bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 13
2 Kings 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 14 →
1
NGOMNYAKA wamashumi mabini anesitatu ka‐Yohashe unyana ka‐Ahaziya ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Yehowahazi unyana ka‐Jehu pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesixe̔nxe.
2
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, walandela izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone; akapambuka kuzo.
3
Ngako yavuta ingqumbo kayehova ngakubo o‐Sirayeli; waza wabanikela esandleni sika‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya, nasesandleni sika‐Bene‐hadadi unyana ka‐Hazayeli, yonke imihla leyo.
4
Wada u‐Yehowahazi wabongoza ubuso bukayehova; wati uyehova wapulapula kuye: ngokuba ebebona ukubandezelwa kwo‐Sirayeli, ukuba ukumkani we‐Siriya wababandezela.
5
(Wayenika uyehova ko‐Sirayeli umsindisi, bada bapuma pantsi kwesandla sama‐Siriya; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwahlala ezintenteni zalo, njengapambili.
6
Noko belungapambuki kuzo izono zendlu ka‐Jerobome, owenzayo o‐Sirayeli bone; beluhamba kuzo: kanjalo u‐Ashera ebesemi e‐Samariya.)
7
Ngokuba ebengabasalisanga ku‐Yehowahazi abantu, kupela amashumi mahlanu abakweli bamahashe, neshumi lenqwelwana, neshumi lamawaka abahamba ngenyawo: ngokuba ukumkani we‐Siriya ebebatshabalalisile, wabenza njengotuli ngokubula.
8
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Yehowahazi, nako konke abekwenza, namandla ake, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
9
Wada u‐Yehowahazi walala noyise bake, wancw̔atywa e‐Samariya: waza u‐Yohashe unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
10
Ngomnyaka wamashumi matatu anesixe̔nxe ka‐Yohashe ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Yehohashe unyana ka‐Yehowahazi pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesitandatu.
11
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; akapambuka kuzo zonke izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone; wahamba kuzo.
12
Nesisalela semicimbi ka‐Yohashe, nako konke abekwenza, namandla ake owabesilwa ngawo ngakuye u‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
13
Wada walala u‐Yohashe noyise bake; waza u‐Jerobome wahlala pezu kweterone yake: waye u‐Yohashe ebencw̔atywa e‐Samariya ndawonye nokumkani bo‐Sirayeli.
14
Kekaloku u‐Elisha wabesifa sisifo sake owabuba ngaso. Wandula u‐Yohashe ukumkani wo‐Sirayeli wehlela kuye, walila pezu kwobuso bake, wati: Bawo wam, bawo wam! inqwelo yo‐Sirayeli, nabakweli babo!
15
Wayesiti u‐Elisha kuye: Tabata isipeta nentolo. Waza watabatela kuye isipeta nentolo.
16
Walekela wati kukumkani wo‐Sirayeli: Beka isandla sako pezu kwaso isipeta. Wabeka ke isandla sake: wati u‐Elisha wabeka izandla zake pezu kwezandla zokumkani.
17
Wayesiti: Vula ifenstile ngasempumalanga. Wavula ke. Waza u‐Elisha wati: Tola. Watola ke. Wayesiti: Utolo lwosindiso lukayehova, notolo lwosindiso ngakuwo ama‐Siriya; ngokuba uya kubeta ama‐Siriya e‐Afeki, ude uwagqibele.
18
Wabuya wati: Zitabate intolo. Watabata ke. Waza wati kukumkani wo‐Sirayeli: Beta ngasemhlabeni. Wabeta ke amaxesha amatatu, wand’ ukuti nqumama.
19
Yaza indoda katixo yamqumbela kunene, yati: Unga ubetile amaxesha amahlanu umhlaumbi amatandatu; oko ubuya kubeta ama‐Siriya wada wawagqibela; kanti kaloku, uya kuwabeta amaxesha matatu kupela.
20
Wada wafa u‐Elisha, wancw̔atywa. Aza amabandla ama‐Mowabi afika elizweni ekutwaseni kwomnyaka.
21
Kwaye kute, nxa babencw̔aba indoda, bona ke, babona ibandla; baza bayiposa indoda leyo encw̔abeni lika‐Elisha; yati yakungena yacukumisa amatambo ka‐Elisha, yabuya yapila, yapakama pezu kwenyawo zayo.
22
Kekaloku u‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya wabandezela o‐Sirayeli yonke imihla ka‐Yehowahazi.
23
Kodwa uyehova wabenofefe ngakubo, wabapata ngenceba, wababuka, ngenxa yocebano lwake no‐Abrahame, n o‐Yisake, no‐Yakobi; engavumanga ukubatshabalalisa, engabagxotanga ebusweni bake kanjalo, kwada kwakaloku.
24
Wada wafa u‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya; wati u‐Bene‐hadadi unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
25
Waza u‐Yehohashe unyana ka‐Yehowahazi, wabuya wazibamba esandleni sika‐Bene‐hadadi unyana ka‐Hazayeli izixeko ezo wabezibambile yena esandleni sika‐Yehowahazi uyise ngokulwa: ngamaxesha matatu u‐Yohashe wambetayo, wabuyisa izixeko zakwa‐Sirayeli.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25