bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 18
2 Kings 18
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 19 →
1
KWAZA kwati ngomnyaka wesitatu ka‐Hosheha unyana ka‐Ela ukumkani wo‐Sirayeli, waba ngukumkani u‐Hezekiya unyana ka‐Ahazi ukumkani wo‐Juda.
2
Ebeyiminyaka imashumi mabini anamihlanu ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani e‐Yerusaleme iminyaka yamashumi mabini anesitoba. Igama lonina belingu‐Abi, intombi ka‐Zekariya.
3
Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, njengako konke abekwenzile u‐Davide uyise.
4
Indawo ezipakamileyo wazisusa, nentsika zamatye waziqekeza, ne‐Ashera wazigaula, nenyoka yexina, owabeyenzile u‐Mosesi, wayikanda; ngokuba kwada kwayiyo imihla leyo usapo luka‐Sirayeli beluqumisile kuyo; wayibiza ngokuti yi‐Nehushetane.
5
Watembela kuye uyehova, utixo wo‐Sirayeli; kwaye kungeko emva kwake onjengaye pakati kwabo bonke okumkani bo‐Juda, na pakati kwabo abebeko pambili kuye.
6
Ngokuba ebenamatela kuyehova; akapambuka ekumlandeleni; wayigcina imiyalelo yake, leyo uyehova wamyalelayo u‐Mosesi.
7
Waye uyehova ebenaye; apo wapumela kona watamsanqeleka: kanjalo wavukela ngakuye ukumkani we‐Asiriya, waza akamkonza.
8
Wabeta ama‐Filistiya kwada kwase‐Gaza, nemida yayo, kwa kuyo inqaba yabalindi kude kwakuso isixeko esinqatyisiweyo.
9
Kwaza kwati ngomnyaka wesine wokumkani u‐Hezekiya, obungumnyaka wesixe̔nxe ka‐Hosheha unyana ka‐Ela ukumkani wo‐Sirayeli, wenyuka u‐Shalemanesere ukumkani we‐Asiriya ngakuyo i‐Samariya, wayivingcela.
10
Baza bayitimba ekupeleni kweminyaka mitatu; ngomnyaka wesitandatu ka‐Hezekiya, obungumnyaka wesitoba ka‐Hosheha ukumkani wo‐Sirayeli, yatinjwa i‐Samariya.
11
Wandula ukumkani we‐Asiriya wafudusela o‐Sirayeli e‐Asiriya, wababeka e‐Halahi, nase‐Habore, ngasemlanjeni we‐Gozane, nasezixekweni zama‐Medi:
12
ngenxa yokuba bebengapulapulanga ilizwi likayehova, utixo wabo, koko bagqitayo ucebano lwake, konke abeyalele ngako u‐Mosesi isicaka sikayehova; abeva, abenza nokwenza.
13
Kekaloku ngoweshumi linesine umnyaka wokumkani u‐Hezekiya, wenyuka u‐Senakeribe ukumkani we‐Asiriya ngakuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwa‐Juda, wazibamba.
14
Waza u‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda watumela kuye ukumkani we‐Asiriya e‐Lakishe, ukuti: Ndonile; buya kum; oko uya kukubeka pezu kwam ndokutwala. Wandula ukumkani we‐Asiriya wambekela u‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda amakulu matatu etalente zesilivere, namashumi matatu etalente zegolide.
15
Waza u‐Hezekiya wanika yonke isilivere ebifunyanwa endlwini kayehova, napakati kwendyebo zendlu yokumkani.
16
Ngexesha elo u‐Hezekiya wazinqumla ingcango zetempile kayehova, nentsika abezalekile u‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, igolide yazo, wayinika kuye ukumkani we‐Asiriya.
17
Kodwa ukumkani we‐Asiriya wasusa u‐Taretane, no‐Rabesarise, no‐Rabeshake, e‐Lakishe, ukuya nempi enkulu kukumkani u‐Hezekiya e‐Yerusaleme. Benyuka ke beza e‐Yerusaleme. Bati bakuba benyukile, beza bema ngakuwo umjelo wecibi lasentla, elingasemendweni wentsimi yomsuki.
18
Naxeshekweni babebizile ukumkani, kwapumela kubo u‐Eliyakime unyana ka‐Hilikiya, obepezu kwendlu, no‐Shibena umba̔li, no‐Jowahi unyana ka‐Safa umkumbuzi.
19
Waza u‐Rabeshake wati kubo: Ize niti ke ku‐Hezekiya: Utsho ukumkani omkulu, ukumkani we‐Asiriya, ukuti: Litemba elinina eli utemba ngalo?
20
Uti, (kanti lilizwi lomlomo wodwa), kuko icebo namandla ukulwa. Kaloku utemba kubanina, ukuba uvukele ngakum?
21
Kaloku bona ke, uyatemba kulomsimelelo wengcongolo etyumzekileyo, kwi‐Jipete; eti ukuba umntu uyayama ngayo, yandule ingene esandleni sake, isihlabe: unjalo u‐Faro ukumkani we‐Jipete kubo bonke abatembayo kuye.
22
Kodwa ukuba niti kum: Siyatemba kuyehova, utixo wetu; asi nguye na, ondawo zake ezipakamileyo nezibingelo zake u‐Hezekiya uzisusile, wati ko‐Juda nakwi‐Yerusaleme: Pambi kwaso isibingelo esi niya kutoba e‐Yerusaleme?
23
Ngako kaloku, uke ungene ekulweni nenkosi yam ukumkani we‐Asiriya, ndandiya kukunika amahashe angamawaka mabini, ukuba ungati ngecala lako unike abakweli pezu kwawo.
24
Woti nina pofu ukunqanda ubuso benkosana inye ezicakeni zenkosi yam ezincinane? Noko uyatemba kwi‐Jipete ngenxa yenqwelo nangenxa yabakweli bamahashe.
25
Kaloku, kungapandle kwoyehova na endinyukile ngakuyo lendawo, ndize ndiyitshabalalise? Uyehova ute kum: Nyuka ngakulo elilizwe, ulitshabalalise.
26
Wandula wati u‐Eliyakime unyana ka‐Hilikiya, no‐Shibena, no‐Jowahi, kuye u‐Rabeshake: Kautete kwizicaka zako ngesi‐Siriya, ngokuba sisiva tina; zungateti nati ngesi‐Juda, ezindlebeni zabantu abapezu kwodonga.
27
Koko u‐Rabeshake wati kubo: Kusenkosini yako na, nakuwe, inditumileyo inkosi yam ukuza kuteta lamazwi? asi kulamadoda na ahleliyo pezu kwodonga, ukuba atye elawo ilindle, nokuba asele owawo umtundo, kunye nani?
28
Waza wema u‐Rabeshake, wadanduluka ngelizwi elikulu ngesi‐Juda, wateta, wati: Yivani amazwi ake ukumkani omkulu, ukumkani we‐Asiriya!
29
Utsho ukumkani ukuti: Maningakohliswa ngu‐Hezekiya; ngokuba eya kukohlwa kukunisindisa esandleni sake.
30
Kanjako makangati u‐Hezekiya anitembise kuyehova, ngokuti: Uyehova wosisindisa ngenyaniso; na ngokuti: Esisixeko asisayi kunikelwa esandleni sokumkani we‐Asiriya.
31
Ningapulapuli ku‐Hezekiya; ngokuba esitsho ukumkani we‐Asiriya ukuti: Yenzani uxolo nam, nipumele kum, nitye abanye ngabanye kumti weveyine wabo, nabanye ngabanye kumkiwane wabo, nisele abanye ngabanye amanzi equla labo;
32
ndide ndize ndinise elizweni elinjengelizwe lenu, ilizwe lenqolowa neveyine, ilizwe lesonka nemiyezo yemiti yeveyine, ilizwe leoli yamanquma nobusi; ukuba nidle ubomi, ningafi nokufa: nize ningapulapuli ku‐Hezekiya, nxa anihendayo, esiti: Uyehova wosisindisa.
33
Otixo bentlanga bake balisindisa na abanye ngabanye ilizwe labo esandleni sokumkani we‐Asiriya?
34
bapina otixo base‐Hamati nabase‐Arapadi? bapina otixo base‐Sefarevayime, ne‐Hena, ne‐Hiva? kanene bayisindisile i‐Samariya esandleni sam na?
35
Ngobanina pakati kwabo bonke otixo bamazwe lawo, abalisindisileyo ilizwe labo esandleni sam, ukuba uyehova ayisindise i‐Yerusaleme esandleni sam?
36
Koko abantu bati cwaka, bengampendulanga nangazwi: ngokuba umyalelo wokumkani ubungowokuti: Aniyi kumpendula.
37
Kwandula kweza u‐Eliyakime unyana ka‐Hilikiya, obepezu kwendlu, no‐Shibena umba̔li, no‐Jowahi unyana ka‐Safa umkumbuzi, ku‐Hezekiya, benezivato eziṙazukileyo, bamshumayeza amazwi ka‐Rabeshake.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25