bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 9
2 Kings 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 10 →
1
WANDULA u‐Elisha umprofite wabiza omnye konyana babaprofite, wati kuye: Binqa isinqe sako, utabate eligutyana leoli esandleni sako, uye e‐Ramote yase‐Gileyadi:
2
uti wakufika kona, umkangelele apo u‐Jehu, unyana ka‐Yehoshafate, unyana ka‐Nimshi, ungene, umenze asuke pakati kwabazalwana bake, umzise enkambilini yapakati;
3
uze utabate igutyana leoli, uyigalele pezu kwentloko yake, uti: Utsho uyehova ukuti: Ndikutambisile ube ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli. Wandule uvule ucango, usabe, ungalibali.
4
Yasuka indodana leyo, indodana engumprofite, yaya e‐Ramote yase‐Gileyadi.
5
Kekaloku yakufika, bona ke, inkosi zempi zibe zihleli kona; yaza yati: Ndinelizwi kuwe, nkosi! Wati u‐Jehu: Kuwupina kuti sonke? Yayisiti: Kuwe, nkosi!
6
Wesuka ke, wangena endlwini; yaza yayigalela ioli pezu kwentloko yake, yati kuye: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ndikutambisile ube ngukumkani pezu kwabantu bakayehova, pezu kwo‐Sirayeli:
7
wauya kubeta indlu ka‐Ahabi inkosi yako, ukuba ndipindezele igazi lezicaka zam abaprofite, negazi lazo zonke izicaka zikayehova, esandleni sika‐Jezebele:
8
ngokuba yonke indlu ka‐Ahabi iya kutshabalala; ndandiya kunqamlela u‐Ahabi lowo unobudoda, nalowo uvaliweyo nalowo ukululekileyo, kwa‐Sirayeli;
9
ndenze indlu ka‐Ahabi njengayo indlu ka‐Jerobome unyana ka‐Nebati, nanjengayo indlu ka‐Bahasha unyana ka‐Ahiya:
10
no‐Jezebele izinja ziya kumdla enqeleni yase‐Yezerele, kungayi kubako namnye ukumncw̔aba. Yaza yavula ucango, yabaleka.
11
Wandula u‐Jehu wapumela kuzo izicaka zenkosi yake; kwaza kwatiwa kuye: Kulungile na? ebezela nina kuwe elogeza? Wayesiti kuzo: Niyayazi indoda leyo, nokuteta kwayo.
12
Koko zati: Uyaxoka; sixelele kambe. Wayesiti: Njengokunje nanjengokunje yateta kum, isiti: Utsho uyehova ukati: Ndikutambisile ube ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli.
13
Zaza zanxama ke, zatabata ezinye ngezinye ingubo yazo, zayibeka ngapantsi kwake kwa pezu kwezinyukelo, zavutela ngexilongo, zati: Uba ngukumkani u‐Jehu!
14
Wandula u‐Jehu, unyana ka‐Yehoshafate, unyana ka‐Nimshi, wenza ingcebiswano ngakuye u‐Yorame. (Kekaloku u‐Yorame wabegcina i‐Ramote yase‐Gileyadi, yena no‐Sirayeli bonke, ngenxa ka‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya;
15
kodwa ebebuyile u‐Yorame ukumkani ukuya kupoliswa e‐Yezerele emanxebeni abewenzelwe ngama‐Siriya ekulweni kwake no‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya.) Wayesiti u‐Jehu: Ukuba kungumxe̔lo wenu, makangapumi osindileyo esixekweni ukuya kushumayela oku e‐Yezerele.
16
Waza wakwela u‐Jehu enqwelwaneni, wahambela e‐Yezerele; ngokuba u‐Yorame ebelele kona. Kanjalo u‐Ahaziya ukumkani wo‐Juda ebehlile ukuza kumbona u‐Yorame.
17
Kekaloku umlindi ebemi pezu kwenqaba e‐Yezerele, owabona isihlwele sika‐Jehu ekuzeni kwake, wati: Ndiyabona isihlwele mna. Waza wati u‐Yorame: Tabata umkweli, umtume ukuya kubakaulela, aze ati: Luxolo na?
18
Wasuka waya umkweli wehashe ukumkaulela, wati: Utsho ukumkani ukuti: Luxolo na? Wayesiti u‐Jehu: Uxolo luyinto nina kuwe? jikela ngasemva kwam. Waxela umlindi, esiti: isigidimi seza kubo, kodwa asibuyi.
19
Waza watuma umkweli wehashe ngokwesibini, owafika kubo, wati: Utsho ukumkani ukuti: Luxolo na? Wayesiti u‐Jehu: Uxolo luyinto nina kuwe? jikela ngasemva kwam.
20
Waxela ke umlindi, esiti: Weza kubo, kodwa akabuyi; kanjako ukuqu̔ba kunjengokuqu̔ba kuka Jehu unyana ka‐Nimshi, ngokuba equ̔ba ngobugeza.
21
Wandula wati u‐Yorame: Bopa. Kwaza kwabotshwa inqwelwana yake. Wasuka wapuma u‐Yorame ukumkani wo‐Sirayeli, no‐Ahaziya ukumkani wo‐Juda, omnye nomnye enqwelwaneni yake; baye bepuma ukuya kukaulela u‐Jehu, bahlangana naye esahlulweni somhlaba sika‐Nabote um‐Yezerele.
22
Kwaye kute, nxa u‐Yorame wambona u‐Jehu, waza wati: Luxolo na, Jehu? Wayesiti: Luxolo olunina nxa imibulo ka‐Jezebele unyoko wako, nezenzo zobugqi zake, ziseninzi kangaka?
23
Waza u‐Yorame wasonga izandla zake, wesaba, wati ku‐Ahaziya: Kuko inkohliso, Ahaziya!
24
Kuloko u‐Jehu wabamba isipeta ngesandla sake, wambeta u‐Yorame pakati kwemikono yake, ukuba utolo lwapuma entliziyweni yake, waza watoba pantsi enqwelwaneni yake.
25
Wandula wati u‐Jehu ku‐Bidekare injengele yake: Funqula, umpose kwesosahlulo somhlaba sika‐Nabote um‐Yezerele: ngokuba kumbula, nxa sanxulumana mna nawe ukukwela emva kwo‐Ahabi uyise, okokuba uyehova wabeka pezu kwake lomgwebo wokuti:
26
Ngenyaniso igazi lika‐Nabote, negazi lonyana bake, ndilibonile izolo, utsho uyehova; ndandiya kupindezela kuwe kwesisahlulo somhlaba, utsho uyehova! Ngako kaloku, funqula, umpose kwesosahlulo somhlaba, njengalo ilizwi likayehova.
27
Kodwa u‐Ahaziya ukumkani wo‐Juda, akubona oku, wesaba ngendlela yendlu yomyezo. Wasuka u‐Jehu wamputuma, wati: Mbeteni naye enqwelwaneni. Benje njalo ke eqineni le‐Gure, elingase‐Yibelame; wandula wesabela e‐Megido, wafa kona.
28
Zaza izicaka zake zamsa ngenqwelwana e‐Yerusaleme, zamncw̔aba encw̔abeni lake ndawonye noyise bake esixekweni sika‐Davide.
29
Ngomnyaka weshumi elinamnye ka‐Yorame unyana ka‐Ahabi, waba ngukumkani u‐Ahaziya pezu kwo‐Juda.
30
Wada watika u‐Jehu e‐Yezerele. Wati akuva u‐Jezebele, wafaka amehlo ake iqabo, wayenza ntle intloko yake, wakangela pandle ngefenstile.
31
Nxa u‐Jehu abengena esangweni, wandula wati: Bekuko uxolo na ku‐Zimri, owabulalayo inkosi yake?
32
Waza wapakamisa ubuso bake ngasefenstileni, wati: Ngubanina ongecala lam? ngubanina? Kwaza kwakangela pandle ngakuye abatenwa babini umhlaumbi batatu.
33
Wayesiti: Mkahleleni pantsi. Bamkahlela pantsi ke; kwaza kwasasazwa kwigazi lake pezu kwodonga, napezu kwamahashe; wamnyatela kanjalo.
34
Waza wangena, wadla wasela nokusela, wati: Yiyani nikangele lomfazi oqalekisiweyo, nimncw̔abe, ngokuba eyintombi yokumkani.
35
Basuka baya ukumncw̔aba; kodwa abafumana nto kuye, kupela lukakai, nenyawo, nentende zezandla.
36
Ngako babuya beza, bamxelela. Wayesiti: Le nto lilizwi likayehova, elo walitetayo ngesicaka sake u‐Elija um‐Tishebi, lisiti: Enqeleni yase‐Yezerele izinja ziya kuyidla inyama ka‐Jezebele:
37
saye isidumbu sika‐Jezebele siya kuba njengomgquba pezu kwobuso bomhlaba, enqeleni yase‐Yezerele; ukuba akuyi kutiwa: Lo‐ungu‐Jezebele.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25