bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 17
2 Kings 17
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 18 →
1
NGOMNYAKA weshumi linesibini ka‐Ahazi ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Hosheha unyana ka‐Ela e‐Samariya pezu kwo‐Sirayeli, wapata ubukumkani iminyaka yalitoba.
2
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; kodwa bekungenjengabo okumkani bo‐Sirayeli abebeko pambili kuye.
3
Kwenyuka ngakuye u‐Shalemanesere ukumkani we‐Asiriya; waza u‐Hosheha waba ngumkonzi wake, wanikela kuye umnikelo.
4
Kodwa ukumkani we‐Asiriya wafumana ingcebo ku‐Hosheha, ekubeni wabetumile izigidimi ku‐Soe ukumkani we‐Jipete, nokuba engasanga umnikelo kukumkani we‐Asiriya, njengokuba ebenje njalo ngomnyaka ngomnyaka; ngako ukumkani we‐Asiriya wamvalela, wamnxiba entolongweni.
5
Waza wenyuka ukumkani we‐Asiriya waya kulo lonke ilizwe; wenyukela nase‐Samariya, wayivingcela iminyaka yamitatu.
6
Ngomnyaka wesitoba ka‐Hosheha wayibamba ukumkani we‐Asiriya i‐Samariya, wabafudusela o‐Sirayeli e‐Asiriya, wabahlalisa e‐Halahi, nase‐Habore, ngasemlanjeni we‐Gozane, nasezixekweni zama‐Medi.
7
Ngokuba kube kute, ukuba usapo luka‐Sirayeli lube lwonile ngakuye uyehova, utixo walo, owabelunyusile elizweni le‐Jipete, kwa pantsi kwesandla sika‐Faro ukumkani we‐Jipete, nokuba beluboyikile otixo bambi,
8
lwahamba emimisweni yabaheyideni, abete uyehova wabagqogqa pambi kwosapo luka‐Sirayeli, nakweyokumkani bo‐Sirayeli, leyo bebeyenzile.
9
Lwati usapo luka‐Sirayeli kanjalo lwenza ngasese izinto ezingafanelekileyo ngakuye uyehova, utixo walo, lwazakela indawo ezipakamileyo kuzo zonke izixeko zalo, kwa kuyo inqaba yabalindi kude kwakuso isixeko esinqatyisiweyo.
10
Lwazimisela intsika zamatye, ne‐Ashera, pezu kwazo zonke induli ezinde, nangapantsi kwayo yonke imiti eluhlaza.
11
Lwaqumisa kwa kona kuzo zonke indawo ezipakamileyo, njengabaheyideni abebafudusile uyehova ebusweni balo; lwenza nezinto ezikohlakeleyo ukumqumbisa uyehova:
12
ngokuba belukonza izitixwana, abete uyehova kulo ngazo: Aniyi kuyenza lento.
13
Waye uyehova ebenqi̔nile ngako‐Sirayeli, nangako‐Juda, ngabo bonke abaprofite, nabo bonke ababoni, esiti: Guqukani kuzo indlela zenu ezikohlakeleyo, nigcine imiyalelo yam n emimiso yam, njengawo wonke umteto endibayaleleyo oyihlo benu, nendiwutumileyo kuni ngesandla sezicaka zam abaprofite.
14
Abapulapula noko, kodwa benza lukuni intamo yabo, njengentamo yoyise babo, abebengakolwa nguyehova, utixo wabo.
15
Balahla nemimiso yake, nocebano lwake owabelwenzile noyise babo, nezinqi̔no zake abezinqi̔nile ngakubo, bahamba emva kwokungendawo, bada baba ngabangendawo, nasemva kwabaheyideni ababangqongayo, abo uyehova ebebayalele ukuba mabangenzi njengabo.
16
Baye beshiya yonke imiyalelo kayehova, utixo wabo, bazenzela imifanekiso etyityishiweyo, amatole amabini; bazenza i‐Ashera, bazitoba kuwo wonke umkosi wezulu, bamkonza u‐Bali.
17
Kanjako badlulisa onyana babo nentombi zabo emlilweni, benza ngokulaula nangobugqi, bazitengisela ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, ukumqumbisa.
18
Ngako uyehova wabequmbile kakulu ngako‐Sirayeli, wabasusa ebusweni bake; bekungeko oseleyo, kupela isizwe sika‐Juda sodwa,
19
no‐Juda abayigcina bona imiyalelo kayehova, utixo wabo; kodwa bahamba emimisweni yo‐Sirayeli, leyo bebeyenzile.
20
Waza uyehova wayilahla yonke inzalo ka‐Sirayeli, wababandezela, wabanikela esandleni sabatimbi, wada wabagxota ebusweni bake.
21
Ngokuba wabaṙazula o‐Sirayeli kuyo indlu ka‐Davide; bati bona bamenza u‐Jerobome unyana ka‐Nebati ukumkani: waza u‐Jerobome wabakukulisa o‐Sirayeli ekumlandeleni uyehova, wabenza bone isono esikulu.
22
Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwahamba ngazo zonke izono zika‐Jerobome owabezenzile; alwapambuka kuzo;
23
wada uyehova wabasusa o‐Sirayeli ebusweni bake, njengokuba ebetetile ngazo zonke izicaka zake abaprofite. Kwa njalo o‐Sirayeli bebefuduswa emhlabeni wabo bafudus elwa e‐Asiriya, kwada kwanamhla nje.
24
KEKALOKU ukumkani we‐Asiriya wavelisa abantu e‐Babilone, nase‐Kuta, nase‐Hava, nase‐Hamati, nase‐Sefarevayime, wabahlalisa ezixekweni zase‐Samariya esikundleni salo usapo luka‐Sirayeli; baza bafuya i‐Samariya, bahlala ezixekweni zayo.
25
Kwabekute ekuqaleni kwokuhlala kwabo kona, babe bengamoyiki uyehova; waza uyehova watuma pakati kwabo ingonyama, ezababulalayo inxenye.
26
Ngako bateta kukumkani we‐Asiriya, besiti: Izizwe ozifudusileyo, nozihlalisileyo ezixekweni zase‐Samariya, azilazi isiko lake utixo welizwe; ngako utumile ingonyama pakati kwazo, kanjalo bona ke, zizibulala, ngokokuba zingalazi isiko lake utixo welizwe.
27
Waza waxela ukumkani we‐Asiriya, esiti: Mseni apo omnye kubaperisite enibe nibafudusa kwa kona; mabaye bahlale kona: andule azifundise isiko lake utixo welizwe.
28
Wandula weza omnye kubaperisite abebebafudusile e‐Samariya, wahlala e‐Betele, wazifundisa ukuba ngazisiti nina ukumoyika uyehova.
29
Noko zibe zisenza isizwe ngesizwe otixo bazo, zababeka ezindlwini zendawo ezipakamileyo, ezibe zenziwe ngama‐Samariya, isizwe ngesizwe ezixekweni zazo, ezo zahlala kuzo.
30
Amadoda ase‐Babilone enza u‐Sukote‐benote, namadoda ase‐Kuta enza u‐Neregali, namadoda ase‐Hamati enza u‐Ashima,
31
nama‐Hava enza u‐Nibehazi no‐Tiretaki, nama‐Sefarevayime wona atshisa abantwana bawo emlilweni ku‐Adrameleki no‐Hanameleki, otixo base‐Sefarevayime.
32
Bamoyika uyehova kanjalo, bazenzela abaperisite bendawo ezipakamileyo kulo lonke inani labo, ababenzelayo amadini ezindlwini zendawo ezipakamileyo.
33
Uyehova bamoyika, notixo babo babakonza, njengesiko lezizwe ababe befudusiwe kuzo.
34
Kude kube namhla nje bayenza ngamasiko apambili: abamoyiki uyehova, abenzi ngezimiselo zabo, nangezigwebo zabo, nangomteto, nangomyalelo, owona uyehova waluyalelayo usapo luka‐Yakobi, lowo wamtiyayo igama elingu‐Sirayeli:
35
abete uyehova wenza ucebano nalo, waluyalela, esiti: Aniyi kwoyika otixo bambi, aniyi kutoba pambi kwabo, aniyi kubakonza, aniyi kubingelela kubo;
36
kodwa uyehova, obeninyusa elizweni le‐Jipete ngamandla amakulu nangengalo eyolulweyo, nguye eniya kumoyika, napambi kwake niya kutoba, nakuye niya kubingelela.
37
Nezimiselo, nezigwebo, nomteto, nomyalelo, aniba̔lele zona, niya kulumkela ukuzenza imihla yonke; aniyi kuboyika otixo bambi.
38
Nocebano endilwenzileyo nani aniyi kulibala lona; aniyi kuboyika otixo bambi.
39
Koko uyehova, utixo wenu, niya kumoyika: waye yena eya kunihlangula esandleni sazo zonke intshaba zenu.
40
Abapulapula noko, kodwa benza ngalo isiko labo lapambili.
41
Kwa njalo ezizizwe zamoyika uyehova, nemifanekiso eqingqiweyo yazo zayikonza; kanjako abantwana bazo, nabantwana babantwana bazo, njengokuba bebesenza oyise babo, bayenza bona kude kube namhla nje.
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25