bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 23
2 Kings 23
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 24 →
1
Wandula watuma ukumkani; baza bahlanganisela kuye bonke abadala bo‐Juda ne‐Yerusaleme.
2
Wayenyuka ukumkani waya endlwini kayehova, nawo onke amadoda akwa‐Juda, nabo bonke abemi base‐Yerusaleme, kunye naye, nabaperisite, nabaprofite, nabo bonke abantu, kwa nabancinane nabakulu; waza walesesha ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yocebano, ebifunyenwe endlwini kayehova.
3
Wema ukumkani pezu kwendawo epezulu, wenza ucebano pambi kwoyehova, lwokuba kulandelwe uyehova, nokuba kugcinwe imiyalelo yake, nezinqi̔nelo zake, nezimiselo zake, ngayo yonke intliziyo, nangawo wonke umpefumlo, kufezwe amazwi olucebano aba̔liweyo kulencwadi. Bati bonke abantu bema kulo ucebano olo.
4
Waza ukumkani wayalela u‐Hilikiya umperisite omkulu, nabaperisite besesibini isaci, nabagcini bomnyango, ukuba bakupe etempileni kayehova zonke impahla ezibe zenzelwe u‐Bali, no‐Ashera, nawo wonke umkosi wezulu; wandula wazitshisa ngapandle kwe‐Yerusaleme ezindleni zase‐Kidrone, wasa ututu lwazo e‐Betele.
5
Kanjalo wabasusa ababingeli, abo okumkani bo‐Juda bebebamisele ukuba baqumise pezu kwendawo ezipakamileyo ezixekweni zakwa‐Juda, nasezindaweni ezingqongayo i‐Yerusaleme: kwa nabo baqumisayo ku‐Bali, na kulo ilanga, nakuyo inyanga, nakuzo izikwenkwezi zendlela yelanga, nakuwo wonke umkosi wezulu.
6
Nomfanekiso ka‐Ashera wawukupa endlwini kayehova, ngapandle kwe‐Yerusaleme, ngasemlanjaneni we‐Kidrone, wawutshisa emlanjaneni we‐Kidrone, wawukanda wada walutuli, waluposa utuli lwawo pezu kwamancw̔aba osapo lwabantu.
7
Wayezicita izindlu zengnawo, ezibe zingasendlwini kayehova, apo amankazana alukela u‐Ashera intente kona.
8
Waza wabavelisa bonke abaperisite ezixekweni zakwa‐Juda, wazinco̔lisa indawo ezipakamileyo, apo abaperisite bebequmisile kona, kutabata e‐Geba kude kwase‐Beresheba, wazicita indawo ezipakamileyo zasemasangweni, naleyo ebisemnyango wesango lika‐Yoshuwa inkosi yesixeko, ngasekohlo kwomntu esangweni lesixeko.
9
Kodwa abaperisite bendawo ezipakamileyo bebengenyuki ukuza esibingelweni sikayehova e‐Yerusaleme; koko bebesidla izonka ezingenagwele pakati kwabazalwana babo.
10
Wanco̔lisa ne‐Tofete, esesihlanjeni sonyana baka‐Hinome, ukuze kungabiko umntu odlulisayo unyana wake nentombi yake emlilweni pambi kwo‐Moleke.
11
Kanjalo wawasusa amahashe, lawo okumkani bo‐Juda bebewanikile elangeni, ekungenweni kwendlu kayehova, wawabeka enkambilini ka‐Natane‐meleke umbusi, ebisezindaweni zangapandle; nenqwelo zelanga wazitshisa ngomlilo.
12
Nezibingelo ezibe zipezu kwesifulelwa senkambili yapezulu ka‐Ahazi, ezibe zenziwe ngokumkani bo‐Juda, nezibingelo ezibe zenziwe ngu‐Manase emabaleni omabini endlu kayehova, waziwisa ukumkani, wazicita kwa kona, waluposa utuli lwazo emlanjaneni we‐Kidrone.
13
Nendawo ezipakamileyo ezibe zipambi kwe‐Yerusaleme, ezibe zingasekunene kwentaba yolwonakaliso, ezo u‐Solomone ukumkani wo‐Sirayeli ubezakele u‐Hashetorete, intshontsho yama‐Tsidone, no‐Kemoshe, intshontsho yama‐Mowabi, no‐Milikome, intshontsho yosapo luka‐Hamoni, wazinco̔lisa ukumkani.
14
Waziqekeza intsika zamatye, wazigaula i‐Ashera, wazalisa indawo zazo ngamatambo abantu.
15
Nakanjako isibingelo esibe sise‐Betele, n endawo epakamileyo ebe yenziwe ngu‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone, kwa nesibingelo eso nendawo epakamileyo leyo wazicita; waza wayitshisa indawo epakamileyo, wayikanda yada yalutuli, wawutshisa nomfanekiso ka‐Ashera.
16
Wati akubekabeka u‐Josiya, wabona amancw̔aba abekona entabeni apo, watuma ke, wasusa amatambo emancw̔abeni lawo, wawatshisa pezu kwesibingelo, wasinco̔lisa, njengelizwi likayehova elibe lishunyayelwe yindoda katixo, eyashumayelayo ezizinto.
17
Wandula wati: Yintsika nina le endiyibonayo? Aza ati kuye amadoda esixeko: Lincw̔aba lendoda katixo, eyavela kwa‐Juda, yashumayela ezizinto uzenzileyo ngakuso isibingelo sase‐Betele.
18
Wayesiti: Yiyekeni, makungashukunyiswa mntu amatambo ayo. Kwa njalo basindisa amatambo ayo, kunye namatambo omprofite owavela e‐Samariya.
19
Kanjako nazo zonke izindlu zendawo ezipakamileyo ezibe zisezixekweni zase‐Samariya, ezo okumkani bo‐Sirayeli bebezenzile ukumqumbisa u‐Yehova, wazisusa u‐Josiya, wenza kuzo njengazo zonke izenzo abezenzile e‐Betele.
20
Waza wababinga bonke abaperisite bendawo ezipakamileyo, ababekona, pezu kwezibingelo, watshisa amatambo abantu pezu kwazo; wada wabuyela e‐Yerusaleme.
21
Wandula ukumkani wabayalela bonke abantu, ngokuti: Bambani ipasika kuyehova, utixo wenu, njengokuba̔liweyo encwadini yocebano olu.
22
Ngenyaniso bekungabanjwanga ipasika enjengalé, kuselokwemihla yabagwebi abagwebayo o‐Sirayeli, nakuyo yonke imihla yokumkani bo‐Sirayeli, neyokumkani bo‐Juda;
23
kupela ngoweshumi linesibozo umnyaka wokumkani u‐Josiya, ekukuwo kwabanjwa lepasika kuyehova e‐Yerusaleme.
24
Kananjalo abenzelana nemishologu, namatola, neterafi, nezitixwana, nazo zonke izinto ezibuntshontsho ezibe zibonakala elizweni lakwa‐Juda nase‐Yerusaleme, wazisusa u‐Josiya; ukuze awafeze amazwi omteto abeba̔liwe encwadini, ebifunyenwe ngu‐Hilikiya umperisite endlwini kayehova.
25
Nanjengaye bekungeko ukumkani pambili kuye, owaguqukela kuyehova ngayo yonke intliziyo yake, nangawo wonke umpefumlo wake, nangawo onke amandla ake, njengawo wonke umteto ka‐Mosesi; nasemva kwake bekungavuki onjengaye.
26
Noko uyehova akaguquka ebushushwini bengqumbo yake enkulu, ebekungabo yavuta ingqumbo yake ngakuyo i‐Yerusaleme, ngenxa yazo zonke ingcapukiso abemcapukisile ngazo u‐Manase.
27
Wada wati uyehova: Kwa no‐Juda ndobakwelelisa ebusweni bam, njengokuba ndibakwelelisile o‐Sirayeli; ndandiya kulahla isixeko esi, i‐Yerusaleme endiyinyulileyo, nendlu endite ngayo: Igama lam loba kona.
28
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Josiya, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda?
29
Emihleni yake kwenyuka u‐Faro Neko ukumkani we‐Jipete, ukuya ngakuye ukumkani we‐Asiriya, ngasemlanjeni wom‐Ferate: waye ukumkani u‐Josiya wahamba ukuya kumkaulela; waza wambulala e‐Megido, nxa abembonile.
30
Zasuka izicaka zake zamkwelisa efile enqwelweni e‐Megido, zamzisa e‐Yerusaleme, zamncw̔aba kwelake incw̔aba. Bandula abantu belizwe batabata u‐Yehowahazi unyana ka‐Josiya, bamtambisa, bamenza ukumkani esikundleni soyise.
31
EBEYIMINYAKA imashumi mabini anesitatu u‐Yehowahazi ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani inyanga zantatu e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Hamutali, intombi ka‐Jeremiya, owase‐Libena.
32
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengako konke ababekwenzile oyise bake.
33
Koko u‐Faro Neko wamnxibayo e‐Ribela elizweni le‐Hamati, ukuze angabi ngukumkani e‐Yerusaleme; wati kanjalo wabeka pezu kwelizwe intlaulo yekulu letalente zesilivere, netalente inye yegolide.
34
Waza u‐Faro Neko wamenza u‐Eliyakime unyana ka‐Josiya ukumkani esikundleni sika‐Josiya uyise, waguqula igama lake libe ngu‐Yoyakime; no‐Yehowahazi wamtabata, owezayo e‐Jipete wafela kona.
35
Kekaloku isilivere leyo negolide leyo wayinika u‐Yoyakime ku‐Faro; kodwa walinganisa ilizwe, ukuba anike imali leyo ngomteto ka‐Faro; wayibanga isilivere negolide kubo abantu belizwe, abanye ngabanye njengokulinganiswa kwabo, ukuba ayinike ku‐Faro Neko.
36
Ebeyiminyaka imashumi mabini anamihlanu u‐Yoyakime ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinamnye e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Zebuda, intombi ka‐Pedaya, owase‐Ruma.
37
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengako konke ababekwenzile oyise bake.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25