bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 22
2 Kings 22
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 23 →
1
EBEYIMINYAKA asibozo u‐Josiya ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi matatu anamnye e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Yedida, intombi ka‐Hadaya, owase‐Botsekate.
2
Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, wahamba kuyo yonke indlela ka‐Davide uyise, engapambukelanga nangasekunene nangasekohlo.
3
Kwaye kute ngoweshumi linesibozo umnyaka wokumkani u‐Josiya, watuma ukumkani u‐Shafane, unyana ka‐Atsaliya, unyana ka‐Meshulame, umba̔li, ukuya endlwini kayehova, esiti:
4
Nyuka uye ku‐Hilikiya umperisite omkulu, ukuze abale imali ezisiweyo endlwini kayehova, leyo abagcini bomnyango bayibutile ebantwini;
5
bandule bayinike esandleni sabo bawenza umsebenzi, sabo bonganyisiweyo pezu kwendlu kayehova; bati ke bona bayinike kubo abawenza umsebenzi osendlwini kayehova, ukuze kulungiswe intanda zendlu,
6
kwincibi zemiti nakubaki, nakubenzi bendonga, nokuba kutengwe imiti, namatye aqandulweyo, ukuze kulungiswe indlu.
7
Kodwa ababuzwa ngemali ebinikwa esandleni sabo, ngokuba bebesenza bona ngenyaniso.
8
Waza u‐Hilikiya umperisite omkulu wati kuye u‐Shafane umba̔li: Incwadi yomteto ndiyifumene endlwini kayehova. Wandula u‐Hilikiya wayinika incwadi leyo ku‐Shafane, owayileseshayo.
9
Wasuka u‐Shafane, umba̔li weza kukumkani, wamzisela ukumkani impendulo, wati: Izicaka zako zikupile imali ebifunyanwa endlwini, zayinika esandleni sabo bawenza umsebenzi, sabo bonganyisiweyo pezu kwendlu kayehova.
10
Waye kanjalo u‐Shafane umba̔li wayeshumayela kukumkani, esiti: Ndinikiwe incwadi ngu‐Hilikiya umperisite. Waza u‐Shafane wayilesesha ebusweni bokumkani.
11
Kwaye kute, xeshekweni ukumkani wevayo amazwi omteto, waṙazula izivato zake.
12
Wandula ukumkani wayalela u‐Hilikiya umperisite, no‐Ahikame unyana ka‐Shafane, no‐Hakebore unyana ka‐Mikaya, no‐Shafane umba̔li, no‐Hasaya isicaka sokumkani, ngokuti:
13
Hambani, niye nibuze kuyehova ngenxa yam, nangenxa yabantu, nangenxa yo‐Juda bonke, pezu kwamazwi alencwadi ifunyenweyo: ngokuba umkulu umsindo kayehova ovutayo ngakuti, ngokokuba obawo betu bengapulapulanga kuwo amazwi alencwadi, ukwenza ngako konke okuba̔liweyo ngati.
14
Wayehamba u‐Hilikiya umperisite, no‐Ahikame, no‐Hakebore, no‐Shafane, no‐Hasaya, ukuya ku‐Hulida umprofitekazi, umfazi ka‐Shalume, unyana ka‐Tikeva, unyana ka‐Harehase, umgcini wezivato; (waye yena ehlala e‐Yerusaleme, kwesesibini isahlulo sayo;) baza bateta naye.
15
Wayesiti kubo: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Yitini kwindoda enitumileyo ukuza kum:
16
Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa ilishwa pezu kwalendawo, napezu kwabemi bayo, onke amazwi encwadi ayileseshileyo ukumkani wo‐Juda:
17
ngenxa yokuba bendishiyile, nokuba bequmisile kotixo bambi, ukuze bandiqumbise ngako konke ukwenza kwezandla zabo; ngako umsindo wam uya kuvuta ngakuyo lendawo, ungacinywa ke.
18
Kodwa kukumkani wo‐Juda, onitumileyo ukuza kubuza kuyehova, niya kutsho kuye ngokuti: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Amazwi uwavileyo, —
19
ngokokuba intliziyo yako ibitambile, nokuba wazigoba pambi kwoyehova, wakukuva oko enditetile kona pezu kwalendawo, napezu kwabemi bayo, ukuba babe yingcitakalo nesiqalekiswa, waṙazula izivato zako, walila nokulila ebusweni bam; kanjalo nam ndikuvile wena, utsho uyehova.
20
Ngako oko, bona ke, ndiya kukubutela koyihlo bako, wauya kubutelwa encw̔abeni lako ngoxolo; namehlo ako wona akayi kubona lonke ilishwa endiya kulizisa pezu kwalendawo. Baza bamzisela ukumkani impendulo.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25