bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 5
2 Kings 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 6 →
1
KEKALOKU u‐Nahamane, inkosi yomkosi wokumkani we‐Siriya, ebeyindoda enkulu ebusweni benkosi yake, nebekekileyo, ngokuba uyehova wabenikile ngaye ulwoyiso kuma‐Siriya; wayeyindoda eligoṙa elikalipileyo kanjalo, kodwa ebelileperi.
2
Aye ama‐Siriya ebepumile ngamabandla, atimba elizweni lakwa‐Sirayeli intombazana encinane, ebikonza umfazi ka‐Nahamane.
3
Yayisiti kuyo inkosikazi yayo: Ayaba inkosi yam yabisebusweni bomprofite ose‐Samariya! oko ebeya kuyipilisa kuso isilepero sayo.
4
Wandula wangena, wayixelela inkosi yake, esiti: Ngokunje nangokunje itetile intombazana ebivela ezweni lakwa‐Sirayeli.
5
Waza wati ukumkani we‐Siriya: Hamba, uye, ndandiya kutuma incwadi kukumkani wo‐Sirayeli. Wasuka wahamba, watabata esandleni sake ishumi letalente zesilivere, namawaka matandatu amaqosha egolide, neshumi lezivato zokuguqulelana.
6
Wada wayizisa incwadi leyo kukumkani wo‐Sirayeli, isiti: Kekaloku yakufika lencwadi kuwe, bona ke, senditumile kuwe isicaka sam u‐Nahamane, ukuze umpilise kuso isilepero sake.
7
Kwaza kwati, xeshekweni ukumkani wo‐Sirayeli abeleseshile incwadi, wandula waṙazula izivato zake, wati: Ndinguye utixo na ukufisa nokudlisa ubomi, ukuba lo utumile kum, ukuze ndipilise indoda kuso isilepero sayo? ngako oko gqalani ke, nibone okokuba uyafuna ituba ngakum.
8
Kwabekute, akuba evile u‐Elisha, indoda katixo, ukuba ukumkani wo‐Sirayeli uṙazule izivato zake, waza watuma kukumkani, ukuti: Kunganina ukuba uziṙazulile izivato zako? makeze ke kum, waeya kukwazi ukuba kuko umprofite kwa‐Sirayeli.
9
Wandula u‐Nahamane weza namahashe ake nenqwelo yake, wema ngaselucangweni lwendlu ka‐Elisha.
10
Waza u‐Elisha watuma isigidimi kuye, esiti: Hamba uhlambe amaxesha abe sixe̔nxe e‐Yoredane, yaiya kubuya inyama yako ize kuwe, wauya kuhlambuluka.
11
Kodwa waqumba u‐Nahamane, wemka, wati: Bona ke, bendisiti pakati kwam, woka apumele kum, eme, abize ngegama likayehova, lotixo wake, ashukumise isandla sake pezu kwendawo, apilise ileperi:
12
i‐Abana ne‐Farepare, imilambo yase‐Damakusi, ayilungile na yona kuwo onke amanzi akwa‐Sirayeli? andingehlambe kuyo na, ndihlambuluke? Wajika ke, wemka ngomsindo.
13
Zaza zasondela izicaka zake, zateta kuye, zati: Bawo! ukuba umprofite ebetetile kuwe into enkulu, ubungayi kuyenza na? kangakananina ngakumbi ke nxa ate kuwe: Hlamba, uhlambuluke.
14
Wandula wehla, wazintywilisa e‐Yoredane amaxesha asixe̔nxe, njengelizwi lendoda katixo: yaza yabuya inyama yake, yaba njengenyama yomntwana omncinane, wahlambuluka ke.
15
Wasuka wabuyela endodeni katixo, yena nawo wonke umkosi wake, weza, wema pambi kwayo, wati: Bona ke, kaloku ndiyazi ukuba akuko utixo kuwo wonke umhlaba, kupela kwa‐Sirayeli: ngako kaloku, zulamkele itamsanqa esicakeni sako.
16
Kodwa yati: Ehleli nje uyehova, endimi pambi kwake, andiyi kwamkela nalinye! Waza wayiqu̔ba ukuba ilamkele; koko yalayo.
17
Wandula wati u‐Nahamane: Sekungayi kunikwa ke na kwisicaka sako umtwalo womhlaba olingana nowesibini samaqwaṙaṙa? ngokuba isicaka sako singayi kubuya senze idini lokutshiswa nombingelelo kotixo bambi, siya kwenza kuyehova kupela:
18
wanga uyehova angasixolela isicaka sako lento: xeshekweni inkosi yam iya kungena endlwini ka‐Rimone ukuzitoba kona, ize yayame pezu kwesandla sam, ndandule ndizitobe nam endlwini ka‐Rimone; xeshekweni ndiya kuzitoba endlwini ka‐Rimone, wanga uyehova angasixolela isicaka sako ngalento.
19
Yayisiti kuye: Hamba ngoxolo. Waya wemka kuyo umgama omncinane.
20
Waza wati u‐Gehazi, isicaka sika‐Elisha indoda katixo: Bona ke, inkosi yam imyekile u‐Nahamane, lom‐Siriya, ukuba ingamkelanga esandleni sake oko wabesiza nako; kodwa, ehleli nje uyehova, ndiya kubaleka emva kwake, ndamkele intwana kuye.
21
Kwa njalo u‐Gehazi wamputuma u‐Nahamane. Waza u‐Nahamane, akumbona ebaleka emva kwake, wahlika enqwelweni ukuya kumkaulela, wati: Kulungile na?
22
Wayesiti: Kulungile; inkosi yam inditumile ukuti: Bona ke, kwa kaloku nje bafikile kum amadodana amabini evela entabeni yakwa‐Frayime kubo onyana babaprofite; kaunike kuwo italente yesilivere ibe nye, nezivato zokuguqulelana zibe zibini.
23
Waza wati u‐Nahamane: Vuma, tabata italente zibe mbini. Wamqu̔ba ke, wabopa italente zesilivere zambini ezidleni zibini, nezivato zokuguqulelana zazibini, wazibeka pezu kwesibini sezicaka zake, ezatwala pambi kwake.
24
Wati akufika endulini, wazitabata ezandleni zazo, wazibekela endlwini; waza wawandulula amadoda, emka ke.
25
Kodwa yena wangena, wema pambi kwenkosi yake. Waza u‐Elisha wati kuye: Uvela pina, Gehazi? Wayesiti: Isicaka sako besingayanga nalapa napaya.
26
Koko wati kuye: Ibingayi nawe na intliziyo yam, xeshekweni indoda leyo yajika enqwelweni yayo ukuza kukukaulela? lixesha na lokwamkela isilivere, nelokwamkela izivato, nemiyezo yeminquma, nezitiya zemiti yeveyine, negusha, nenkabi, nezicaka, nezicakakazi?
27
Ngako isilepero sika‐Nahamane sonamatela kuwe, nakuyo inzalo yako kude kube ngunapakade. Waza wapuma ebusweni bake elileperi, emhlope njengengqweqwe.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25