bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 7
2 Kings 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 8 →
1
Wandula wati u‐Elisha: Yivani ilizwi likayehova: utsho uyehova ukuti: Malunga nelixesha langomso kwotengiswa isilinganiso somgubo ocolekileyo ngeshekele, nezilinganiso zibini zeṙalasi ngeshekele, esangweni le‐Samariya.
2
Laza iduna, owayama ukumkani pezu kwesandla salo, lapendula indoda katixo, lati: Bona ke, uyehova esenza izituba ezulwini nje, ibingabako lento na? Yayisiti: Bona ke, uya kuyibona ngamehlo ako, kodwa akuyi kutya kokwayo.
3
Kekaloku bekuko amadoda amane engamaleperi ngasemnyango wesango: ati ke wona enye kwenye: Sihlalela nina apa, side sife?
4
ukuba siti: Siya kungena esixekweni, indlala isesixekweni ke, sasiya kufa kona; nokuba sihlala apa, siya kufa kanjalo: ngako kaloku, hambani, sipongomele emkosini wama‐Siriya; ukuba ayasilondoloza ebomini, siya kubudla ubomi; nokuba ayasifisa, siya kufa kodwa.
5
Aza esuka pakati kwoncwalazi ukuya emnqubeni wama‐Siriya: xeshekweni abefikile esipelweni somnquba wama‐Siriya, bona ke, kwakungeko kona namntu.
6
Ngokuba inkosi ibivisile umkosi wama‐Siriya intlokoma yenqwelo, nentlokoma yamahashe, intlokoma yempi enkulu; andula ati omnye kwomnye: Bona ke, ukumkani wo‐Sirayeli ubaqeshile ngakuti okumkani bama‐Hete, nokumkani bama‐Jipete, ukusizuma.
7
Abesukile ngako, esaba pakati kwoncwalazi, ashiya intente zawo, namahashe awo, namaqwaṙashe awo, umuquba njengokuba ubunjalo, esabela ubomi bawo.
8
Kwa njalo amaleperi la eza esipelweni somnquba, angena ententeni, atya asela nokusela, asusa kona isilivere, negolide, nezivato, aya azifihla; aza abuya eza, angena kwenye intente, asusa nakona, aya afihla kanjalo.
9
Andula ati elinye kwelinye: Asenzi tina ngokufaneleyo; umhla lo ngumhla wendaba ezilungileyo, kanti tina siti cwaka: ukuba siyalinda kude kukanye ukusa, sesiya kuzuza ityala; ngako kaloku hambani, siye sixelele indlu yokumkani.
10
Asuka eza, abiza kumgcinisango wesixeko, ashumayela kubo, esiti: Kaseza emnqubeni wama‐Siriya, kekaloku bona ke, bekungeko kona namntu, nelizwi labantu, kodwa amahashe ebotshelelwe, namaqwaṙashe ebotshelelwe, nentente njengokuba zibe zinjalo.
11
Waza wabiza abagcinisango, abaxelelayo indlu yokumkani pakati.
12
Wandula wesuka ukumkani ebusuku, wati kuzo izicaka zake: Ndonixelela kambe into ayenzileyo kuti ama‐Siriya. Ayakwazi ukuba silambile; ngako apumile emnqubeni ukuya kuzimela endle, esiti: Nxa bapumileyo esixekweni, sobabamba behleli, singene esixekweni ke.
13
Waza wapendula owasezicakeni zake, wati: Makutatyatwe ke amahlanu kuwo amahashe aseleyo, lawo aseleyo pakati kwalapa; (bona ke, oba njengaso sonke isihlwele so‐Sirayeli abaseleyo pakati kwalapa; bona ke, oba njengaso sonke isihlwele so‐Sirayeli abagqityelweyo;) size situme sibone.
14
Kwaye kutatyatwa amahashe enqwelo ezimbini; waza watuma ukumkani emva kwomkosi wama‐Siriya, esiti: Hambani nibone.
15
Basuka bawalandela kwada kwakuyo i‐Yoredane: kekaloku, bona ke, yonke indlela ibizele zizivato nempahla, abezilahlile ama‐Siriya ekunxameni kwawo. Zandula zabuya izigidimi, zashumayela kukumkani.
16
Basuka bapuma abantu, bapanga umnquba wama‐Siriya. Kwaza kwa tengiswa isilinganiso somgubo ocolekileyo ngeshekele, nezilinganiso zibini zeṙalasi ngeshekele, njengelizwi likayehova.
17
Wati ukumkani walipatisa iduna, elo wayama pezu kwesandla salo, pezu kwesango; baza abantu balinyatela esangweni, lada lafa, njengokuba ibitetile indoda katixo, eyatetayo nxa ukumkani wehlela kuyo.
18
Kwaye kute ke njengokuba indoda katixo ibitetile kukumkani, isiti: Kuya ku tengiswa izilinganiso zibini zeṙalasi ngeshekele, nesilinganiso somgubo ocolekileyo ngeshekele, malunga nelixesha langomso, esangweni le‐Samariya.
19
Laye iduna elo beliyipendula indoda katixo, lati: Bona ke, uyehova esenza izituba ezulwini nje, ibingabako lento na? Yaza yati: Bona ke, uya kuyibona ngamehlo ako, kodwa akuyi kutya kokwayo.
20
Kwalihlela njalo ke; ngokuba abantu bebelinyatela esangweni, lada lafa.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25