bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 21
2 Kings 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 22 →
1
EBEYIMINYAKA ilishumi linesibini u‐Manase ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mahlanu anamihlanu e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Hefetsiba.
2
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengento ezibuntshontsho zabaheyideni, ababegqogqiwe nguyehova pambi kwalo usapo luka‐Sirayeli.
3
Ngokuba wabuya wazaka indawo ezipakamileyo, ezo u‐Hezekiya uyise wake ubezitshabalalisile; wamisela u‐Bali izibingelo, wenza umfanekiso ka‐Ashera, njengokuba ebenje njalo u‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, wazitoba kuwo wonke umkosi wezulu, wawukonza.
4
Waka izibingelo nasendlwini kayehova, owabesiti uyehova ngayo: e‐Yerusaleme ndiya kubeka igama lam.
5
Wakela nawo wonke umkosi wezulu izibingelo, emabaleni omabini endlu kayehova.
6
Wayedlulisa unyana wake emlilweni, wenza ngobugqi, walaula, wenzelana nemishologu namatola: wandisa ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, ukumqumbisa.
7
Kanjako wabeka umfanekiso oqingqiweyo ka‐Ashera abewenzile endlwini, owabesiti uyehova ngayo ku‐Davide naku‐Solomone unyana wake: Kulendlu, nakuyo i‐Yerusaleme, endiyinyulileyo kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, ndiya kubeka igama lam kude kube ngunapakade:
8
ndandingayi kupinda ukushukumisa inyawo zo‐Sirayeli emhlabeni, endiwunikileyo koyise babo; kupela ukuba baya kulumkela ukwenza ngako konke endibayaleleyo, nangawo wonke umteto sibe sibayalela wona isicaka sam u‐Mosesi.
9
Abapulapula noko: ngokuba u‐Manase wabadungudelisa, bada bakwenza okukohlakeleyo ngapezu kwabaheyideni, abo wabatshabalalisayo uyehova pambi kwalo usapo luka‐Sirayeli.
10
Waza wateta uyehova ngezicaka zake abaprofite, esiti:
11
Ngenxa yokuba u‐Manase ukumkani wo‐Juda ezenzile ezizinto zibuntshontsho, esenza ngokukohlakeleyo nje ngapezu kwako konke ababekwenza aba‐Amori, abebepambili kuye, nokuba ebenzile no‐Juda bone ngezitixwana zake;
12
ngako oko, utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa ilishwa pezu kwe‐Yerusaleme no‐Juda, aya kuti osukuba eliva, indlebe zake zombini ziyakukenceza.
13
Ngokuba ndiya kwolula pezu kwe‐Yerusaleme intambo ye‐Samariya, nesilinganiso sendlu ka‐Ahabi; ndandiya kusula i‐Yerusaleme njengokuba umntu esula isikotile; o sisulayo, andul’ ukusipetula pezu kwobuso baso.
14
Kanjalo ndiya kulahla abaseleyo belifa lam, ndibanikele esandleni sentshaba zabo; boba yinto yokupangwa neyokutinjwa kuzo zonke intshaba zabo;
15
ngenxa yokuba bekwenzile okukohlakeleyo emehlweni am, nokuba bendiqumbisile, kwa semhleni ababepuma oyise babo e‐Jipete, kwada kwanamhla nje.
16
Nakanjako igazi elingenatyala walipalaza u‐Manase ngento eninzi kakulu, wada wazalisa i‐Yerusaleme kwa kwenye incam kude kwakwenye; ngapandle kwesono sake owabenza o‐Juda bone ngaso, ngokwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova.
17
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Manase, nako konke abekwenza, nesono sake wona ngaso, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda?
18
Wada u‐Manase walala noyise bake, wancw̔atywa emyezweni wendlu yake, emyezweni ka‐Huza; waza u‐Amoni unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
19
EBEYIMINYAKA imashumi mabini anesibini u‐Amoni ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamibini e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Meshulemete, intombi ka‐Harutse, owase‐Yoteba.
20
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengokuba ebenje njalo u‐Manase uyise.
21
Ngokuba ebehamba kuyo yonke indlela owahamba ngayo uyise; wakonza izitixwana abezikonzile uyise, watoba pambi kwazo:
22
wamshiya uyehova, utixo woyise bake; akahamba endleleni kayehova.
23
Zaza izicaka zika‐Amoni zaceba ngakuye, zamfisa ukumkani kweyake indlu.
24
Kodwa abantu belizwe babulala bonke abebecebile ngakuye ukumkani u‐Amoni: bandula abantu belizwe bamenza u‐Josiya unyana wake ukumkani esikundleni sake.
25
Nesisalela semicimbi ka‐Amoni, oko wakwenzayo, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda?
26
Waza wancw̔atywa encw̔abeni lake emyezweni ka‐Huza; wati u‐Josiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25