bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 24
2 Kings 24
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 25 →
1
Emihleni yake kwenyuka u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, waza u‐Yoyakime waba ngumkonzi kuye iminyaka yamitatu: wandula wajika, wavukela ngakuye.
2
Waza uyehova watuma ngakuye amabandla ama‐Kaledine, namabandla ama‐Siriya, namabandla ama‐Mowabi, namabandla osapo luka‐Hamoni, wawatuma ngakubo o‐Juda ukubatshabalalisa, njengelizwi likayehova, owalitetayo ngezicaka zake abaprofite.
3
Ngenyaniso bekungomteto kayehova kwehlayo lento pezu kwo‐Juda, ukuba abakwelelise ebusweni bake, ngenxa yezono zika‐Manase, njenjako konke abekwenzile;
4
nangenxa yegazi elingenatyala owabelipalazile: ngokuba ebezalisile i‐Yerusaleme ngegazi elingenatyala: ngako ebengavumi uyehova ukuxolela.
5
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Yoyakime, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda?
6
Wada walala u‐Yoyakime noyise bake; waza u‐Yoyakine unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
7
Waye ukumkani we‐Jipete engasapindi ukupuma elizweni lake; ngokuba ukumkani we‐Babilone ebetabatile ilizwe, kwa kuwo umlambo wase‐Jipete kude kwakuwo umlambo wom‐Ferate, lonke elibe lilelokumkani we‐Jipete.
8
EBEYIMINYAKA ilishumi elinesibozo u‐Yoyakine ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani inyanga zantatu e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Nehusheta, intombi ka‐Elinatane, owase‐Yerusaleme.
9
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengako konke abekwenzile uyise.
10
Ngeloxesha kwenyuka izicaka zika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ngakuyo i‐Yerusaleme; saza isixeko sangena ekuvingcelekeni.
11
Weza no‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ngakuso isixeko, nxa izicaka zake bezisivingcela.
12
Wada u‐Yoyakine ukumkani wo‐Juda wapumela kuye ukumkani we‐Babilone, yena, nonina, nezicaka zake, nenkosana zake, nababusi bake: waye ukumkani we‐Babilone wambamba ngomnyaka wesibozo wobukumkani bake.
13
Wandula wazipumisa kona zonke indyebo zendlu kayehova, nendyebo zendlu yokumkani, wazihlahla zonke impahla zegolide ezibe zenziwe ngu‐Solomone ukumkani wo‐Sirayeli etempileni kayehova, njengokuba uyehova ebetshilo.
14
Waza wafudusa yonke i‐Yerusaleme, nazo zonke inkosana, nawo onke amagoṙa abuṙoti, ishumi lamawaka amatinjwa, nazo zonke incibi nabakandi; akwasala mntu, ngapandle kwawo amahlwempu abantu belizwe.
15
Kwa njalo wamfudusela u‐Yoyakine e‐Babilone; nonina wokumkani, nabafazi bokumkani, nababusi bake, nabakulu belizwe, wabemkisa e‐Yerusaleme ukuya ekutinjweni e‐Babilone:
16
nawo onke amadoda obuṙoti, amawaka asixe̔nxe, nencibi nabakandi, iwaka linye, bonke abangamagoṙa eqelene nokulwa, kwa naba wabazisa ukumkani we‐Babilone ekutinjweni e‐Babilone:
17
waza ukumkani we‐Babilone wamenza u‐Mataniya, uyisekazi wake, ukumkani esikundleni sake, waguqula igama lake libe ngu‐Zedekiya.
18
EBEYIMINYAKA imashumi mabini anamnye u‐Zedekiya ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinamnye e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Hamutali, intombi ka‐Jeremiya, owase‐Libena.
19
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengako konke abekwenzile u‐Yoyakime.
20
Ngokuba ngayo ingqumbo kayehova kweza oku pezu kwe‐Yerusaleme napezu kwo‐Juda, wada wabalahla ebusweni bake, ukuba u‐Zedekiya wavukela ngakuye ukumkani we‐Babilone.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 25 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25