bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 16
2 Kings 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 17 →
1
Ngomnyaka weshumi linesixe̔nxe ka‐Pekahi unyana ka‐Remaliya, waba ngukumkani u‐Ahazi unyana ka‐Yotame ukumkani wo‐Juda.
2
Ebeyiminyaka imashumi mabini u‐Ahazi ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesitandatu e‐Yerusaleme; waye engenzi okufaneleyo emehlweni kayehova, utixo wake, njengaye u‐Davide uyise.
3
Ngokuba ebehamba endleleni yokumkani bo‐Sirayeli; ewe, nonyana wake wamdlulisa emlilweni, njengento ezibuntshontsho zabaheyideni, abo wabagqogqayo uyehova pambi kwosapo luka‐Sirayeli.
4
Wabinga waqumisa ezindaweni ezipakamileyo, napezu kwenduli, nangapantsi kwayo yonke imiti eluhlaza.
5
Oko wenyuka u‐Retsine ukumkani we‐Siriya, no‐Pekahi unyana ka‐Remaliya ukumkani wo‐Sirayeli, ukuya e‐Yerusaleme, kuze kuliwe: baza bamvingcela u‐Ahazi, kodwa bakohlwa kukwoyisa.
6
Ngeloxesha u‐Retsine ukumkani we‐Siriya wabuyisela i‐Elate kuma‐Siriya, wawagxota ama‐Juda e‐Elate; andula ama‐Siriya eza e‐Elate, ahlala kona kude kwanamhla nje.
7
Waza u‐Ahazi watuma izigidimi ukuya ku‐Tigilate‐pilesere ukumkani we‐Asiriya, esiti: Mna ndingumkonzi wako nonyana wako; nyuka, uze undisindise esandleni sokumkani we‐Siriya, nasesandleni sokumkani wo‐Sirayeli, abasukelayo ngakum.
8
Kanjako watabata u‐Ahazi isilivere negolide ebifunyanwa endlwini kayehova, napakati kwendyebo zendlu yokumkani, watumela ukumkani we‐Asiriya ibaso.
9
Waza ukumkani we‐Asiriya wapulapula kuye: wenyuka ke ukumkani we‐Asiriya ngakuyo i‐Damakusi, wayibamba, n abantu wabafudusela e‐Kire, no‐Retsine wambulala.
10
Wasuka ukumkani u‐Ahazi waya ukumkaulela u‐Tiligate‐pilesere ukumkani we‐Asiriya e‐Damakusi, wabona isibingelo esibe sise‐Damakusi; wandul’ ukutuma ukumkani u‐Ahazi ku‐Huriya umperisite isimilo sesibingelo eso, nomfanekiselo waso, njengalo lonke isetyenzwa laso.
11
Waza u‐Huriya umperisite waka isibingelo, njengako konke abekususile ukumkani u‐Ahazi e‐Damakusi: wenje njalo u‐Huriya umperisite, engekaveli ukumkani u‐Ahazi e‐Damakusi.
12
Wati akuvela ukumkani e‐Damakusi, wandula ukumkani wasibona isibingelo; waza ukumkani wasondela kuso isibingelo, wanikela pezu kwaso.
13
Watshisa idini lokutshiswa lake, nomnikelo wokudla wake, watulula umnikelo wokusela wake, wasasaza igazi leminikelo yoxolo yake, pezu kwesibingelo eso.
14
Nesibingelo sexina, esibe sipambi kwoyehova, wasikwelelisa kuwo umpambili wendlu, kwa pakati kwesibingelo nendlu kayehova, wasibeka ngasecaleni lesibingelo ngasenode.
15
Wandula ukumkani u‐Ahazi wamyalela u‐Huriya umperisite, ngokuti: Pezu kwesibingelo esikulu tshisa idini lokutshiswa lokusa, nomnikelo wokudla wokuhlwa, nedini lokutshiswa lokumkani, nomnikelo wokudla wake, nedini lokutshiswa labo bonke abantu belizwe, nomnikelo wokudla wabo, neminikelo yokusela yabo; nalo lonke igazi ledini lokutshiswa, nalo lonke igazi lombingo, lisasaze pezu kwaso: nesibingelo sexina ndiya kuzindla ngaso.
16
Waza u‐Huriya umperisite wenza ngako konke abemyalele kona ukumkani u‐Ahazi.
17
Kanjako ukumkani u‐Ahazi wazinqumla indini zezikondo, wasisusa isihlambelo kwa pezu kwazo; nolwandle walutula ezinkabini zexina ezibe zipantsi kwalo, walubeka pezu kwesicwangciswa samatye.
18
Nentendelezo efulelweyo yesabata, abebeyakile ngasendlwini, nendawo yokungena yokumkani engapandle, wazishenxisa kuyo indlu kayehova ngenxa yokumkani we‐Asiriya.
19
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Ahazi, oko wakwenzayo, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda?
20
Wada walala u‐Ahazi noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide; waza u‐Hezekiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25