bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 11
2 Kings 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 12 →
1
KEKALOKU u‐Hataliya, unina ka‐Ahaziya, akubona ukuba unyana wake ufile, wandula wesuka wabubisa yonke inzalo yobukumkani.
2
Kodwa u‐Yehosheba, intombi yokumkani u‐Yorame, udade ka‐Ahaziya, wamtabata u‐Yohashe unyana ka‐Ahaziya, wamba̔ pakati kwonyana bokumkani ababebulewe, wambeka yena nomanyisikazi wake enkambilini yemandlalo: kwa njalo bamfihla ku‐Hataliya, ukuba wabengabulawa.
3
Wayeko naye endlwini kayehova ezimele kona iminyaka yamitandatu. Waza u‐Hataliya wapata ubukumkani pezu kwelizwe.
4
Kodwa ngomnyaka wesixe̔nxe watuma u‐Yoyada, watabata inkosi zamakulu, ezamadindili nezomlisela, wazingenisa kuye endlwini kayehova, walwenza ucebano nazo, wazifungisa endlwini kayehova, wazibonisa unyana wokumkani.
5
Waza waziyalela ngokuti: Nantsi indawo eniya kuyenza: esinye isiqingata sesitatu kuni eningenayo ngesabata, bona boba ngabagcini bokugcinwa kwendlu yokumkani;
6
nesinye isiqingata sesitatu, boba sesangweni le‐Sure; nesinye isiqingata sesitatu, boba sesangweni emva kwomlisela: kwa njalo niya kugcina ukugcinwa kwendlu, kuze kukweleliswe.
7
Kanjako izahlulo zibini pakati kwenu nonke enipumayo ngesabata, bona baya kugcina ukugcinwa kwendlu kayehova ngakuye ukumkani.
8
Naniya kujikelezela ukumkani ngokungqonga, abanye ngabanye benezixo̔bo zabo ezandleni zabo; nalowo ungenayo pakati kwamahlukahluka, makafiswe: nize nibeko nokumkani ekupumeni kwake nasekungeneni kwake.
9
Zaye zisenza inkosi zamakulu njengako konke abeyalele ngako u‐Yoyada umperisite, zatabata ezinye ngezinye amadoda azo, lawo abeya kungena ngesabata, kunye nalawo abeya kupuma ngesabata, zeza ku‐Yoyada umperisite.
10
Waza umperisite wanika kuzo inkosi zamakulu izikali namakaka, ezo ezibe zizezokumkani u‐Davide, ezibe zisendlwini kayehova.
11
Ati amadoda omlisela ema amanye ngamanye enezixo̔bo zawo ezandleni zawo, kwa kulo elokunene icala lendlu kwada kwakulo elokohlo icala lendlu, ngasesibingelweni nangasendlwini, kufupi nokumkani ngokungqonga.
12
Wandula wamkupa unyana wokumkani, wayibeka ikrone pezu kwentloko yake, wamnika nesinqi̔no; baza bamenza ukumkani, bamtambisa; kanjalo babambata izandla, bati: Makapile ukumkani!
13
Wati akuva u‐Hataliya intlokoma yomlisela ne yabantu, wasuka weza ebantwini endlwini kayehova.
14
Waza wakangela, kekaloku nankuya ukumkani emi pezu kwendawo epezulu, njengokuba isiko belinjalo, nenkosi nabanamaxilongo ngakuye ukumkani; bati bonke abantu belizwe bavuya, bavutela ngamaxilongo. Wandula u‐Hataliya waṙazula izivato zake, wabiza ngokuti: Yingcebiswano, yingcebiswano!
15
Koko u‐Yoyada umperisite wayalelayo inkosi zamakulu, abongama bempi, wati kuzo: Mkupeleni pandle kwamahlukahluka; nalowo umlandelayo nimfise ngeṙele. Ngokuba ebete umperisite: Makangafiswa endlwini kayehova.
16
Kwaza kwamkwelelwa amacala omabini; waya ngendlela yokungena kwamahashe ukuza endlwini yokumkani; wafiswa apo ke.
17
Wandula u‐Yoyada walwenza ucebano pakati kwoyehova nokumkani nabantu, ukuba babe ngabantu bakayehova; napakati kwokumkani nabantu.
18
Baza bangena bonke abantu belizwe endlwini ka‐Bali, bayicita: izibingelo zake nemifanekiso yake bakolisa ukuziqekeza, no‐Matane umperisite ka‐Bali bambulala pambi kwezibingelo. Wati umperisite kanjalo wamisa abalindi endlwini kayehova.
19
Wandula watabata inkosi zamakulu, namadindili, nomlisela, nabo bonke abantu belizwe, abehlayo nokumkani kuyo indlu kayehova, beza ngendlela yesango lomlisela endlwini yokumkani. Waza wahlala pezu kweterone yabo okumkani.
20
Baye bevuya bonke abantu belizwe, sati isixeko sanokwonwaba; no‐Hataliya bebemfisile ngeṙele ngasendlwini yokumkani.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25