bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 4
2 Kings 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 5 →
1
KEKALOKU umfazi otile ebafazini bonyana babaprofite wakala ku‐Elisha, esiti: Isicaka sako, indoda yam, sifile; nawe uyazi ukuba isicaka sako besimoyika uyehova: usel’ efikile lowo ibinetyala kuye, ukuza kuzitabatela onyana bam bobabini babe ngamakoboka.
2
Waye u‐Elisha esiti kuye: Ndiya kukwenzela nto nina? ndixelele ke, unanto nina endlwini? Wati yena: Isicakakazi sako asinanto endlwini, kupela liselwa leoli.
3
Waza wati: Hamba, uboleke izitya ngapandle, kubo bonke abamelwane bako, izitya ezizé; ungakwenzi kuncinane ukuboleka kwako:
4
wandule ungene, uvale ucango pezu kwako napezu kwonyana bako, ute̔ kuzo zonke ezozitya, neso site ciki usibeke ecaleni.
5
Waza wemka kuye, waya wavala ucango pezu kwake napezu kwonyana bake; bona babesondeza kuye, naye wabesita̔.
6
Kwati kwakuba izitya bezite ciki, wayesiti kunyana wake: Sisondeze kum kanjako isitya; kodwa wati kuye: Akuseko isitya. Yaza ioli yanqamka.
7
Wandula weza, wayixelela indoda katixo; eyati: Hamba, utengise ngeoli leyo, uhlaule lowo unetyala kuye; uze upile wena nonyana bako ngeseleyo.
8
Kwaye kute ngemini etile, wadlula u‐Elisha waya e‐Shuneme, apo wabekona umfazi omkulu, owamnyanzela ukuba atye isonka. Kwaza kwati, nxa asukuba ebedlula, wapambukela kona, ukuba atye isonka.
9
Wada wati kwindoda yake: Bona ke, sendinakana ukuba uyindoda engcwele katixo lo, odlula ngakuti futi;
10
masenze ke inkambili yapezulu encinane ngaseludongeni, simbekele kona umandlalo, netafile, nesitulo, nekandelare; kwaye kuya kuti, akuza kuti, wopambukela kona.
11
Kwabekute ngemini etile, weza kona, wapambukela kuyo inkambili yapezulu leyo, walala apo ke.
12
Waza wati ku‐Gehazi isicaka sake: Mbize lom‐Shunemekazi. Xeshekweni abembizile, wema yena ebusweni bake.
13
Kekaloku wabete kuye: Yiti ke kuye: Bona ke, usikatalele ngayo yonke lenkatalo nje, yinto nina eya kwenzelwa wena? kuko na into uya kutetelelwa ngayo kukumkani, umhlaumbi kwinkosi yomkosi? Wayete yena: Ndihleli pakati kwabantu bam.
14
Wandula wati: Sekuya kumenzelwa nto nina ke? Wati u‐Gehazi: Okunene akananyana, nendoda yake isel’ indala.
15
Waza wati: Mbize. Xeshekweni abembizile, wema yena emnyango.
16
Wayesiti: Ngelixesha elimisiweyo, wakuba utwasile umnyaka, uya kusingata unyana. Waza wati: Hai, nkosi yam, ndoda katixo! ungaxokisi isicakakazi sako.
17
Wada wamita umfazi lowo, wazala unyana ngeloxesha elimisiweyo, wakuba utwasile umnyaka, elo u‐Elisha wabetetile ngalo kuye.
18
Nxa asel’ ekulile umntwana, kwabekute ngemini etile, wapuma waya kuyise, kubavuni.
19
Wayesiti kuyise: Intloko yam, intloko yam! Wati uyise kumfana: Mtwalele kunina.
20
Wamtwala ke, wamzisa kunina. Waza wahlala pezu kwamadolo ake kwada kwasemini enkulu, wand’ ukububa.
21
Wenyuka unina, wamlalisa pezu kwomandlalo wendoda katixo, wamvalela, wapuma ke.
22
Waza wabiza indoda yake, wati: Nditumele ke omnye kwabafana, nelinye kwamaqwaṙashekazi, ndibaleke ndiye endodeni katixo, ndibuyelele.
23
Yayisiti: Kunganina ukuba woya kuyo namhla? asi yiyo inyanga etwasileyo, asi yiyo nesabata. Wati: Kwoba kulungile.
24
Waza wabopa iqwaṙashekazi, wati kumfana wake: Qu̔ba, uhambe; ungandibambezeleli ukuhambisa kwako, kupela nxa nditshoyo kuwe.
25
Wasuka wahamba, weza kuyo indoda katixo entabeni ye‐Karamele. Kwaye kute, yakumbona indoda katixo ekude, yaza yati ku‐Gehazi isicaka sayo: Nankuya lom‐Shunemekazi.
26
Kaloku gitshima ke, uye kumhlangabeza, uti kuye: Kulungile na kuwe? kulungile na kwindoda yako? kulungile na kumntwana? Wayesiti: Kulungile.
27
Wati akufika kwindoda katixo entabeni, wabamba inyawo zayo. Wasuka wasondela u‐Gehazi, ukuba amtya̔le. Kodwa yati indoda katixo: Myeke; ngokuba umpefumlo wake uṙaṙa pakati kwake; kanti uyehova undifihlele lento, engandixelelanga.
28
Waza wati: Ndike ndacela na unyana enkosini yam? bendingati na: Ungandikohlisi?
29
Yandula yati ku‐Gehazi: Binqa isinqe sako, upate umsimelelo wam esandleni sako, uhambe; ukuba uyafumanana nomntu, ungambulisi; kanjako ukuba umntu uyabulisa wena, ungasabeli kuye; uye uwubeke umsimelelo wam pezu kwobuso bomntwana.
30
Koko unina womntwana wati: Ehleli nje uyehova, uhleli nje nompefumlo wako, andiyi kukushiya! Yaselisuka, yamlandela.
31
Waza u‐Gehazi wadlula pambi kwabo, waya wabeka umsimelelo pezu kwobuso bomntwana; kodwa bekungeko ilizwi, bekungeko nokupulapula. Ngako wabuya ukuya kuyihlangabeza, wayixelela, esiti: Akavukanga umntwana.
32
Kekaloku akuba u‐Elisha engene endlwini, nankuya umntwana efile, elele pezu kwomandlalo wake.
33
Wangena ke, wabavalela bona bobabini ucango, watandaza kuyehova.
34
Waza wakwela, walala pezu kwomntwana, wabeka umlomo wake pezu kwowake umlomo, namehlo ake pezu kwawake amehlo, nezandla zake pezu kwezake izandla, wazitoba pantsi pezu kwake: yada inyama yomntwana yafudumala.
35
Wandula wabuya, wahamba endlwini kwa kanye apa nakanye paya; waza wakwela kanjako, wazitoba pantsi pezu kwake; wada watimla umntwana kwada kwangamaxesha asixe̔nxe, waza umntwana wavula amehlo ake.
36
Wasuka wambiza u‐Gehazi, wati: Mbize lom‐Shunemekazi. Wambiza ke. Nxa abezile kuye, wati: Tabata unyana wako.
37
Waza wangena, wawa ngasezinyaweni zake, wazitoba ngasemhlabeni, watabata unyana wake, wapuma ke.
38
Wabuya u‐Elisha weza e‐Gilegale: kwaye kuko indlala elizweni; baza onyana babaprofite bahlala pambi kwake: wayesiti kwisicaka sake: Beka imbiza enkulu, upekele onyana babaprofite umhluzi.
39
Wandula omnye wapumela endle ayike imifuno, wafumana ivatala yasendle, waka kuyo ikomkomere zasendle ingubo yake izele, weza wazixabela embizeni yomhluzi; ngokuba bebengazazi.
40
Bada bapakela amadoda ukuba adle. Kwaza kwati, nxa ebesidla kuwo umhluzi, akala, ati: Ukufa kusembizeni, ndoda katixo! Akohlwa ke ukutya.
41
Koko yati: Zisani ke umgubo. Yaza yawuposela embizeni; yayisiti: Pakela abantu ukuba badle. Kwaza akwabiko into embi embizeni.
42
Kwaye kuvela indoda e‐Bali‐shalisha, yazisa endodeni katixo izonka zelibo, izonka zeṙalasi ezimashumi mabini, nezikwebu ezibonxileyo emakaseni azo. Yaza yati: Nikela abantu ukuba badle.
43
Kodwa umkonzi wayo wati: Into ni? ndibeke oku pambi kwekulu lamadoda na? Yabuya yati: Nikela abantu ukuba badle; ngokuba esitsho uyehova ukuti: Baya kudla, bosalisa kanjalo.
44
Wandula wabeka pambi kwabo, baza badla, basalisa nokusalisa, njengelizwi likayehova.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25