekaya; ngokuba kunganina ukuba uya kulwa nelishwa, ukuze uwe, kwa wena no‐Juda kunye nawe?
11
Kodwa u‐Amatsiya ebengapulapuli. Ngako wenyuka u‐Yehohashe ukumkani wo‐Sirayeli; baza babonana ngobuso, yena no‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, e‐Bete‐shemeshe ekwa‐Juda.
12
Bati o‐Juda boyiswa pambi kwo‐Sirayeli; basuka besaba baya abanye ngabanye ezintenteni zabo.
13
No‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, unyana ka‐Yehohashe, unyana ka‐Ahaziya, u‐Yehohashe ukumkani wo‐Sirayeli wambamba e‐Bete‐shemeshe, weza e‐Yerusaleme, walucita udonga lwe‐Yerusaleme, kwa kulo isango lika‐Frayime kwada kwakulo isango legumbi, ikubite zingamakulu mane.
14
Wayetabata yonke igolide nesilivere, nazo zonke impahla ezazifunyanwa endlwini kayehova, napakati kwendyebo zendlu yokumkani, nababambiseli, wabuyela e‐Samariya.
15
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Yehohashe, oko wakwenzayo, namandla ake, nokuba wati nina ukulwa no‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
16
Wada u‐Yehohashe walala noyise bake, wancw̔atywa e‐Samariya ndawonye nokumkani bo‐Sirayeli; waza u‐Jerobome unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
17
Wati u‐Amatsiya unyana ka‐Yohashe, ukumkani wo‐Juda, wahlala emveni kwokufa kuka‐Yehohashe unyana ka‐Yehowahazi, ukumkani wo‐Sirayeli, iminyaka yalishumi elinamihlanu.
18
Nesisalela semicimbi ka‐Amatsiya, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda?
19
Baye besenza ngakuye ingcebiswano e‐Yerusaleme; wesaba waya e‐Lakishe; kodwa batumela emva kwake e‐Lakishe, bambulala kona.
20
Baza bamsa pezu kwamahashe: wancw̔atywa e‐Yerusaleme ndawonye noyise bake esixekweni sika‐Davide.
21
Bandula bonke abantu bakwa‐Juda batabata u‐Hazariya, obeyiminyaka yalishumi elinesitandatu ubudala bake, bamenza ukumkani esikundleni soyise u‐Amatsiya.
22
Yena wayaka i‐Elate, wayibuyisela ko‐Juda, emveni kwokuba ukumkani ebelele noyise bake.
23
NGOMNYAKA weshumi linesihlanu ka‐Amatsiya unyana ka‐Yohashe ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Jerobome unyana ka‐Yohashe ukumkani wo‐Sirayeli e‐Samariya, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mane anamnye.
24
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; akapambuka kuzo zonke izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone.
25
Yena wabuyisa umda wakwa‐Sirayeli, kwa sekungenweni kwe‐Hamati kwada kwakulo ulwandle lwasetafeni, njengelizwi likayehova, utixo wo‐Sirayeli, owabelitetile ngesandla sesicaka sake u‐Jona unyana ka‐Amitai, umprofite, obengowase‐Gate‐hefere.
26
Ngokuba uyehova ebebona ubunzima bo‐Sirayeli ukuba buṙaṙa kakulu; ngokuba bekungeko ovaliweyo, bekungeko nokululekileyo, bekungeko namncedi kanjalo ko‐Sirayeli.
27
Waye uyehova engatshongo ukuba wolicima igama lo‐Sirayeli kwa pantsi kwezulu; kodwa wabasindisa ngesandla sika‐Jerobome unyana ka‐Yohashe.
28
Nesisalela semicimbi ka‐Jerobome, nako konke abekwenza, namandla ake, ukuba wati nina ukulwa, nokuba wati nina ukubuyisela ko‐Sirayeli i‐Damakusi ne‐Hamati yakwa‐Juda, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
29
Wada u‐Jerobome walala noyise bake, ndawonye nokumkani bo‐Sirayeli; waza u‐Zekariya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25