bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 15
2 Kings 15
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 16 →
1
NGOMNYAKA wamashumi mabini anesixe̔nxe ka‐Jerobome ukumkani wo‐Sirayeli, waba ngukumkani u‐Hazariya unyana ka‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda.
2
Ebeyiminyaka ilishumi linesitandatu ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani e‐Yerusaleme iminyaka yamashumi mahlanu anamibini. Igama lonina belingu‐Yekoliya, owase‐Yerusaleme.
3
Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, njengako konke abekwenzile u‐Amatsiya uyise.
4
Kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa; abantu basabinga baqumisa ezindaweni ezipakamileyo.
5
Wati uyehova wambeta ukumkani, ukuba waba lileperi kwada kwayimini yokufa kwake, wahlala endlwini eyahlukileyo. Waye u‐Yotame unyana wokumkani ebepezu kwendlu, egweba abantu belizwe.
6
Nesisalela semicimbi ka‐Hazariya, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda?
7
Wada u‐Hazariya walala noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide; waza u‐Yotame unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
8
NGOMNYAKA wamashumi matatu anesibozo ka‐Hazariya ukumkani wo‐Juda, wapata ubukumkani u‐Zekariya unyana ka‐Jerobome pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya inyanga zantandatu.
9
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengokuba bebenje njalo oyise bake; akapambuka kuzo izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone.
10
Waza u‐Shalume unyana ka‐Yabeshe waceba ngakuye, wambeta pambi kwabantu, wambulala, waba ngukumkani esikundleni sake.
11
Nesisalela semicimbi ka‐Zekariya, bona ke, iba̔liwe yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli.
12
Eli libe lilizwi likayehova owabelitetile ku‐Jehu, lisiti: Onyana bako besesine isizukulwana baya kuhlala pezu kweterone yakwa‐Sirayeli. Kwaye kuba njalo ke.
13
U‐Shalume unyana ka‐Yabeshe waba ngukumkani ngomnyaka wamashumi matatu anesitoba ka‐Huziya ukumkani wo‐Juda; wayepata ubukumkani inyanga ipela e‐Samariya.
14
Waza u‐Menaheme unyana ka‐Gadi wenyuka e‐Tiretsa, weza e‐Samariya, wambeta u‐Shalume unyana ka‐Yabeshe e‐Samariya, wambulala, waba ngukumkani esikundleni sake.
15
Nesisalela semicimbi ka‐Shalume, nokuceba kwake owaceba ngako, bona ke, iba̔liwe yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli.
16
Oko u‐Menaheme wayibeta i‐Tipesahi, nabo bonke abakuyo, nemida yayo, esuka e‐Tiretsa; ngokokuba bekungamvulelwanga, kukona wayibetayo; bonke abamitiyo bayo wabaqangqulula.
17
Ngomnyaka wamashumi matatu anesitoba ka‐Hazariya ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Menaheme unyana ka‐Gadi pezu kwo‐Sirayeli, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi e‐Samariya.
18
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; akapambuka kuzo izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone, yonke imihla yake.
19
Kwandula kweza u‐Pule ukumkani we‐Asiriya ngakulo ilizwe; waza u‐Menaheme wamnika u‐Pule iwaka letalente zesilivere, ukuze isandla sake sibe naye ukuqinisa ubukumkani esandleni sake.
20
Nemali leyo wayibiza u‐Menaheme ko‐Sirayeli, kubo bonke abakulu ngobutyebi, ize inikwe kuye ukumkani we‐Asiriya, ishekele zesilivere ezingamashumi mahlanu kubo bonke ngabanye. Waza wabuya ukumkani we‐Asiriya, engahlali kona elizweni apo.
21
Nesisalela semicimbi ka‐Menaheme, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
22
Wada walala u‐Menaheme noyise bake; waza u‐Pekahiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
23
Ngomnyaka wamashumi mahlanu ka‐Hazariya ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Pekahiya unyana ka‐Menaheme pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, wapata ubukumkani iminyaka yamibini.
24
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; akapambuka kuzo izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone.
25
Koko u‐Pekahi unyana ka‐Remaliya, injengele yake, waceba ngakuye, wambeta e‐Samariya, enqatyeni yendlu yokumkani, kunye no‐Ragobi no‐Ariye, namadoda amashumi mahlanu elusatsheni lwama‐Gileyadi ndawonye naye: wambulala ke, waba ngukumkani esikundleni sake.
26
Nesisalela semicimbi ka‐Pekahiya, nako konke abekwenza, bona ke, iba̔liwe yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli.
27
Ngomnyaka wamashumi mahlanu anesibini ka‐Hazariya ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Pekahi unyana ka‐Remaliya pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mabini.
28
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; akapambuka kuzo izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone.
29
Emihleni ka‐Pekahi ukumkani wo‐Sirayeli, weza u‐Tigilate‐pilesere ukumkani we‐Asiriya, wabamba i‐Hiyone, ne‐Abele‐bete‐mahaka, ne‐Yanoha, ne‐Kedeshe, ne‐Hatsore, ne‐Gileyadi, ne‐Galili, lonke ilizwe lakwa‐Nefatali, n abantu wabafudusela e‐Asiriya.
30
Waza u‐Hosheha unyana ka‐Ela wenza ingcebiswano ngakuye u‐Pekahi unyana ka‐Remaliya, wambeta, wambulala, waba ngukumkani esikundleni sake, ngomnyaka wamashumi mabini ka‐Yotame unyana ka‐Huziya.
31
Nesisalela semicimbi ka‐Pekahi, nako konke abekwenza, bona ke, iba̔liwe yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli.
32
NGOMNYAKA wesibini ka‐Pekahi unyana ka‐Remaliya ukumkani wo‐Sirayeli, waba ngukumkani u‐Yotame unyana ka‐Huziya ukumkani wo‐Juda.
33
Ebeyiminyaka imashumi mabini anamihlanu ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesitandatu e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Yerusha, intombi ka‐Tsadoki.
34
Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova; njengako konke abekwenzile u‐Huziya uyise, wenje njalo.
35
Kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa; abantu basabinga baqumisa ezindaweni ezipakamileyo. Yena walaka isango lasentla lendlu kayehova.
36
Nesisalela semicimbi ka‐Yotame, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda?
37
Ngaleyomihla waqala uyehova ukutuma ngakwo‐Juda, u‐Retsine ukumkani we‐Siriya, no‐Pekahi unyana ka‐Remaliya.
38
Wada walala u‐Yotame noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide uyise; waza u‐Ahazi unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25