bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 20
2 Kings 20
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 21 →
1
NGALOMIHLA wabesifa u‐Hezekiya wada waza kububa. Wandula weza kuye u‐Yisaya unyana ka‐Amotse, umprofite, wati kuye: Utsho uyehova ukuti: Yolela indlu yako; ngokuba uya kububa wena, akuyi kupila.
2
Waza wasonga ubuso bake ngaseludongeni, watandaza kuyehova, esiti:
3
Ke, Yehova! uze ukumbulele okokuba ndihambile ebusweni bako ngenyaniso nangentliziyo ekolisekileyo, nokuba ndikwenzile okulungileyo emehlweni ako. Waza u‐Hezekiya walila ngokulila okukulu.
4
Kwaye kute, nxa u‐Yisaya ebengekapumanga kwesapakati isixeko, kweza ilizwi likayehova kuye, lisiti:
5
Buya, uye uti ku‐Hezekiya inkosi yabantu bam: Utsho uyehova, utixo ka‐Davide uyihlo wako, ukuti: Ndivile umtandazo wako, ndibonile inyembezi zako; bona ke, ndiya kukupilisa: ngomhla wesitatu uya kunyuka uye endlwini kayehova:
6
ndandiya kwongeza emihleni yako iminyaka ilishumi linesihlanu; ndiya kusindisa wena, nesixeko esi, esandleni sokumkani we‐Asiriya; ewe ndosikusela esisixeko ngenxa yokwam, nangenxa ka‐Davide isicaka sam.
7
Wandula wati u‐Yisaya: Tabatani isimba lamakiwane. Baza balitabata, balibeka pezu kwetumba, wapila ke.
8
Kekaloku u‐Hezekiya ebete ku‐Yisaya: Umqondiso uyinto nina wokuba uyehova wondipilisa, nokuba ndiya kunyuka ndiye endlwini kayehova ngomhla wesitatu?
9
Waza wati u‐Yisaya: Oku kwoba ngumqondiso kuwe uvela kuyehova, wokuba uyehova uya kwenza lento ayitetileyo: Isitunzi siya kuhamba izinyuko ezilishumi, siya kubuya izinyuko ezilishumi, kusinina?
10
Wayesiti u‐Hezekiya: Kuyinto elula yokuba isitunzi sihle izinyuko ezilishumi; hai, kambe, masibuye isitunzi ngomva izinyuko ezilishumi.
11
Waza wabiza u‐Yisaya umprofite kuyehova; owabuyisa isitunzi ngomva izinyuko zalishumi, ngezinyuko esibe sihlile ngazo pezu kwelitye lokuxela ixesha lika‐Ahazi.
12
Ngeloxesha watuma u‐Berodaki?-?baladane, unyana ka‐Baladane, ukumkani we‐Babilone, incwadi nebaso ku‐Hezekiya: ngokuba ebevile ukuba u‐Hezekiya ubesifa.
13
Waye u‐Hezekiya epulapula kubo, wababonisa yonke indlu yake yokubekela, isilivere, negolide, nezimnandi, neoli enqabileyo, nayo yonke indlu yezixo̔bo zake, nako konke okube kufunyanwa pakati kwendyebo zake: akwabiko nto endlwini yake, nakubo bonke ubukosi bake, abebengaboniswa yona ngu‐Hezekiya.
14
Wandula weza u‐Yisaya umprofite kukumkani u‐Hezekiya, wati kuye: Ate nina lamadoda? avela pina ukuza kuwe? Wati u‐Hezekiya: Avele elizweni elikude, e‐Babilone.
15
Waza wati: Yinto nina ayibonileyo endlwini yako? Wayesiti u‐Hezekiya: Konke okusendlwini yam akubonile; akuko nto pakati kwendyebo zam endingawabonisanga yona.
16
Wandula wati u‐Yisaya ku‐Hezekiya: Yiva ilizwi likayehova.
17
Bona ke, imihla iyeza, kwakuba konke okusendlwini yako, noko bakubekeleyo oyihlo bako kwada kwanamhla nje, kuya kusiwa e‐Babilone; akuyi kusala nento, utsho uyehova.
18
Nakubo onyana bako abaya kupuma kuwe, abo uya kubazala, baya kususa inxenye; babeya kuba ngababusi eluxandeni lwokumkani we‐Babilone.
19
Waza wati u‐Hezekiya ku‐Yisaya: Lilungile ilizwi likayehova, elo ulitetileyo. Wati kanjako: Alinjalo na, nxa kuya kubako uxolo nenyaniso emihleni yam?
20
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Hezekiya, nawo onke amandla ake, nokuba wati nina ukwenza icibi, nomjelo, nokungenisa amanzi esixekweni, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda?
21
Wada u‐Hezekiya walala noyise bake; waza u‐Manase unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25