bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 12
2 Kings 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 13 →
1
EBEYIMINYAKA isixe̔nxe u‐Yehohashe ubudala bake, akuba ngukumkani. Ngomnyaka wesixe̔nxe ka‐Jehu waba ngukumkani u‐Yehohashe, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mane e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Tsibiya, owase‐Beresheba.
2
Waye u‐Yehohashe esenza okufaneleyo emehlweni kayehova yonke imihla yake, leyo wabemfundisa ngayo u‐Yoyada umperisite.
3
Kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa: abantu basabinga baqumisa ezindaweni ezipakamileyo.
4
Wada wati u‐Yehohashe kubaperisite: Yonke imali yezinto ezingcwele eziswayo endlwini kayehova, imali yalowo ugqitela kwababalweyo, n emali yeziqu esinye ngesinye njeng okulinganiswa kwaso, nayo yonke imali ekungena entliziyweni yomntu ukuyizisa endlwini kayehova,
5
mabati abaperisite bayitabatele kubo, besamkela abanye ngabanye kubazane babo; bandule balungise intanda zendlu, apo kusukuba kuya kufunyanwa kona intanda.
6
Kodwa kwakute ngomnyaka wamashumi mabini anesitatu wokumkani u‐Yehohashe, abaperisite bebengalungisanga intanda zendlu.
7
Wandula ukumkani u‐Yehohashe wabiza u‐Yoyada umperisite, n abanye abaperisite, wati kubo: Kunganina ukuba ningazilungisi intanda zendlu? ngako kaloku ningabi ni s amkela imali kubazane benu, koko yinikeleni intanda zendlu.
8
Bavuma ke abaperisite ukuba bangabi be s amkela imali ebantwini, nokuba bangalungisi intanda zendlu.
9
Kodwa u‐Yoyada umperisite watabata ityeya, wajigija intunja esicikweni sayo, wayibeka ngasesibingelweni, ngecala lasekunene ekungeneni kwomntu endlwini kayehova; baza abaperisite abagcinayo umnyango bafaka kona yonke imali ebiziswa kuyo indlu kayehova.
10
Kwabekute, xeshekweni babona ukuba imali etyeyeni ininzi, kwenyuka umba̔li wokumkani nomperisite omkulu, bayibopa, bayibala imali ebifunyanwa endlwini kayehova.
11
Baza bayinika imali seilinganisiwe ezandleni zabawenzayo umsebenzi, ababe bonganyisiwe pezu kwendlu kayehova; bati bona bayikupela kwincibi zemiti nakubaki, ababesebenza endlwini kayehova,
12
nakubenzi bendonga, nakubabazi bamatye, nokuba kutengwe imiti namatye aqandulweyo, kuze kulungiswe intanda zayo indlu kayehova, nangenxa yako konke okube kukutshelwa indlu ukuyilungisa.
13
Kodwa bekungenzelwa indlu kayehova izikotile zesilivere, izicimo, izitya zokufefela, amaxilongo, enye impahla yegolide, nenye impahla yesilivere, ngemali ebiziswa kuyo indlu kayehova:
14
koko banikayo yona kwabo bawenzayo umsebenzi; baye belungisa ngayo indlu kayehova.
15
Kanjako ababuza amadoda, abayinikayo imali leyo ezandleni zawo, ukuba anike kwabenzayo umsebenzi; ngokuba wona ebesenza ngenyaniso.
16
Imali yetyala, nemali yezono, yona ibingaziswa endlwini kayehova; ibiyeyabaperisite.
17
Okuya wenyuka u‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya, walwa ngakuyo i‐Gate, wayitimba: wandula u‐Hazayeli wabeka ubuso bake ukuya kunyuka ngakuyo i‐Yerusaleme.
18
Koko u‐Yehohashe ukumkani wo‐Juda watabata zonke izinto ezingcwele ababezingcwalisile u‐Yehoshafate, no‐Yehorame, no‐Ahaziya, oyise bake, okumkani bo‐Juda, nezake izinto ezingcwele, nayo yonke igolide ebifunyanwa pakati kwendyebo zendlu kayehova nezendlu yokumkani, wazituma ku‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya: waza wenyuka engayi e‐Yerusaleme.
19
Nesisalela semicimbi ka‐Yohashe, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda?
20
Zaye zisuka izicaka zake, zenza ingcebiswano, zambulala u‐Yohashe endlwini ye‐Milo, eyehlayo ngase‐Sila:
21
ngokuba u‐Yozakare unyana ka‐Shimehate, no‐Yehozabadi unyana ka‐Shomere, izicaka zake, bambeta, wada wafa; baza bamncw̔aba noyise bake esixekweni sika‐Davide: wati u‐Amatsiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25